bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Numbers 4
Numbers 4
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 5 →
1
*UNdikhoyo wayalela uMosis noAron
2
ukuba babale abaLevi bakwaKohati ngokwezindlu nemizi yabo.
3
Wathi mababhalise onke amadoda akubudala obungamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka, onke awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni.
4
Umsebenzi wabo ke wawunxulumene nezona zinto zingcwele.
5
UNdikhoyo wayalela uMosis wenjenje: “Lakufika ixesha lokunduluka, uAron noonyana bakhe mabakhulule umkhusane ovalele ityesi yomnqophiso, bagqume ityesi leyo ngawo.
6
Mabayigqume ngesikhumba esisukiweyo, babeke ilaphu elizuba ngaphezulu, bandule ke ukufaka imiqobo yokubamba.
7
“Mabaneke ilaphu elizuba phezu kwetafile ehlala isonka esinikelwe uNdikhoyo, babeke iipleyiti phezu kwayo, nezitya zesiqhumiso, izitya zomnikelo, neendebe zomnikelo othululwayo. Ke isonka esihlala phezu kwetafile masingasuswa.
8
Phezu kwazo zonke ke ezi zinto baya kuthi wambu ilaphu elimfusa, baze balebele ngesikhumba esisukiweyo, bafake imiqobo yokubamba.
9
“Baya kuthatha ilaphu elizuba, bagqume isiphatho-zibane xa sisonke, isifinyiso saso, nezithetyana zaso, ngokunjalo nezitya zaso zeoyile.
10
Isibane nobuxhaka-xhaka baso mabasisonge ngesikhumba esisukiweyo, basibeke kumanqwanqwa okusiphatha.
11
“Iqonga legolide baya kuligquma ngelaphu elizuba, balebele ngesikhumba esisukiweyo, baze bafake imiqobo yokubamba.
12
Baya kuphinda ke bathathe izitya namacephe asetyenziswa esibingelelweni, bawasongele ngelaphu elizuba, bagqume ngesikhumba esisukiweyo, bazibeke phezu kwamanqwanqwa okuziphatha.
13
Mabasuse uthuthu kwiqonga lamadini, baligqume ngelaphu elimsobo.
14
Phezu kwalo ke mababeke zonke izinto ezisetyenziswa kulo: iipleyiti zomlilo, iifolokhwe, iifotsholo, nezitya. Kamva ke baya kuligquma ngesikhumba esisukiweyo, balifake imiqobo yokubamba.
15
Ngexesha lokuhamba ke kuya kuthi xa uAron noonyana bakhe sebegqibile ukuzisonga nokuziqoqosha zonke ezi zinto zingcwele, beze abakwaKohati, bazokuzithatha baziphathe. Kodwa ke mabangazichukumisi, hleze bafe. “Lo msebenzi wokuthwala impahla yesibingelelo ngumsebenzi wamaKohati nanini na xa kufudukwa.
16
“Ke yena uElazare, unyana ka-Aron, uya kongamela isibingelelo siphela, nako konke okwaso: ioyile yezibane, isiqhumiso, umnikelo weenkozo, namafutha okuthambisa – oko kukuthi isibingelelo nempahla yaso yangaphakathi.”
17
UNdikhoyo wabayalela ooAron noMosis, wathi
18
mababalumkele abakwaKohati bangasondeli kwezi zinto zingcwele, hleze bafe. Ukuthintela loo ngozi ke wathi uAron noonyana bakhe mabangene kuqala, babele ulowo nalowo umKohati umsebenzi nento aza kuyiphatha.
20
Kambe ke ukuba amaKohati angenile esibingelelweni, aza azibona nakancinane ezi zinto zingcwele, aya kufa.
21
*UNdikhoyo wayalela uMosis
22
ukuba abale abaLevi bakwaGershon ngokwezindlu nemizi yabo.
23
Wathi makabhalise onke amadoda akubudala obungamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka, onke awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni.
24
Umsebenzi wabo ke yayikukuphatha ezi zinto:
25
intente (eyangaphakathi neyangaphandle) nesigqubuthelo sayo, nesikhumba esisukiweyo, umkhusane wesango,
26
imikhusane neentsontela zenkundla jikelele, imikhusane yesango lenkundla, nazo zonke izixhobo ezisetyenziswa kwezi zinto. Umsebenzi wabo ke uya kunxulumana nezi zinto.
27
Wonke umsebenzi wawo amaGershon makawenze phantsi kweliso lika-Aron noonyana bakhe, abaya kuwayalela izinto amakazithwale namakazenze.
28
Le ke yimisebenzi yamaGershon esibingelelweni. Aya kuyenza ekhokelwa nguItamare unyana kambingeleli uAron.
29
*UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba abale abaLevi bakwaMerari ngokwezindlu nemizi yabo.
30
Wathi makabhalise onke amadoda akubudala obungamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka, onke awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni.
31
Umsebenzi wabo ke uya kuba kukuphatha izibonda zesibingelelo, iintsika, neziseko zazo;
32
neentsika neziseko, izikhonkwane neentsontela zenkundla jikelele, nazo zonke izinto ezisetyenziswa kuyo. Indoda nganye iya kumiselwa izinto emayiziphathe.
33
Le ke yimisebenzi yamaMerari esibingelelweni. Aya kuyenza ekhokelwa nguItamare unyana kambingeleli uAron.
34
Ngokomlomo *kaNdikhoyo uMosis, uAron, neenkokheli zamaSirayeli babala abaLevi bakwaKohati, abakwaGershon, nabakwaMerari. Bababhalisa ngokwezindlu nemizi yabo, bebhalisa onke amadoda akubudala bamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka. Babhalisa onke amadoda awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni. Bawabala ngolu hlobo: Indlu Inani AbakwaKohati 2 750 AbakwaGershon 2 630 AbakwaMerari 3 200 Bebonke: 8 580
35
Indoda nganye yabhaliswa ngokwelizwi likaNdikhoyo kuMosis. Kwangaloo myalelo indoda nganye yabelwa owayo umsebenzi, ikhonjiswa into emayiyithwale.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36