bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
1 Corinthians 9
1 Corinthians 9
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 10 →
1
Andingompostile na? Andingokhululekileyo na? Andimbonanga na uYesu Kristu, iNkosi yethu? aningumsebenzi wam na eNkosini?
2
Ukuba andimpostile kwabanye, kuni nina ndinguye; kuba itywina lokuqinisa obam ubupostile linini aba baseNkosini.
3
Okwam ukuziphendulela kwabandincinayo kuko oku,
4
Asinagunya na lokutya nokusela?
5
Asinagunya na, njengabanye abapostile, nabazalwana beNkosi, noKefas, ukuba siphelekwe ngabafazi bethu bengamakholwa?
6
Okanye ndim ndedwa noBharnabhas, asinagunya lakuyeka ukusebenza?
7
Ngubani na okha aphume umkhosi ngeyakhe indleko? Ngubani na otyala isidiliya, aze angadli siqhamo saso? Ngubani na owalusa umhlambi, aze angadli kubisi lomhlambi?
8
Ndizithetha ngokomntu yini na ezo zinto? Awutsho nawo na umthetho?
9
Emthethweni kaMoses kubhaliwe kwathiwa, Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula. Ziinkomo yini na uThixo?
10
Kanene akatsho ngenxa yethu na? Kambe ke kubhaliwe ngenxa yethu: Lowo ulimayo ufanele ukulima enethemba; nalowo ubhulayo enethemba lokuba uya kubelana nabanye ngethemba lakhe.
11
Ukuba ke thina sanihlwayelela izinto ezizezoMoya, yinto enkulu na, ukuba siya kuvuna izinto zenu ezizezenyama?
12
Ukuba abanye babelana ngokwenza ngeli gunya kuni, asikukhona singenjenjalo na thina ngakumbi? Asilisebenzisanga ke elo gunya; sisuke sithwale izinto zonke, ukuze singazibambezeli ngani iindaba ezilungileyo zikaKristu.
13
Anazi na ukuba abo bazisebenzayo izinto ezingcwele badla okwetempile? abo bahlala behleli esibingelelweni bahlulelana nesibingelelo eso?
14
Ngokunjalo neNkosi le yabamisela abazazisayo iindaba ezilungileyo, ukuba baphile ngeendaba ezilungileyo ezi.
15
Ke mna andiphathanga nanye kwezo zinto. Ezi zinto andizibhaleli ukuze kwenjiwe njalo kum; kuba bekungilungele kanye ukuba ndife, kunokuba ubani alilambathise iqhayiya lam.
16
Kuba xa ndithi ndizishumayele iindaba ezilungileyo, andinaqhayiya; kuba ndimelwe kukuzishumayela. Yeha ke mna, ukuba ndisuka ndingazishumayeli iindaba ezilungileyo!
17
Kaloku xa ndikwenzayo oko ndinokuzithandela, ndoba ndinomvuzo; ke xa ndikwenza ndingenakuzithandela, ndoba ndingophathiswe ubugosa nje.
18
Uyintoni na ke ngoko umvuzo wam? Okunene ke, ndithi ndakuzishumayela iindaba ezilungileyo, ndizenze zingabi nandleko iindaba ezilungileyo zikaKristu, ukuze ndingalisebenzisi igunya lam ezindabeni ezilungileyo ezi.
19
Kuba ndikhululekile nje kubo bonke, ndizikhonzisile kubo bonke, ukuze ndibazuze abona baninzi.
20
KumaYuda ndaba njengomYuda, ukuze ndiwazuze amaYuda; kwabo baphantsi komthetho ndaba njengophantsi komthetho, ukuze ndibazuze abaphantsi komthetho;
21
kwabo bangenamthetho, ndaba njengongenamthetho, (ndingenguye phofu ongenamthetho kuThixo, ndingosemthethweni kuKristu), ukuze ndibazuze abangenamthetho;
22
kwabo bangenamandla, ndaba njengongenamandla, ukuze ndibazuze abangenamandla; kubo bonke ndesuka ndaba ziinto zonke, ukuze ngeendlela zonke ndisindise inxenye.
23
Oko ke ndikwenza ngenxa yeendaba ezilungileyo, ukuze ndibe lidlelane nabo ngazo.
24
Anazi na, ukuba abo babalekayo elugqatsweni, babaleka bonke okunene, kodwa ke mnye owamkelayo umvuzo? Balekani ngokunjalo ke, ukuze nizuze.
25
Bonke ke abantu abazamayo, baba ziingcathu ezintweni zonke. Oko ke ukuze bazuze isithsaba esinokonakala; ke thina, singenakonakala.
26
Mna ke ngoko ndenjenjalo ukubaleka, ndingangi andiqondi; ndenjenjalo ukulwa, ndingangi ndibetha umoya;
27
Ndisuka ndiwuqobe umzimba wam, ndiwuxinzelele phantsi, hleze ndithi, ndakuba ndizivakalisile iindaba ezilungileyo kwabanye, ndibe mna ndingumlahlelwa phandle.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16