bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Numbers 20
Numbers 20
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 21 →
1
Kwathi ngenyanga yokuqala uSirayeli ephela wagaleleka kwintlango iZin, waza wamisa eKadeshe. Apho ke kulapho wafa waza wangcwatyelwa khona uMiriyam.
2
Ke kaloku kwakungekho manzi kuloo ndawo. Ngoko ke amaSirayeli aqokelelana kuMosis noAron,
3
alwa noMosis, athi: “Akwaba nathi sasife nabantakwethu phambi *kwesibingelelo *sikaNdikhoyo.
4
Ngani ukuba thina bantu bakaNdikhoyo nisizise kule ntlango? Benifuna size kufela apha ndawonye nemfuyo yethu?
5
Kakade, kwakutheni ukuze nisikhuphe eJiputa, nize kusifaka kwenje yona indawo, emhlaba ungavelisi nento le? Akukho ngqolowa namakhiwane, kungekho diliya narharnati; ke wona amanzi tu!”
6
UMosis noAron balishiya ibandla, baya kuma esangweni lesibingelelo. Baguqa phantsi, baza ke babubona ubungangamsha bukaNdikhoyo.
7
UNdikhoyo wathi kuMosis:
8
“Thatha intonga ephambi kwetyesi yomnqophiso, uze wena nomntakwenu uAron nilihlanganise ibandla, uze ke uthethe neliwa bejongile. Kothi kumpompoze amanzi kulo, baze abantu nemfuyo yabo basele.”
9
Ke uMosis wayithatha intonga leyo esibingelelweni ngokomyalelo kaNdikhoyo.
10
Yena noAron bawaqokelela onke amaSirayeli apho phambi kweliwa, waza wathi uMosis: “Phulaphulani, nina baqhankqalazi! Ngaba nifuna sikhuphe amanzi kweli liwa?”
11
UMosis wayiphakamsa intonga, walibetha kabini iliwa elo, kwaza ke kwampompoza amanzi, abantu ndawonye nemfuyo basela.
12
UNdikhoyo wabhekisa kuMosis noAron wathi: “Ngenxa yokungandithembi nokungandiniki imbeko phambi kwamaSirayeli, anisayi kulikhokela eli bandla nilingenise kwelo lizwe ndalithembisa lona.”
13
Esi siganeko ke sehla eMeribha apho amaSirayeli amkhalazela khona uNdikhoyo. Ke yena wazibonakalisa kuwo ukuba ungcwele.
14
Ke kaloku uMosis wakhupha abathunywa, baya kukumkani wase-Edom, esithi: “Nanku umyalezo ovela kubantakwenu amaSirayeli: ‘Uyazazi iinzingo ezasihlelayo.
15
Kaloku ookhokho bethu bafudukela eJiputa, apho sahlala khona iminyaka ngeminyaka. AmaJiputa ke abaphatha kakubi ndawonye nathi.
16
Sasuka ke sazibika *kuNdikhoyo, waza ke yena wasabela, wathumela isithunywa sakhe, wasikhupha eJiputa. Ngoku ke naku silapha eKadeshe, idolophu esemideni yakho.
17
Sicela ukuba usivumele sinqumle kulo mhlaba wakho. Siyathembisa ukuba thina nemfuyo yethu siya kuhamba ngqo ngendlela, singaphambukeli emasimini nakwizidiliya zakho, singayi kukhe sisele nakumaqula akho. Ewe, siya kuthi ngqo ngohola, singaphambuki side siphume emhlabeni wakho.’ ”
18
Ke wona amaEdom aphendula athi: “Unotshe! Akuyi kucanda apha. Ukungena oku kwakho ndiya kuphuma ndikuhlasele.”
19
AmaSirayeli aphendula esithi: “Siya kuhamba ngqo ngohola. Ukuba thina okanye impi yethu ithe yasela amanzi akho, siya kuwahlawulela. Inye into esiyifunayo, kukunqumla ngeenyawo.”
20
AmaEdom athi: “Anizukunqumla!” Aza ke amaEdom asuka nomkhosi omkhulu, afunza kumaSirayeli.
21
Ke kaloku amaSirayeli ajika athatha ndlela yimbi, kuba amaEdom ewalela ukuba anqumle emhlabeni wawo.
22
USirayeli ephela wanduluka ke eKadeshe, waza waya kugaleleka kwintaba iHore
23
kufutshane nomda wase-Edom. Apho ke *uNdikhoyo wathetha noMosis noAron, wathi:
24
“Wena Aron, uza kufa; akuzi kuya kufika kwelo lizwe ndamthembisa ngalo uSirayeli. Kaloku nina nobabini nawuvukela umthetho wam eMeribha.
25
Ngoko ke, wena Mosis, thatha uAron nonyana wakhe uElazare, uye nabo kwintaba iHore.
26
Khona apho ke uze uyithathe iminweba ka-Aron yobubingeleli, uyinxibe uElazare unyana wakhe, kuba uAron yena uza kufa.”
27
UMosis wenza ngokwelizwi likaNdikhoyo. Benyuka baya kwintaba iHore, lonke ibandla libukele,
28
waza uMosis wayikhulula iminweba yobubingeleli kuAron, wayinxiba uElazare. Ke yena uAron wafela apho phezu kwentaba, baza ke uMosis noElazare behla entabeni.
29
Athi ke amaSirayeli, akuva ukuba uAron akasekho, amzilela iintsuku ezimashumi mathathu.
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 21 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36