bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Numbers 6
Numbers 6
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 7 →
1
*UNdikhoyo wagunyazisa uMosis,
2
wathi makayalele amaSirayeli, athi: “Nabani na, indoda okanye ibhinqa, owenza isifungo esisodwa sokuba abe *lilolo likaNdikhoyo, kuba efuna ukuba ngokaNdikhoyo qwaba,
3
makangaze asele iwayini natywala. Ewe, makangaze asele okanye atye nto eyenziwe ngeediliya.
4
Ngalo lonke ixesha aselilolo makangatyi okanye asele nayiphi na into ephuma emdiliyeni, angafaki nditsho nembewu okanye ixolo lediliya.
5
“Xa esephantsi kwesi sifungo makangachebi, angasusi neendevu ezi. Kaloku ngalo lonke elo xesha engokaNdikhoyo qwaba ubotshiwe sisifungo, ngoko ke makangaziphathi iinwele neendevu.
6
Isihlwitha esi ngumqondiso wokuba uzinikele. Makangaze *azigqwalise ngokusondela kwisidumbu nokuba sesikayise okanye unina, nditsho nesomntakwabo.
8
Kaloku xa esephantsi kwesi sifungo ulilolo likaNdikhoyo.
9
“Xa kwenzekile ukuba lowo ulilolo agqwaliseke ngokuba kufuphi nomntu osuke wafa ngebhaqo, kofuneka azigugule iinwele neendevu zakhe ngosuku lwesixhenxe, ukuze *ahlambuluke.
10
Ngosuku lwesibhozo ke uya kuthatha amahobe amabini, noba ngamavukuthu, eze nawo esangweni *lesibingelelo kumbingeleli.
11
Ngelinye ke umbingeleli uya kwenza idini lesono, lize elinye eli libe lidini elitshiswayo, khon' ukuze acanyagushelwe lowo ugqwaliswe sisidumbu. Kwangaloo mini ke umntu lowo uya kuziyeka ziphinde zikhule iinwele neendevu zakhe,
12
azinikele ngokutsha ukuba abe lilolo likaNdikhoyo kangangesifungo eso. Intlawulo uya kuyenza ngokukhupha ixhwane lokwenza idini lesono. Elaa thuba lingaphambili ke, alichithe selelilolo, lilahlekile, kuba kaloku iinwele zakhe zigqwalisekile.
13
“Kothi ke lakuphela ithuba lesifungo selolo elo, kuqhutywe lo msebenzi: Ilolo liya kuya esangweni lesibingelelo
14
nezi ndidi zeegusha zingenasiphako: ixhwane eliliduna, loba lelokwenza idini elitshiswayo; ixhwane elilithokazi, lona libe leledini lesono; nenkunzi yegusha yokwenza idini lobudlelwana.
15
Ezi zinto zihamba nomnikelo weenkozo nowewayini. Uya kufaka ebhaskitini ezi ndidi zesonka ezinganyuswanga: izonka ezenziwe ngomgubo oxutywe namafutha nemiqathane ethanjiswe ngamafutha.
16
“Umbingeleli ke uya kuwathatha amaxhwane, awanikele uNdikhoyo, enze idini lesono nelitshiswayo.
17
Kwakhona ke uya kunikela inkunzi yegusha *kuNdikhoyo, ibe lidini lobudlelwana, ayidibanise nesaa sonka sisebhaskitini. Kananjalo ke uya kwenza nomnikelo weenkozo nowewayini.
18
Apho ke esangweni lesibingelelo ilolo elo liya kuzigugula iinwele zalo, ezo zibubungqina bokuzinikela kwalo kuNdikhoyo, lizifake apho kuloo mlilo wedini lobudlelwana.
19
“Emva koko umbingeleli makathathe umkhono ovuthiweyo wenkunzi yegusha, abuye athathe nesonka sibe sinye, nomqathane ngokunjalo phaya ebhaskitini, aze ke ezi zinto azinike ilolo elo ukuze lizibambe.
20
Kananjalo ke umbingeleli uya kuwanga-wangisa lo mnikelo uwonke, awenze umnikelo owodwa kuNdikhoyo. Lo mnikelo owodwa ngowombingeleli; yaye wongeza laa ncum nalaa mlenze wenkunzi yegusha usisabelo sombingeleli kakade. Emva koko ke ilolo likhululekile, lingayisela iwayini.”
21
Lo ke ngumthetho obhekiselele kwilolo likaNdikhoyo omelwe kukufezekiswa. Ngaphezu koko lisenokunikela kangangoko ngokuqhutywa yintliziyo.
22
*UNdikhoyo wathi uMosis,
23
makayalele uAron noonyana bakhe ukuba bathamsanqele amaSirayeli benjenje:
24
“Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa uNdikhoyo, akulondoloze.
25
Wanga angayindlezane kuwe uNdikhoyo, usixhamle isisa sakhe.
26
Wanga angakwazelelela uNdikhoyo, akwambathise uxolo.”
27
Waza wathi ke uNdikhoyo: “Ukuba babiza igama lam bethamsanqela abantu bam amaSirayeli, nam ndiya kubathamsanqela.”
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36