bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
1 Corinthians 16
1 Corinthians 16
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
1
Ke kaloku, ngokubuthwa kwemali yokusiza amakholwa, yenzani ngokunjalo nani ndawamisela amabandla kaThixo akwelaseGalati.
2
Ngolokuqala usuku, iiveki ngeeveki, elowo kuni makabeke ekhaya, eqweba, into asukuba esikelelwe ngayo;
3
Ndakuba ndifikile, enisukuba nibacikidile nakholwa ngabo, ndobathuma bona benencwadi, base isipho senu esi eYerusalem.
4
Ke ukuba kuthe kwabonakala ukuba nam ndiye, bohamba kunye nam.
5
Emva koko ndiya kuza kuni, xa ndithe ndacanda kwelaseMakedoni, kuba ndiya kwanela ukucanda nje elaseMakedoni.
6
Ke kuni mhlawumbi ndingathi ndihlale ndidlulise nobusika, ukuze nina nindiphelekelele apho ndisukuba ndisiya khona.
7
Kuba andithandi ukuba ndinibone ngoku ndidlulayo; kodwa ndithemba ukuba ndokha ndihlale kuni ixesha elithile, ukuba iNkosi ithe yavuma.
8
Kodwa ndiya kuhlala e-Efese kude kubekho ipentekoste.
9
Kuba ndivulelwe umnyango omkhulu onamandla, bebaninzi nabachasi.
10
Ukuba uTimoti uthe wafika, ize nikhangele ukuba angabi nakoyika phakathi kwenu; kuba uyawusebenza umsebenzi weNkosi, kwanjengam.
11
Makungabikho mntu ngoko umenza into engento. Mphelekeleleni ke ninoxolo, ukuze eze kum; kuba ndimlindile kunye nabazalwana.
12
Ke kaloku, ngaye nApolo umzalwana, ndamvuselela kakhulu, ukuba eze kuni kunye nabazalwana. Kuye akubangakho kanye ukuthanda ukuza okwakalokunje; woza ke, xa athe wanethuba elilungileyo.
13
Phaphani, yimani elukholweni; yibani ngamadoda; yomelelani.
14
Zonke izinto zenu mazenziwe ngothando.
15
Ndiyanivuselela ke nina, bazalwana, niyayazi indlu kaStefana, ukuba iyintlahlela yelaseAkaya, yazinikela ekulungiseleleni abangcwele;
16
ukuba nibalulamele abanjalo, nakubo bonke abasincedayo nababulalekayo.
17
Ndiyavuya ke ngokufika kukaStefana noFortunato noAkayiko; ngokuba bakwenzelelele bona ukungabikho kwenu;
18
Kuba bawuphumzile umoya wam nowenu. Bazini kakuhle ngoko abanjalo.
19
Ayanibulisa amabandla aseAsiya. Bayanibulisa kunene eNkosini uAkwila noPrisila, kunye nebandla elisendlwini yabo.
20
Bayanibulisa abazalwana bonke. Bulisanani ngolwango olungcwele.
21
Umbuliso ungesam isandla, mna Pawulos.
22
Ukuba ubani akayithandi iNkosi uYesu Kristu, makasingelwe phantsi.
23
Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani.
24
Uthando lwam malube nani nonke bakuKristu Yesu. Amen. (Incwadi yokuqala eya kwabaseKorinte yabhalwa nguStefano noFortunato noAkayiko noTimoti eFilipi.)
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16