bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Numbers 9
Numbers 9
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 10 →
1
Kwathi ke kaloku xa amaSirayeli akwintlango yaseSinayi, kwinyanga yokuqala kunyaka wesibini aphumayo kwelaseJiputa, *uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi:
2
“Emalanga ngomhla weshumi elinesine wale nyanga kofuneka amaSirayeli aqalise umbhiyozo wesikhumbuzo *sePasika, ngokwezimiso nemigaqo yayo.”
4
Ngenene ke uMosis wawaxelela amaSirayeli ngePasika,
5
aza ke ngolo rhatya lomhla weshumi elinesine, kuloo nyanga yokuqala ayibhiyozela khona apho kwintlango yeSinayi. Yonke into yaqhutywa ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis.
6
Kanti ke kwabakho bantu bathile *babegqwaliswe kukuphatha isidumbu. Bona ke zange babe nako ukuthatha nxaxheba apho kuloo mbhiyozo ngaloo mini. Baya kuzixela kuMosis noAron,
7
bathi: “*Sinomlaza, kuba sichukumise isidumbu; kambe ke singathini ukuphoswa xa abanye benikela ngedini lePasika kuNdikhoyo?”
8
UMosis wathi: “Lindani ndide ndifumane ilizwi kuNdikhoyo.”
9
UNdikhoyo ke wathi kuMosis:
10
“Xelela amaSirayeli ukuba xa omnye wawo okanye intsapho igqwaliseke kukuphatha isidumbu, okanye ekude eluhambeni, usenako ukuwubhiyozela umhla wePasika.
11
Makawubhiyozele ngosuku lweshumi elinesine kwinyanga yesibini ngorhatya. Mawubhiyozelwe ngesonka esinganyuswanga nemifino ekrakrayo.
12
Oku kutya makungabekwa mbeko, namathambo enyama leyo angàkrotyozwa. Umhla lowo ke wobhiyozelwa ngokwemiqathango yawo.
13
Nabani na ke ongenasizathu, futhi engekho luhambeni, aze angawubhiyozeli lo mhla, uya kusikwa kumaSirayeli, kuba enganikelanga ngedini lePasika kuNdikhoyo ngexesha elimisiweyo. Uya kohlwaywa ngesono sakhe.
14
“Ukuba owasemzini ophakathi kwenu ufuna ukuba nenxaxheba kulo mbhiyozo wePasika, uvumelekile, kodwa yonke into makayenze ngokwemimiselo nemigaqo. Wonke umntu wohamba kwangalo mthetho, noba ngumngeneleli okanye ngowothuthu.”
15
Ke kaloku kwathi mhla yagxunyekwa yemiswa intente *yesibingelelo enobungqina bomnqophiso lasuka lakhakhaba layambathisa ilifu. Ngokuhlwa kude kube kusasa ke eli lifu lalisuka libe ngumlilo odangazelayo.
17
AmaSirayeli ayesithi lakuzisonga liphakame ilifu elo, afuduke, aze aye kumisa apho lihle lafukama khona.
18
AmaSirayeli la ayefuduka ngomyalelo *kaNdikhoyo, kanti ke nokumisa kwawo kwakukwaxhomekeke kuwo. Xa lisahleli lifukamile apho esibingelelweni ilifu elo, amaSirayeli ayehlala alinde.
19
Naxa lihleli ithuba elide apho esibingelelweni lingemki, amaSirayeli ayethobela uNdikhoyo ahlale.
20
Maxa wambi ke eli lifu lalihlala nje ithuba leentsukwana, libuye liphakame; kambe ke nakuyiphi na imeko wona amaSirayeli ayehamba okanye ahlale ngokwelizwi likaNdikhoyo.
21
Kanti kwakusenzeka nokuba lifike lifukame ngorhatya, lize ngentsasa elandelayo licombuluke. Phofu ke wona amaSirayeli ayengadubeki koko; ayelilandela nanini na licombuluka, nokuba kusemini okanye kusebusuku.
22
Ewe, nokuba lihleli iintsuku ezimbini, inyanga, nonyaka, kanti naxa lihleli ngaphezu kwelo thuba, oko nje lifukamile apho esibingelelweni, ayelilinda, aze ahambe lakucombuluka.
23
Ngokupheleleyo ke ukunduluka nokumisa kwamaSirayeli kwakuxhomekeke kwisikhokelo esinikwe uMosis nguNdikhoyo.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36