bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
1 Corinthians 15
1 Corinthians 15
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 16 →
1
Ke kaloku, bazalwana, ndiyanazisa iindaba ezilungileyo, ezo ndazishumayela kuni, nazamkelayo nokuzamkela, nimiyo kuzo;
2
Nisindiswayo nokusindiswa ngazo, ukuba nizibambile ngelizwi endazishumayela ngalo kuni; ukuba anithe nafumana nakholwa.
3
Kuba ndaninikela kweziyintloko izinto oko ndakwamkelayo nokukwamkela: okokuba uKristu wazifela izono zethu, ngokwezibhalo;
4
nokokuba wangcwatywa, nokokuba uvukile ngomhla wesithathu ngokwezibhalo;
5
nokokuba wabonwa nguKefas, emva koko ngabalishumi elinababini.
6
Emveni kuko wabonwa ngaxesha linye ngabazalwana abangaphezu kwamakhulu amahlanu, ababengaphezu kwamakhulu amahlanu; abasahleliyo nangoku abona baninzi kubo; inxenye ke yalala ukufa.
7
Emva koko wabonwa nguYakobi; emva koko kubo bonke abapostile.
8
Ekugqibeleni ke kwabo bonke, kwanga kukwinto ezelwe lingekabi lilixa layo, wabonwa nandim.
9
Kuba mna ndingoyena mncinanana kubapostile, endingafanele kubizwa ngokuba ngumpostile, ngenxa enokuba ndalitshutshisa ibandla likaThixo.
10
Ke ngobabalo lukaThixo ndiyinto endiyiyo, nobabalo lwakhe kum alubanga nakulambatha; ndesuka ndabagqitha bonke ngokubulaleka; ingendim ke, ilubabalo lukaThixo olunam.
11
Ngoko ke, nokuba ndim, nokuba ngabo, senjenjalo thina ukushumayela; nenjenjalo ke nina ukukholwa.
12
Ke, ukuba uKristu uyashunyayelwa ukuba uvukile kwabafileyo, batsho ngani na abathile phakathi kwenu ukuthi, akukho luvuko lwabafileyo?
13
Ke, ukuba akukho luvuko lwabafileyo, woba akavukanga noKristu;
14
Ukuba ke uKristu akavukanga, koba akunto ukushumayela kwethu, loba luyalambatha nokholo lwenu.
15
Sofunyanwa ke singawo namangqina amxokayo uThixo; ngokuba sangqinayo ngoThixo ukuba wamvusa uKristu, angamvusanga, ukuba ke kanti abafileyo abavuki.
16
Kuba, ukuba abafileyo abavuki, noKristu woba akavukanga.
17
Ukuba ke uKristu akavukanga, loba luyinto engeyanto ukholo lwenu; nisesezonweni zenu;
18
ngoko nabalele ukufa bekuKristu, boba batshabalele.
19
Ukuba singabathembele kuKristu kobu bomi bodwa, soba sizezona ntsizana kubantu bonke.
20
uKristu yena kunje uvukile kwabafileyo, waba yintlahlela yabalele ukufa.
21
Kuba ekubeni kaloku kungomntu ukufa, kukwangomntu ukuvuka kwabafileyo.
22
Kuba, njengokuba kuye uAdam bafa bonke, ngokunjalo nakuye uKristu baya kudliswa ubomi bonke.
23
Elowo ke kolwakhe uluhlu; kamva abakhe bangabakaKristu ekufikeni kwakhe.
24
Kwandule ke ukubakho isiphelo, xa athe wabunikela ubukumkani kuye uThixo uYise, xa athe wabubhangisa bonke ubulawuli, nalo lonke igunya, namandla.
25
Kuba umelwe yena kukuthi alawule, ade azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba.
26
Olokugqibela utshaba oluya kubhangiswa kukufa;
27
Kuba izinto zonke wazithobela phantsi kweenyawo zakhe. Ke xa athi, zonke izinto zithotyiwe, kuyabonakala ukuba akabalwa lowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto.
28
Xa ke zithe zathotyelwa phantsi kwakhe zonke izinto, uya kwandula noNyana ngokwakhe athotyelwe phantsi kwalowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubo bonke.
29
Okanye baya kuthini na abo babhaptizelwa abafileyo, ukuba abafileyo abavuki? yini na ke ukuba babhaptizelwe abafileyo?
30
Nathi, yini na ukuba sibe semngciphekweni amaxa onke?
