bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
1 Corinthians 10
1 Corinthians 10
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 11 →
1
Ke andithandi ukuba ningazi, bazalwana, ukuba oobawo babephantsi kwalo ilifu bonke; balucanda ulwandle bonke;
2
Babhaptizelwa bonke kuye uMoses efini elo naselwandle;
3
Badla bonke oko kudla kunye kukokomoya;
4
basela bonke olo luselo lunye lulolomoya, kuba babesela kwiliwa elilelomoya elibe libalandela, iliwa elo lalinguye uKristu.
5
Kodwa noko uThixo akakholiswanga ngabaninzi kubo; ngokuba bathiwa entlango.
6
Ezo zinto ke zabe ziyimizekelo kuthi, ukuze singabi ngabakhanuki bezinto ezimbi, njengokuba bakhanukayo bona abo.
7
Kanjalo musani ukuba ngababusi bezithixo, njengenxenye yabo; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Abantu bahlala phantsi ukuba badle, basele, baza besuka bema ukuba badlale.
8
Kanjalo masingenzi mbulo, njengokuba inxenye yabo yenzayo umbulo, kwawa ngamini-nye amawaka amashumi mabini anamathathu.
9
Kanjalo masingamhendi uKristu, njengokuba inxenye yabo yahendayo, yaza yatshabalala ziinyoka.
10
Kanjalo musani ukukrokra njengoko inxenye yabo yakrokrayo, yaza yatshabalala ngumtshabalalisi.
11
Zonke ke ezo zinto zabahlelayo bona, beziyimifuziselo; zabhalelwa ke ukululeka thina aba, bafikelweyo ziziphelo zawo amaphakade.
12
Ngoko ke lowo uba umi, makalumke angawi.
13
Anibanjwanga sihendo singesabantu; kodwa uThixo uthembekile, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, nibe nako ukuthwala.
14
Kungoko ndithi, zintanda zam, kubalekeni ukubusa izithixo.
15
Ndithetha njengakwizilumko; kugwebeni endikuthethayo.
16
Indebe yentsikelelo le siyisikelelayo, asibubudlelane na begazi likaKristu? Isonka esisiqhekezayo, asibubudlelane na bomzimba kaKristu?
17
Kaloku thina, sibaninzi nje, sisonka sinye, simzimba mnye, kuba sonke sabelana ngeso sonka sinye.
18
Khangelani uSirayeli ngokwenyama. Abo bawadlayo amadini, abadlelani nesibingelelo eso?
19
Ndithini na ke ngoko? Okanye amadini enziwa into na?
20
Ndithi ke, Amadini eziwenzayo iintlanga, ziwenzela iindimoni, aziwenzeli uThixo. Andithandi ke ukuba nibe ngamadlelane needemon nina.
21
Aninako ukusela indebe yeNkosi nendebe yeendimoni. Aninako ukuba nenxaxheba esithebeni seNkosi, nasesithebeni seendimoni.
22
Siyayikhweletisa na iNkosi? Ngaba sinamandla kunaye?
23
Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke. Zonke izinto zivumelekile kum, noko azakhi zonke.
24
Makungabikho namnye ufuna okukokwakhe ukulungelwa;
25
Yonke into ethengelwa endaweni yokuthenga inyama, yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela;
26
Kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo.
27
Ukuba ke ubani wakubo abangakholwayo uthi animeme, nithande ukuya; yonke into ebekwa phambi kwenu yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela.
28
Kodwa ke ukuba ubani uthe kuni, Le nto ilidini elenzelwe izithixo, musani ukudla, ngenxa ke yalowo uyithe thupha loo nto, nangenxa yesazela; kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo.
29
Ndithi, isazela ke, singesiso esakho wena; sisesomnye lowo. Kuba yini na ukuba inkululeko yam igwetywe sesazela somnye?
30
Kaloku ukuba mna ndidlelana ngobabalo, yini na ukuba ndinyeliswe ngenxa yoko ndikubulelayo mna?
31
Ke ngoko, nokuba niyadla, nokuba niyasela, nokuba nenza yiphi na into, zenzeleni uzuko lukaThixo izinto zonke.
32
Musani ukuba sisikhubekiso nakumaYuda, nakumaGrike, nakuwo ibandla likaThixo;
33
njengokuba nam ndikholisa bonke ezintweni zonke, ndingafuni okwam ukulungelwa, ndifuna okwabaninzi, ukuze basindiswe.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16