bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
1 Corinthians 8
1 Corinthians 8
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 9 →
1
Ke kaloku, ngeendawo zamadini enziwa kwizithixo, ndithi, Siyazi ukuba sinokwazi sonke. Ulwazi luyakhukhumalisa, ke lona uthando luyakha.
2
Ukuba umntu uba wazi nto, akakazi nento ngoko amelwe kukwazi ngako.
3
Ukuba ke umntu uyamthanda uThixo, lowo uyaziwa nguye.
4
Ngayo ke ukudliwa kwamadini enziwa kwizithixo, siyazi ukuba akukho nto isisithixo ehlabathini; siyazi ukuba mnye kwaphela uThixo, akukho wumbi.
5
Kuba kambe, nokuba kukho ekuthiwa bangoothixo, nokuba kusezulwini, nokuba kusemhlabeni, njengokuba kukho oothixo abaninzi, neenkosi ezininzi,
6
Kodwa kuthi thina mnye uThixo, uYise, eziphuma kuye zonke izinto; neNkosi inye, uYesu Kristu, ezingaye zonke izinto;
7
Ke ukwazi oko akubantwini bonke. Inxenye ke ithi, isenesazela ngesithixo unangoku, idle ngokwedini elenziwa kwisithixo; sisuke isazela sabo siswele amandla.
8
Ke ukudla akusithandisi phambi koThixo; kuba nokuba sithe sadla, asigqithe nganto; nokuba asidli, asigqithe nganto.
9
Lumkani ke, hleze elo gunya lenu libe sisiwiso kwabaswele amandla.
10
Kuba xa athe umntu wakubona, wena unokwazi, uhleli esithebeni etempileni yesithixo, asisayi kuthi na isazela salowo uswele amandla, somelele ukuba adle amadini enziwa kwizithixo?
11
Ngokwazi kwakho uya kutshabalala umzalwana obuthathaka, awathi uKristu wamfela.
12
Kambe ke, xa nisona ngokunjalo kubazalwana, nisilimaza isazela sabo esiswele amandla, nona kuKristu.
13
Ngenxa yoko ndithi, Ukuba ukudla kuyamkhubekisa umzalwana wam, andisayi kudla nyama, lisahleli ihlabathi, ukuze ndingamkhubekisi umzalwana wam.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16