bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Numbers 31
Numbers 31
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 30
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 32 →
1
*UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi:
2
“Phambi kokuba ungabikho amaSirayeli makaziphindezele kumaMidiyani ngenxa yento awayenzayo.”
3
Ngoko ke uMosis wayalela amaSirayeli, wathi: “Xhobisani amadoda omkhosi ukuze ahlasele amaMidiyani, aphindezele ngenxa kaNdikhoyo.
4
Indlu nganye mayikhuphe iwaka lamadoda.”
5
Indlu nganye ke yakhetha yakhupha iwaka lamadoda, aza ke ewonke alishumi elinambini lamawaka alibophe aligangatha.
6
UMosis ke wawukhupha lo mkhosi, uhamba nombingeleli uPineyasi unyana kaElazare. Yena waya edabini ephethe izitya ezingcwele namaxilongo okuhlaba umkhosi.
7
Ngokomlomo kaNdikhoyo ke bawahlasela amaMidiyani, bawatshabalalisa onke amadoda,
8
kunye neekumkani ezintlanu zamaMidiyani: uEvi, uRekem, uZure, uYuri, noRebha. Bambulala noBhalam unyana kaBhehore.
9
AmaSirayeli athimba abafazi bamaMidiyani nabantwana bawo, ayithatha yonke imfuyo yawo, azenzela nakubutyebi bawo.
10
Ke zona iidolophu nemizana azitshisa ngomlilo zonke.
11
Amabanjwa nemfuyo nako konke ababekuthimbile bakuthatha
12
bakusa kuMosis noElazare noSirayeli ephela. Bona ke babemise kumathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko.
13
UMosis, noElazare, neenkulu zezindlu zamaSirayeli, baphuma baya kuhlangabeza umkhosi.
14
UMosis wakhathazeka sisenzo sabaphathi neengqwayi-ngqwayi zamabutho namaqela awayevela emfazweni.
15
Wabuza wathi: “Ngani ukuba ningababulali aba bafazi?
16
Senilibele ngoku ukuba yayingabafazi abâlandela icebo likaBhalam, baza bawawexula amaSirayeli, amvukela *uNdikhoyo ePehore? Kaloku nantso into eyehlisela abantu bakaNdikhoyo ngobhubhani.
17
Ngoko ke wabulaleni onke amakhwenkwe ngokunjalo nabafazi.
18
Ke wona amantombazana kunye neentombi zigcineleni.
19
Bonke ke kuni ababuleleyo nabathe bachukumisa izidumbu mabahlale ngaphandle komzi iintsuki zibe sixhenxe. Ngosuku lwesithathu nolwesixhenxe zihlambululeni ndawonye nâbo nibathimbileyo.
20
Ngokunjalo ke hlambululani yonke into eyeyokunxiba, nayo yonke into eyenziwe ngofele, uboya bebhokhwe, okanye umthi.”
21
Umbingeleli uElazare wathetha naloo madoda awayevela emfazweni, wathi: “Nantsi imimiselo enikelwe uMosis nguNdikhoyo.
22
Uthe yonke into engatshiyo enjengegolide, isiliva, ubhedu, intsimbi, inkcenkce, okanye ilothe, mayihlanjululwe ngokufakwa emlilweni, ize ifakwe emanzini okuhlambulula. Izinto ezizezinye ke zona zohlanjululwa ngamanzi okuhlambulula kuphela.
24
Ngosuku lwesixhenxe ke kofuneka nizihlambe iimpahla zenu; xa kunjalo ke noba nihlambulukile ngokusesikweni, nibe nako nokungena emzini.”
25
*UNdikhoyo wayalela uMosis, wathi:
26
“Thatha uElazare neenkulu zezindlu zamaSirayeli, nibale yonke into eniyithimbileyo kunye namabanjwa nemfuyo.
27
Onke amaxhoba lawo wahluleni kubini ngokulinganayo. Esinye isahlulo soba sesamajoni, esinye ke sibe sesebandla lonke.
