bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Numbers 15
Numbers 15
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 16 →
1
*UNdikhoyo wathi kuMosis
2
makathethe namaSirayeli, athi: “Nakuba nifikile kwelo zwe ndininike lona ukuba libe lelenu,
3
kungánikelwa ngenkomo, noba yigusha, okanye ibhokhwe, xa kusenziwa amadini ngomlilo, nokuba lidini elitshiswayo, nokuba lelinye idini elisisifungo, okanye elokuqhutywa yintliziyo, okanye elamathuba emibhiyozo. Amadini anje ke alivumba eliyolileyo kuNdikhoyo.
4
Ke yena umntu owenzela uNdikhoyo idini elinjalo makathathe ikhilogram yomgubo wengqolowa oxutywe nelitha yamafutha omnquma, ukuze ube ngumnikelo wokutya,
5
ngokunjalo ngesilwanyana ngasinye aphathe nelitha yewayini ibe ngumnikelo othululwayo.
6
Xa kusenziwa idini ngenkunzi yegusha, mayihambe neekhilogram ezimbini zomgubo wengqolowa oxutywe nelitha enesiqingatha yamafutha omnquma ukwenzela umnikelo wokutya,
7
ngokunjalo nelitha enesiqingatha yewayini engumnikelo othululwayo. Ivumba lamadini anje ke liyolile kuNdikhoyo.
8
Kanti ke xa kusenzelwa uNdikhoyo idini elitshiswayo, noba lidini lesifungo, okanye idini lobudlelwana, inkunzi yenkomo mayihambe neekhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa oxutywe neelitha ezimbini zamafutha omnquma, uze ube ngumnikelo wokutya,
10
ngokunjalo neelitha ezimbini zewayini, zibe ngumnikelo othululwayo. Eli ke lidini lomlilo elivumba liyolileyo kuNdikhoyo.
11
“Kuya kuqhutywa ngolu hlobo ke, kwinkunzi yenkomo nganye, inkunzi yegusha, noba lixhwane eliliduna legusha okanye elebhokhwe.
12
Maze kwenziwe njalo ngedini ngalinye nokuba mangaphi.
13
Onke amaSirayeli omthonyama makenjenje ke xa esenza idini ngomlilo, dini elo lileliyolileyo kuNdikhoyo.
14
Nanini na xa owolunye uhlanga ophakathi kwenu esenza idini ngomlilo elivumba liyolileyo kuNdikhoyo, naye makahambe kwangale miqathango.
15
Nakwizizukulwana ezizayo ke le miqathango soze ithini kumaSirayeli ngokunjalo nakubangeneleli. Kaloku ngokukaNdikhoyo akukho mahluko phakathi kwenu neentlanga.
16
Ewe, le mithetho nale miqathango inibandakanya nonke.”
17
UNdikhoyo wathi kuMosis
18
makathethe namaSirayeli, athi: “Nakufika kwilizwe endinisa kulo,
19
xa nisitya ukutya kwelo zwe, maze ninikele inxalenye kuNdikhoyo.
20
Kwisivuno sengqolowa iqebengwana lokuqala malinikelwe libe ngumnikelo wesivuno.
21
Apha ke nakwixa elizayo noqhuba njalo nenze umnikelo kuNdikhoyo womgubo wesivuno sokuqala.”
22
Waqhuba wathi *uNdikhoyo: “Xa kwenzekile ukuba umntu othile ayaphule ngempazamo le miyalelo inikwe uMosis nguNdikhoyo,
23
mhlawumbi kwenzeke ukuba izizukulwana ezizayo zamaSirayeli ziyiphazame ngokungaqondi le miyalelo, koqhutywa ngolu hlobo:
24
Ukuba loo mpazamo yenzeke ngokungaqondi kwebandla liphela, kofuneka kuthathwe inkunzi eselula yenkomo, kwenziwe idini elitshiswayo ngayo – dini elo ke lithandekayo kuNdikhoyo – likhatshwe ngokomgaqo ngumnikelo wokutya nothululwayo, kongezwe nenkunzi yebhokhwe, ibe lidini lesono.
25
Ngezi zinto umbingeleli uya kucamagushela ibandla lamaSirayeli, lize lixolelwe. Kaloku impazamo leyo yeyokungaqondi, ibe ke futhi elenzile idini ngomlilo elikwalidini lesono.
26
Ibandla liphela ndawonye nabangeneleli baya kuxolelwa, kuba kaloku xa bebonke iyababandakanya le mpazamo.
27
“Xa umntu one ngempazamo, makenze idini lesono ngethokazi lebhokhwe elinyaka mnye.
28
Umbingeleli uya kumngxengxezela phambi koNdikhoyo loo mntu wone ngempazamo, aze ke axolelwe.
29
Koqhutywa ngaloo ndlela ke nakubani na owone ngokungaqondi, noba ngowomthonyama, okanye umngeneleli.
30
“Kambe ke yena umntu owone ngabom, engowomthonyama okanye umngeneleli, woba netyala lokunyelisa uNdikhoyo. Ngoko ke makabulawe,
31
kuba akalikhathalelanga ilizwi likaNdikhoyo, waza wawaphula umyalelo wakhe ngabom. Xa kunjalo ke woba uzenzakalise ngokwakhe.”
32
Ngamhla uthile amaSirayeli eselapho entlango kwabhaqwa umntu etheza *ngoMhla wokuPhumla.
33
Wabanjwa wasiwa kuMosis noAron nebandla liphela.
34
Waza wakhe wavalelwa, kuba ingekacaci into emayenziwe ngaye.
35
*UNdikhoyo ke wayalela uMosis, wathi: “Makabulawe! Ibandla liphela malimkhuphele ngaphandle komzi, limxulube ngamatye ade afe.”
36
Ngoko ke amaSirayeli ephela amkhuphela ngaphandle, amkhanda ngamatye wada wafa ngokomyalelo kaNdikhoyo.
37
*UNdikhoyo ke wathi uMosis
38
makathethe namaSirayeli, athi: “Nanini na fakani iintshinga kumasondo eempahla zenu. Intshinga nganye ke mayibe nomtya omzuba.
39
Ezo ntshinga zoba sisikhumbuzo, nize nithi maxa onke nizibona zitsho nikhumbule imiyalelo kaNdikhoyo niyithobele, khon' ukuze ningahendeki nibhaduliswe ziinkanuko zenu.
40
Zona ziya kuhlala zinikhumbuza ukuthobela imiyalelo yam; nize ke ngokwenjenjalo nibe libango lam ncam.
41
Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wenu, owanikhupha kwelaseJiputa, khon' ukuze ndibe nguThixo wenu. Ngenene mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu!”
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36