bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
1 Corinthians 3
1 Corinthians 3
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 4 →
1
Nam ke, bazalwana, bendingenakuthetha kuni njengakwaboMoya; bendinokuthetha njengakwabenyama, njengakwabaziintsana kuKristu.
2
Ndaniseza amasi, andaninika kudla kuqinileyo, kuba nibe ningekabi nakomelela, unangoku anikabi nako.
3
Kuba nisengabenyama; oku nje kukhoyo phakathi kwenu umona, neenkani, neenkani, neembambaniso, aningabenyama na? Anihambi ngokwabantu na?
4
Kuba xa uthile athi, Mna ndingokaPawulos; omnye ke athi, Mna ndingoka-Apolo; aningabenyama na?
5
Engubani na yena uPawulos? engubani na yena uApolo? Ingabalungiseleli nje kuphela, enakholwa ngabo, njengokuba iNkosi yamnikayo ulowo nalowo?
6
Mna ndatyala, uApolo wankcenkcesha; ke nguThixo owahlumisayo.
7
Ngoko ke lowo utyalayo akalutho, nalowo unkcenkceshayo akalutho; ke nguThixo okhulisayo.
8
Lowo utyalayo ke, nalowo unkcenkceshayo, banto-nye; kodwa elowo uya kwamkela owakhe umvuzo ngokukokwakhe ukubulaleka.
9
Kuba singabasebenzi kunye noThixo; intsimi kaThixo nina, nisisakhiwo sikaThixo.
10
Ngokobabalo lukaThixo endababalwa ngalo, ndithi, ngokomakhi osisilumko, ndibeke ilitye lesiseko, athi ke omnye akhe phezu kwalo; Ke elowo makakhangele ukuba uthini na ukwakha kwakhe phezu kwalo.
11
Kuba akukho namnye unako ukubeka litye limbi lesiseko, nxamnye nelo libekwe kade, linguYesu onguKristu.
12
Ukuba ke umntu wakha phezu kwesi siseko igolide, isilivere, amatye anqabileyo, imithi, ingca, iindiza;
13
Umsebenzi walowo nalowo wobonakalaliswa; kuba loo mini iya kuwazisa, ngokuba iya kuvela inomlilo; nomsebenzi walowo nalowo, umlilo uya kuwucikida ubunjani bawo;
14
Ukuba umsebenzi awawakhayo umntu phezu kwalo, uthe wahlala uhleli, wowamkela umvuzo.
15
Ukuba umsebenzi womntu uthe watshiswa, wolahlekelwa ngumvuzo wakhe; ke yena okwakhe wosindiswa; kanti kungomlilo.
16
Anazi na ukuba niyitempile kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo umi ngaphakathi kwenu?
17
Ukuba umntu uyayonakalisa itempile kaThixo, uThixo womonakalisa lowo; kuba itempile kaThixo ingcwele, niyitempile ke nina.
18
Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba ubani kuni uba usisilumko kweli hlabathi, makabe sisidenge, ukuze abe sisilumko.
19
Kaloku ubulumko beli hlabathi bubudenge kuye uThixo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Yena uyazibambisa izilumko kubuqhetseba bazo;
20
kwathiwa kananjalo, iNkosi iyazazi izicamango zezilumko, ukuba azinto.
21
Ngoko ke makungabikho namnye uqhayisa ngabantu; Ngokuba zonke izinto zezenu;
22
nokuba nguPawulos, nokuba nguApolo, nokuba nguKefas, nokuba lihlabathi, nokuba bubomi, nokuba kukufa, nokuba zizinto ezingeneyo, nokuba zezizayo; zonke zezenu;
23
Nina ke ningabakaKristu; noKristu ngokaThixo.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16