bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Zechariah 14
Zechariah 14
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
1
Bona ke, umhla kayehova uyeza, nxa amaxoba ako aya kwabiwa pakati kwako.
2
Ngokuba ndiya kuhlanganisa izizwe zonke ngakuyo i‐Yerusaleme kuze kuliwe; soti isixeko sibanjwe, nezindlu zipangwe, nabafazi badlwengulwe; isiqingata sesixeko siya kupuma ngokutinjwa, kodwa abantu abaseleyo abayi kunqanyulwa esixekweni.
3
Waeya kupuma uyehova, alwe nezizwe ezo, njengokuya abesilwa emhleni wokulwa.
4
Inyawo zake ziya kuma ngomhla lowo pezu kwentaba yeminquma, epambi kwe‐Yerusaleme ngecala lipuma ilanga; yoti intaba yeminquma icandeke pakati kwayo, ngasempumalanga, nangasentshonalanga, ibe ngumhlambo omkulu kakulu; esinye isiqingata sentaba sokwelela ngasenode, nesinye isiqingata ngasesuyide.
5
Naniya kwesabela emhlanjeni wentaba zam; ngokuba umhlambo wentaba ezo uya kufikelana ne‐Atsele: ewe, niya kwesaba njengokuya nibe nisaba pambi kwesingcangcazelo somhlaba, emihleni ka‐Huziya ukumkani wo‐Juda; ngokuba uyehova, utixo wam, eya kuza, bonke abangcwele benawe.
6
Kwakuya kuti ngomhla lowo, akuyi kubako ukukanya; izikazimlo zezulu zofinyela.
7
Kodwa kwobako umhla owodwa, (uyaziwa wona nguyehova,) ungeyiyo imini, ungebubo nobusuku; ngokuba kuya kuti, ngexesha lokuhlwa kuya kubako ukukanya.
8
Kwakuya kuti ngomhla lowo, amanzi apilileyo opuma e‐Yerusaleme; esinye isiqingata sawo oya elwandle lwapambili, nesinye isiqingata sawo oya elwandle lwasemva; kwoba njalo ehlotyeni nasebusika.
9
Waye uyehova eya kuba ngukumkani pezu kwomhlaba wonke: ngomhla lowo kwobako uyehova yedwa, negama lake lodwa.
10
Ilizwe lonke loguqulwa libe njengetafa kwa se‐Geba kude kube se‐Rimone, ngasesuyide ne‐Yerusaleme; yaiya kupakanyiswa, ihlale endaweni yayo, kwa kulo isango lika‐Benjamine kude kube sendaweni yesango lokuqala, esangweni lamagumbi; na kuyo inqaba ye‐Hananele kude kube sezifatyeni zeveyine zokumkani.
11
Kwakuya kuhlalwa kuyo; akusayi kubako siqalekiso kanjako; koko i‐Yerusaleme iya kuhlala ngokunqaba.
12
Esi siya kuba sisibulawa, aya kuti uyehova ngaso abulale bonke abantu abalwileyo ngakuyo i‐Yerusaleme: inyama yabo yongcungcuteka besemi bona pezu kwenyawo zabo, namehlo abo ongcungcuteka ezintunjeni zawo, nolwimi lwabo lwongcungcuteka emlonyeni wabo.
13
Kwakuya kuti ngomhla lowo, kwobako impitizelo enkulu ivela kuyehova pakati kwabo, ade omnye abambe isandla somnye, siti isandla sake sinyuke ngakuso isandla somnye.
14
Kanjalo o‐Juda nabo baya kulwa e‐Yerusaleme; kwakuya kubutwa ubutyebi bazo zonke izizwe ezingqongayo, igolide, nesilivere, nezivato, ngento eninzi kakulu.
15
Soba kwa njalo isibulawa samahashe, n esamaqwaṙara, n esenkamela, nesamaqwaṙashe, nesazo zonke izilo eziya kubako eminqubeni leyo, njengaso esisibulawa.
16
Kwakuya kuti, bonke abaseleyo kuzo zonke izizwe eziya kuza ngakuyo i‐Yerusaleme, baya kunyuka kwiminyaka ngeminyaka ukuya kumbedesha ukumkani, uyehova wemikosi, nokuwenza umtendeleko wamapempe.
17
Kwakuya kuti, abo basukuba benganyuki, kuzo izizalwane zomhlaba, ukuya e‐Yerusaleme, ukumbedesha ukumkani, uyehova wemikosi, kwa pezu kwabo akuyi kubako imvula.
18
Nesizalwane sama‐Jipete, ukuba asinyuki, nokuba asizi, ekungeko pezu kwawo imvula, kwobako kona isibulawa, aya kuti uyehova ngaso abulale izizwe ezingayi kunyuka ukuya kuwenza umtendeleko wamapempe.
19
Oku kwoba kukubetwa kwama‐Jipete, nokubetwa kwazo zonke izizwe ezingayi kunyuka ukuya kuwenza umtendeleko wamapempe.
20
Ngomhla lowo kwobako pezu kwentsimbi ezikencezayo zamahashe isibalo sokuti: Ubungcwele kuyehova; nembiza ezisendlwini kayehova zona ziya kuba njengendebe ezipambi kwesibingelo.
21
Ewe, zonke imbiza ezise‐Yerusaleme nakwa‐Juda zoba bubungcwele kuyehova wemikosi; babeya kuza bonke ababingayo, batabate kuzo, bapeke kuzo; kanjalo akusayi kuba sabako um‐Kanane endlwini kayehova wemikosi ngomhla lowo.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14