bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Numbers 27
Numbers 27
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 28 →
1
UMala, uNowa, uHogela, uMilika, noTiza, ziintombi zikaZelofehadi unyana kaHefere, kaGiliyadi, kaMakire, kaManase. Ngoko ke ziintombi zakwaManase unyana kaJosefu.
2
Ke zona zaya kuMosis noElazare umbingeleli, benamadoda amakhulu ndawonye noSirayeli ephela. Babehlanganisene esangweni *lesibingelelo.
3
Zafika zathi: “Utata wafela entlango engazalanga nyana. Akadibananga neqela likaKora elavukela *uNdikhoyo, koko yena wafela isono sakhe.
4
Ngani ukuba igama likabawo liduke kwaSirayeli ngokuba wayengenanyana? Sincede usinike isabelo nathi phakathi kwamawethu.”
5
Lo mcimbi uMosis wawusa kuNdikhoyo,
6
waza ke yena wathi:
7
“Iintombi zikaZelofehadi zenze isicelo esifanelekileyo, ngoko ke mazinikwe isabelo phakathi kwamawazo. Ilifa likayise maliwele kuzo.
8
“Yithi ke kumaSirayeli: ‘Xa indoda ife ingenanyana, ilifa layo malityiwe yintombi yayo.
9
Ukuba ke ayinantombi, ilifa layo loba lelabantakwayo.
10
Xa kuthe kanti ayinabantakwayo, ilifa malibe lelooyisekazi.
11
Kambe ke ukuba ayinabantakwayo nayisekazi, ilifa elo malinikwe nabani na osesona sizalwana sayo sisondeleyo. Eli siko ke amaSirayeli makalithobele njengomqathango ongundoqo, alenze njengoko ndikuyaleleyo mna Ndikhoyo.’ ”
12
*UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Nyuka uqabele intaba iAbharim, ulijonge ulibuke elo lizwe ndiza kulinika amaSirayeli.
13
Wakuba ulibonile ke, nawe uza kufa kwanjengoAron umntakwenu.
14
Kaloku nobabini nawuvukela umyalelo wam kwintlango iZin. Wathi uSirayeli akundikhalazela ngenxa yemeko yamanzi eMeribha nina nala ukusiphuhlisa isihomo samandla am phambi kwakhe.” (IMeribha ke ngumthombo oseKadeshe kwintlango iZin.)
15
Ke kaloku uMosis wathetha wenjenje:
16
“Ndikhoyo, Thixo wam, wena mthombo wobomi, nceda utyumbe indoda eya kulikhokela ibandla lakho,
17
enako ukungena iphuma ilikhokela, khon' ukuze usapho lwakho lungafani neegusha ezingenamalusi.”
18
UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Thatha uYoshuwa unyana kaNune, oyindoda endiyixhobise ngoMoya wam, ummisele ngokumbeka izandla.
19
Biza uSirayeli ephela, nombingeleli uElazare, uze uYoshuwa ummisele angene ezihlangwini zakho apho phambi kwabo.
20
Mahlulele amagunya akho, khon' ukuze ibandla lonke limthobele.
21
Ke yena uya kuxhomekeka kumbingeleli uElazare, kuba kaloku yena intando yam uya kuyaziswa *ziiurim neethumim. Ngale ndlela baya kubhexeshwa nguElazare kuyo yonke imicimbi yabo.”
22
Ke uMosis wenza ngokomyalelo kaNdikhoyo. UYoshuwa wammisa phambi kombingeleli uElazare ndawonye nebandla loonyana bakaSirayeli.
23
Ngokunjalo uMosis wambeka izandla uYoshuwa, wammisela ukuba angene ezihlangwini zakhe ngokwelizwi likaNdikhoyo.
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 28 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36