28
Kwisahlulo samajoni thathani umrhumo kaNdikhoyo; wona ke woba libanjwa elinye kwangamakhulu amahlanu. Nosebenzisa kwaloo mlinganiselo ke nakwimfuyo.
29
Ezi zinto ke nozinika umbingeleli uElazare, zingumrhumo owodwa kaNdikhoyo.
30
Ke kwisahlulo samaSirayeli thathani libe linye kumabanjwa angamashumi amahlanu, niqhube kwangaloo mlinganiselo ke nakwimfuyo. Ezi zinto ke zona zinikeni abaLevi abo balusa *isibingelelo.”
31
UMosis noElazare ke bazenza zonke ezi zinto ngokwelizwi likaNdikhoyo.
32
Nalu ke uludwe lwamaxhoba awathinjwa ngumkhosi xa ewonke: amakhulu amathandathu namashumi asixhenxe anantlanu amawaka eegusha neebhokhwe;
33
amashumi asixhenxe anambini amawaka eenkomo;
34
amashumi amathandathu ananye amawaka eedonki;
35
namashumi amathathu anambini amawaka amantombazana kunye neentombi.
36
Ke isahlulo samajoni saba ngamakhulu amathathu namashumi amathathu anesixhenxe samawaka namakhulu amahlanu eegusha neebhokhwe;
37
waza ke umrhumo kaNdikhoyo wangamakhulu amathandathu anamashumi asixhenxe anantlanu.
38
Zona iinkomo zangamashumi amathathu anesithandathu amawaka; aza ke amashumi asixhenxe anambini aba ngumrhumo kaNdikhoyo.
39
Iidonki ke zona zazingamashumi amathathu amawaka namakhulu amahlanu; waza ke wona umrhumo kaNdikhoyo waba ngamashumi amathandathu ananye.
40
Iintombi namantombazana zaba lishumi elinesithandathu lamawaka; umrhumo kaNdikhoyo ke waba ngamashumi amathathu anambini.
41
Ngokomlomo kaNdikhoyo ke uMosis wawugqithisela kuElazare loo mrhumo uwodwa kaNdikhoyo.
42
Ke isahlulo samaSirayeli sasifana, silingana neso samajoni:
43
amakhulu amathathu anamashumi amathathu anesixhenxe amawaka, namakhulu amahlanu eegusha neebhokhwe;
44
amashumi amathathu anesithandathu amawaka eenkomo;
45
amashumi amathathu amawaka namakhulu amahlanu eedonki;
46
kunye neshumi elinesithandathu lamawaka eentombi namantombazana.
47
Kwesi sahlulo ke uMosis wathatha lalinye kumashumi amahlanu amabanjwa, ngokunjalo nakwimfuyo, wanika abaLevi ababesalusa isibingelelo ngokwelizwi likaNdikhoyo.
48
Ke kaloku abaphathi neengqwayi-ngqwayi zamabutho namaqela omkhosi baya kuxelela uMosis,
49
bathi: “Mhlekazi, siwabalile amajoni ebesiphume nawo; akukho nalinye elingekhoyo.
50
Nanku umnikelo ke ophuma kwizinto zegolide esizifumeneyo sonke ngabanye: imixhaka, iibhengile, imisesane, amacici, namaso. Sizinikela ukuba zibe sisicamagushelo sobomi bethu kuNdikhoyo.”
51
Ke uMosis noElazare bayamkela loo golide; yonke ke yayizizihombiso.
52
Uwonke ke loo mrhumo wabaphathi waba kwisituba samakhulu amabini eekhilogram ubunzima.
53
Ke ijoni ngalinye lazithathela amaxhoba.
54
Ngoko ke uMosis noElazare bayithatha igolide leyo, bayisa esibingelelweni, khon' ukuze ibe sisikhumbuzo samaSirayeli kuNdikhoyo.
← Chapter 30
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 32 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36