bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Numbers 24
Numbers 24
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 25 →
1
Ngeli xesha ke uBhalam wayeseleqonda ukuba *uNdikhoyo uzimisele ukumthamsanqela uSirayeli, ngoko ke akabanga sabhenela kwimilingo njengangaphambili. Wajonga ngasentlango,
2
waza wawabona amaSirayeli eqokelelene izindlu ngezindlu. Wasuka ke wonganyelwa nguMoya kaThixo;
3
waza wadanduluka wathetha kwavokotheka wenjenje: “Nal' udaba olundilisekileyo lukaBhalam, unyana kaBhehore, amazwi andilisekileyo omfo obona cacileyo,
4
izihlabo zomfo owevayo amazwi kaThixo, othwetyulweyo, kambe ethe ntsho ngamehlo, walamile, unombono kaSomandla.
5
Hay' ubuhle beentente zikaYakobi! Ewe, athe dwe amanqugwala kaSirayeli!
6
Zithe tyaba okweentili; zithe thande okomyezo ecaleni komlambo, ngathi ngumngcelele wekhala elityalwe nguNdikhoyo, sengathi yimisedare phezu komlambo.
7
Kuwo imvula iya kuhlala ingunogumbe, imbewu ayityale kumhlaba otofo-tofo. Ukumkani wawo woba mkhulu kunoAgagi, ulawulo lwakhe lubalasele ngodumo.
8
UThixo wawakhupha eJiputa, iimpondo zakhe zibaze okwenyathi. Iintshaba zawo azithi nqwam-nqwam, amathambo azo awacole. Ke lona utolo lwawo luyahlabanisela.
9
Luhlanga olubuthuma njengengonyama; lunjengemaz' engonyama, lungavuswa ngubani? Uthamsanqelekile osikelela uSirayeli! Hay' ishwangusha kulowo umqalekisayo!”
10
Ke kaloku uBhalaki wabhabhazela ngumsindo, wabetha ngenqindi phantsi, wathi kuBhalam: “Ndakulanda ukuba uze kuqalekisa iintshaba zam, kodwa ngoku kude kwakathathu uzithamsanqela!
11
Yini le! Chitheka; goduka! Ndathembisa ukuba ndiya kukuvuza ungakrokri, kambe ke lo Ndikhoyo ukwalele ukuba uwufumane loo mvuzo.”
12
UBhalam waphendula wathi: “Abathunywa bakho ndandibaxelele
13
ukuba noba ungade undinike lonke ibhotwe lakho lizele yisiliva negolide andingekhe ndiwutsibe umyalelo kaNdikhoyo, ndenze ukuthanda kwam. Kuphela ndiya kuthetha oko athe mandikuthethe.
14
Ke ngoku ndiyagoduka; ndiya kwabakowethu. Kodwa ke, phambi kokuba ndihambe, ndifuna ukukhe ndikulumkise ngento aya kuyenza uSirayeli kubantu bakho.”
15
Wathetha ke kwavokotheka uBhalam, wathi: “Nal' udaba olundilisekileyo lukaBhalam, unyana kaBhehore, amazwi andilisekileyo omfo obona cacileyo,
16
izihlabo zomfo owevayo amazwi kaThixo, olwamkelayo ulwazi oluvela kuPhezukonke, othwetyulweyo, kambe ke ethe ntsho ngamehlo, walamile, unombono kaSomandla.
17
Ewe, ndiyambona; nankuya phambili phaya. Ndiyamalama, umgama, phambili qelele. Ndibon' inkwenkwez' iphuma kwaYakobi; ndiwujongile umsimbithi usithi thaphu kwaSirayeli. Uya kuzintlekez' iinkokheli zikaMowabhi, abafohloz' oonyana bakaSeti.
18
Uya kuzivuthulula iintshaba zakhe kwaEdom; ewe, iSeyire ibe yeyakhe, abe ke yena uSirayeli ekhula ngokomelela.
19
Kothi qhaphu umlawuli kwaYakobi, abasindileyo e-Edom abatshayele kuthi nya.”
20
UBhalam wabona nama-Amaleki, waza wathetha kwavokotheka wathi: “UAmaleki fudula elelona hlanga lomeleleyo, kambe ke ekugqibeleni uya kutshabalala kuthi tu!”
21
Kwangokunjalo wabona amaKeni, waza wathetha kwavokotheka wathi: “Ikhaya lakho ngumankankela wenqaba, ngathi yindlwana ekwiimfanta zeenkelekethe zamawa.
22
Kambe ke, nani maKeni, niya kutshabalala, akugaleleka uAsiriya anithimbe.”
23
UBhalam waqhuba wathetha kwavokotheka wenjenje: “Yaz'ba ngoobani abanokuphila engafuni uThixo?
24
Abahlaseli bovela ngaseKiti, behamba ngezikhephe. Baya kumtshabalalisa uAsiriya noHebhere. Kambe nabo ngokwabo baya kutshabalala naphakade.”
25
Ke kaloku uBhalam wev' endleleni wagoduka, waza ke noBhalaki wahamba eyakhe indlela.
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 25 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36