bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Zechariah 9
Zechariah 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 10 →
1
UMGWEBO welizwi likayehova ngakulo ilizwe le‐Haderaki, lowo i‐Damakusi yoba yindawo yokupumla kwawo, oko aya kubeka ngakuyehova amehlo abantu, nawezizwe zonke zo‐Sirayeli.
2
Kwa ne‐Hamati e hlangana nomda walo; i‐Tire, ne‐Tsidone, nakuba ilumkile kakulu.
3
Nangona i‐Tire izakele inqaba, yafumbelela isilivere njengotuli, negolide njengodaka lwezitarate;
4
bona ke, inkosi iya kuyigxota, nobutyebi bayo yobuwisela elwandle, nayo yona iya kudliwa ngumlilo.
5
I‐Ashekelone yobona, yoyike: yobona ne‐Gaza, itutumele kakulu; ne‐Hekrone, ngokuba itemba layo lidanisiwe; kanjalo ukumkani wobuba e‐Gaza, ne‐Ashekelone ayiyi kumiwa.
6
Owolunye uhlanga uya kuhlala e‐Ashedode, ner̔atshi lama‐Filistiya ndolinqumla.
7
Igazi lake ndolisusa emlonyeni wake, nezinto zake ezizondekileyo kwa pakati kwamazinyo ake; waye kwa yena eya kusalela utixo wetu: ewe, woba njengenkosi kwa‐Juda, ne‐Hekrone njengom‐Yebusi.
8
Ndandiya kuyipahla indlu yam ngenxa yempi, ngenxa yedlulayo, nangenxa yebuyayo; kwaye kungayi kubuya kudlule pakati kwabo umbandezeli; ngokuba kaloku ndibonile ngamehlo am.
9
Gcoba kakulu, ntombi yase‐Ziyone! danduluka, ntombi yase‐Yerusaleme! bona ke, ukumkani wako uyeza kuwe; elungile, enosindiso, elulamile, ekwele eqwaṙasheni, kwa seqwaṙashaneni elilitole leqwaṙashekazi.
10
Inqwelo ndiya kuyinqamla kwa‐Frayime, nehashe e‐Yerusaleme; siya kunqanyulwa nesipeta sokulwa; waeya kuteta uxolo kubaheyideni; nobukosi bake boba kwa selwandle kude kube selwandle, nakuwo umlambo kude kube sezincanyeni zomhlaba.
11
Kanjako wena, ngegazi locebano lwako, ndibaku̔pile ababanjwa bako emnxunyeni ekungeko amanzi kuwo.
12
Buyelani enqatyeni, nina babanjwa abanetemba! ndiyaxela kwa namhla ukuba ndobuyisela kuwe ngokupindiweyo;
13
ngokuba ndizigobele u‐Juda, isipeta ndisizalisile ngo‐Frayime, nonyana bako, Ziyone! ndibavusile ngakubo onyana bako, Javane! ndandikwenzile njengesiṙele soligoṙa.
14
Waye uyehova eya kubonakala ngenxa yabo, nentolo zake ziya kupuma njengemibane; ewe, inkosi e nguyehova yovutela ngexilongo, ihambe ezaqwitini zasesuyide.
15
Uyehova wemikosi wobakusela; baya kudla, banyatele pantsi amatye okusaula; baya kusela, baya kuxokozela, njeng abasela iveyine; boba bezele njengendebe, njengamagumbi esibingelo.
16
Waeya kuti uyehova, utixo wabo, abasindise ngomhla lowo, njengokuba bengumhlambi wabantu bake; ngokuba beya kuba njeng amatye esitsaba, ezipakamisa pezulu pezu kwelizwe lake.
17
Ngokuba kukulu kangakananina ukulunga kwake! bukulu kangakananina ubuhle bake! inqolowa yocu̔misa amadodana, neveyine entsha yocu̔misa intombi.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14