bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
1 Corinthians 1
1 Corinthians 1
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 2 →
1
uPawulos, obizwe ngokuthanda kukaThixo, ukuba abe ngumpostile kaYesu Kristu, noSostene umzalwana,
2
Ubhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, abangcwalisiweyo kuKristu Yesu, abangcwele ababiziweyo, kunye nabo bonke abalinqulayo ezindaweni zonke igama leNkosi yethu uYesu Kristu, eyabo neyethu;
3
bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.
4
Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam ngani, ngenxa yobabalo lukaThixo, awanibabala ngalo nikuKristu Yesu;
5
kuba natyetyiswa kuye ngezinto zonke, ngokuthetha konke, nangokwazi konke;
6
njengokuba ubungqina bukaKristu baqiniswayo kuni;
7
Ngoko ke anisileli nakwesinye isipho enisibabalweyo; nilinde ukufika kweNkosi yethu uYesu Kristu;
8
oya kuniqinisa kude kube sekupheleni, ukuze ningabi nakusoleka ngemini yeNkosi yethu uYesu Kristu.
9
Uthembekile uThixo, enabizelwa nguye ebudlelaneni boNyana wakhe, uYesu Kristu iNkosi yethu.
10
Ke kaloku, ndiyaniyala, bazalwana, ngalo igama leNkosi yethu, uYesu Kristu, ukuba nithethe nto-nye nonke, nokuba kungabikho zahlukahlukano kuni; ke nibe ngabalungisiweyo, nigqibelele ngqiqweni-nye, nasicamangweni sinye.
11
Kuba ndazisiwe ngani, bazalwana bam, ngabakuloKlowe, ukuba kukho iimpikiswano phakathi kwenu.
12
Ukutsho ke ndithi kuthiwa, ulowo kuni uthi, Mna ndingokaPawulos; omnye ke athi, Mna ndingoka-Apolo; omnye ke athi, Mna ndingokaKefas; nam ke ndingokaKristu.
13
Wahluliwe na uKristu? Kwabethelelwa uPawulos yini na emnqamlezweni ngenxa yenu? Nabhaptizelwa egameni likaPawulos na?
14
Ndiyambulela uThixo, kuba ndingabhaptizanga namnye kuni, ingenguKrispo noGayo;
15
hleze kubekho othi, ndabhaptiza egameni lam.
16
Ndabhaptiza ke nendlu kaStefana; ngaphandle kwabo, andazi ukuba ndabhaptiza wumbi.
17
Kaloku uKristu akandithumanga kubhaptiza; wandithuma ukushumayela iindaba ezilungileyo, kungabi ngabulumko bakuthetha, ukuze umnqamlezo kaKristu ungalanjathiswa.
18
Kaloku ilizwi lomnqamlezo libubudenge okunene kwabatshabalalayo; ke kuthi, thina basindiswayo, lingamandla kaThixo.
19
Kuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kubutshabalalisa ubulumko bezilumko, Ingqondo yeengqondi ndiyitshitshise.
20
Siphi na ke isilumko? uphi na umbhali? Uphi na umcalula-ndaba weli hlabathi? uThixo akabenzanga baba bubudenge na ubulumko beli hlabathi?
21
Kuthe ke, ebulumkweni bukaThixo, ihlabathi alamazi uThixo ngobulumko balo, kwakholeka kuThixo ukusindisa abo bakholwayo, ngabo ubudenge bokuvakalisa iindaba ezilungileyo.
22
Kuba amaYuda efuna umqondiso, namaGrike efuna ubulumko;
23
Ke thina sishumayela uKrestu ebethelelwe emnqamlezweni, isikhubekiso kumaJuda nebubudenge kumaGrike.
24
Ke kwabo babiziweyo, amaYuda kwanamaGrike, sivakalisa uKristu ongamandla kaThixo, nobulumko bukaThixo.
25
Kaloku into kaThixo ebubudenge inobulumko kunabantu; nento kaThixo engenamandla yomelele kunabantu.
26
Kuba luboneni ubizo lwenu, bazalwana, ukuba azizininzi izilumko ngokwenyama, ababaninzi abanamandla, akamaninzi amanene.
27
Kodwa uThixo usuke wanyula izinto ezibubudenge zehlabathi, ukuze ngokwenjenjalo adanise izilumko; Kananjalo uThixo usuke wanyula izinto ezibonakala ngathi azinamandla ehlabathini, ukuze azidanise izinto ezinamandla;
28
nezinto zehlabathi ezingenabuntu, nezingento yanto, wazinyula uThixo, nezingathi azikho, ukuba aziphuthise izinto ezikhoyo;
29
ukuze kungaqhayisi namnye umntu emehlweni akhe.
30
Ke nina nikuKristu Yesu, owathi ngenxa yethu waba bubulumko obuvela kuThixo, nobulungisa, nobungcwalisa, nentlawulelo;
31
Ukuze, njengoko kubhaliweyo, Oqhayisayo aqhayise ngeNkosi.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16