31
Ndisekufeni imihla ngemihla; qondani ngokuzingca kwam ngani, endinako ndikuKristu Yesu, iNkosi yethu.
32
Ukuba ndithe ngokwabantu ndalwa namarhamncwa e-Efese, kundinceda ntoni na? masidle, sisele; kuba ngomso siya kufa.
33
Musani ukulahlekiswa. Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo.
34
Vumelani ubulungisa, ningoni; kuba inxenye inentswela-kumazi uThixo; nditsho ukuba nidane.
35
Wosuka ubani athi, Bathini na ukuvuka abafileyo? beza benamzimba mni na?
36
Msweli-kuqonda wena, into oyihlwayelayo ayenziwa iphile, ukuba ayikhanga ife;
37
Kanjalo loo nto uyihlwayelayo, akuhlwayeli sona isiqu sento esiya kubakho; uhlwayela ukhozo nje, lungathi lube lolwengqolowa, nokuba lolwezinye iintlobo;
38
Kodwa uThixo ulunika isiqu, njengoko athandileyo; iyileyo imbewu uyinika esisesayo isiqu.
39
Yonke inyama ayinyama-nye; enye yinyama yabantu, enye yinyama yeenkomo, enye yeyeentlanzi, enye yeyeentaka.
40
Kukho nemizimba yasezulwini, nemizimba yasemhlabeni; kodwa ubuqaqawuli bowasezulwini bunye, bubodwa ubuqaqawuli bowasemhlabeni.
41
Bubodwa ubuqaqawuli belanga, bubodwa ubuqaqawuli benyanga, bubodwa ubuqaqawuli beenkwenkwezi; kuba inkwenkwezi iyahluka kwenye inkwenkwezi ngobuqaqawuli.
42
Lunjalo ke kanye novuko lwabafileyo. Uhlwayelwa unokonakala; luvuswa lungenakonakala;
43
Uhlwayelwa uswele imbeko; Uhlwayelwa uswele amandla, uvuka unobuqaqawuli; luvuka lusemandleni;
44
Kuhlwayelwa umzimba wemvelo; kuvuka umzimba womoya. Kukho umzimba ongowemvelo, kukho nomzimba ongowomoya.
45
Ngokunjalo kubhaliwe kwathiwa, Owokuqala umntu uAdam waba ngumphefumlo odla ubomi; owokugqibela uAdam waba ngumoya odlisa ubomi.
46
Ke akuqali okomoya; kuqala okwemvelo, kwandule ukuza okomoya, kwandule ke oko koMoya.
47
Owokuqala umntu uphume emhlabeni, ungowomhlaba; owesibini umntu ke, iNkosi, uphume emazulwini.
48
Njengoko enjalo owomhlaba, bakwayiyo abomhlaba; kanjalo nento ayiyo osemazulwini, bakwayiyo abo basemazulwini.
49
Njengoko sawambathayo umfanekiselo wowomhlaba, siya kuwambatha nomfanekiselo wosemazulwini.
50
Ke, bazalwana, nditsho ukuthi, inyama negazi azinako ukubudla ilifa ubukumkani bukaThixo; nokonakala akunakukudla ilifa ukungonakali.
51
Niyabona, ndinixelela imfihlelo: Okunene asiyi kulala ukufa sonke; Asiyi kulala sonke, kodwa siya kwenziwa ngakumbi sonke;
52
Ngesiquphe, ngephanyazo, ngexilongo lokugqibela; kuba liya kukhala ixilongo, bavuke abafileyo bengenakonakala, senziwe ngakumbi ke thina.
53
Kuba kumele oku konakalayo ukwambatha ukungonakali, noku kufayo ukwambatha ukungafi.
54
Xa ke oku konakalayo kuthe kwambatha ukungonakali, noku kufayo kuthe kwambatha ukungafi, liya kwandula ukwenzeka ilizwi elibhaliweyo lokuthi, Ukufa kufincelwe eloyisweni.
55
Luphi na, kufa, ulwamvila lwakho? luphi na, bethuna, uloyiso lwakho?
56
Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho.
57
Makubulelwe ke kuThixo osinikayo uloyiso olo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu.
58
Ngoko ke, bazalwana bam baziintanda, qinani, ningabi nakushukuma; nihlale niphuphuma umsebenzi weNkosi, nisazi nje ukuba ukubulaleka kwenu akulambathi eNkosini.
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16