bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Numbers 10
Numbers 10
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 11 →
1
*UNdikhoyo wabiza uMosis, wathi:
2
“Thatha isiliva, uyibumbe wenze amaxilongo amabini, khon' ukuze uwavuthele xa ubiza ibandla lamaSirayeli, naxa kufuneka kundulukwe.
3
Xa evuthelwe omabini enza umtyangampo, ibandla lonke likaSirayeli liya kuqokelelana phambi kwakho esangweni *lesibingelelo.
4
Ukanti ke xa kutso lalinye kuphela, koza kuwe iinkokheli zezindlu zodwa.
5
Xa ufuna kunduluke izindlu ezikwicala lasempuma, uze ulivuthele litsho ngezinqam.
6
Xa uziphinda ezo zinqam zexilongo, kuya kunduluka izindlu ezikwicala langezantsi. Ngoko ke xa ixilongo lisitsho ngeziqwenga zezinqam, loba lisithi makundulukwe.
7
Kodwa ke xa kufuneka uSirayeli ephela ahlangane, ixilongo liya kutsho ngomtyangampo.
8
“Amaxilongo lawo ke makavuthelwe ngoonyana baka-Aron ababingeleli. Lo ke ngummiselo kuwe nezizukulwana ezizayo.
9
“Xa kuthe kwafuneka ukuba nihlasele isizwe esinitshutshisayo kwelakowenu, vakalisani ngexilongo ukuba ilizwe lifile. Ke mna Ndikhoyo, Thixo wenu, ndoba ngakuni, ndinihlangule kwezo ntshaba.
10
Kanti ke nangamathuba emibhiyozo – ukuthwasa kwenyanga nangamaxesha amatheko – hlokomisani amaxilongo xa nisenza amadini atshiswayo nawobudlelwana; aya kundikhumbuza ngani; kaloku ndinguNdikhoyo, uThixo wenu.”
11
Ngomhla wamashumi amabini kwinyanga yesibini yonyaka wesibini amaSirayeli andulukayo eJiputa, ilifu *elalisesibingelelweni lacombuluka laphakama.
12
AmaSirayeli ke afuduka ev' endleleni, ayishiya intlango yeSinayi. Ke kaloku ilifu elo lahamba laza lafika lafukama kwintlango yeParan.
13
Aqala ke ngoku amaSirayeli ahamba ngamabanga ngokweziyalo *zikaNdikhoyo kuMosis.
14
Maxa onke amabutho awo ayehlala ebambe ucwangco, etsho ngomngcelele. Abokuqala yaba ngabaphantsi kwembasa yendlu kaJuda, bengamabutho ngamabutho, bekhokelwa nguNashon unyana ka-Aminadabhi.
15
Ke yena uNataniyeli, unyana kaZuware, wayekhokele indlu kaIsakare;
16
waza yena uEliyabhi, unyana kaHelon, wakhokela indlu kaZebhulon.
17
Yathi ke yakuncothulwa intente yesibingelelo yathathwa ngabaLevi bakwaGershon nakwaMerari, banduluka.
18
Kwaza ke kwanduluka abembasa yendlu kaRubhen bengamabutho ngamabutho, bekhokelwa nguElizure, unyana kaShedeyure.
19
Abendlu kaSimon bona bakhokelwa nguShelumiyeli, unyana kaZurishadayi;
20
baza abendlu kaGadi bakhokelwa nguEliyasafu, unyana kaDuweli.
21
Ke bona abaLevi bakwaKohati balandela bephethe ezingcwele zesibingelelo. Bathi befika apho kwakumiswe khona, saba isibingelelo sesimisiwe kwakhona.
22
Nabo abaphantsi kwembasa yendlu kaEfrayim banduluka, amabutho ngamabutho, bebhexeshwa nguElishama, unyana ka-Amihudi.
23
Kanti ke bona abendlu kaManase babephantsi kukaGamaliyeli, unyana kaPedazure;
24
baza abendlu kaBhenjamin bakhokelwa nguAbhidan, unyana kaGidiyoni.
25
Emva ke kwakungcambaza abo baphantsi kwembasa yendlu kaDan, bengamabutho ngamabutho, bebhexeshwa nguAhiyezere, unyana ka-Amishadayi.
26
Bona abendlu ka-Ashere babekhokelwa nguPagiyeli, unyana kaOkran;
27
waza yena uAhira, unyana kaEnan, wakhokela indlu kaNafetali.
28
Nantso ke indlela owawusima ngayo umngcelele wamaSirayeli eluhambeni lwawo.
29
Ke kaloku uMosis wathetha noHobhabhi usibali wakhe ongunyana kaJetro waseMidiyan, wathi: “Ke ngoku, sibali, sekumbovu ukuba sinduluke sijonge ukuya kungena kwelo lizwe uNdikhoyo wathembisa ukusinika lona. Wasithembisa ukuba uSirayeli uya kuhluma. Ngoko ke hamba nathi, ukuze siyixhamle kunye loo nyhweba yenkqubela.”
30
UHobhabhi walandula wathi: “Hayi, andinako, sibali. Ndifuna ukuphindela kwelakowethu.”
31
UMosis wambongoza wathi: “Hayi kaloku, ungathini ukusishiya, inguwe nje oyaziyo le ntlango. Wena unako ukusikhokela, usibonise apho sifanele ukumisa khona.
32
Xa unokuhamba nathi siya kuyixhamla kunye inyhweba yentlala-kahle asibabala ngayo uNdikhoyo.”
33
Ukuyishiya kwawo amaSirayeli loo ntaba ingcwele, iSinayi, ahamba iintsuku ezintathu. Ke yona ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo yayisoloko ihamba phambili, ibakhangelela indawo yokuphumla.
34
Nanini na benduluka ilifu likaNdikhoyo lalijinga phezu kwabo.
35
Xa iphumayo ityesi yomnqophiso uMosis wayedanduluka athi: “Hoyina, Ndikhoyo, vuka wenz' iziqwenga, uzichitha-chithe iintshaba zakho, ubaswantsulise abakuthiyileyo!”
36
Apho iphumla khona ke uMosis wayesithi: “Khawubuye, Ndikhoyo, ufukame phakathi kwamawaka-waka akwaSirayeli!”
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36