bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
1 Corinthians 5
1 Corinthians 5
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 6 →
1
Kwandile kwavakala ukuba kukho umbulo phakathi kwenu; ngumbulo ke lowo ongazanga ukhankanywe naphakathi kweentlanga, owokuba uthile abe nomfazi kayise.
2
Ke nina nithe nasuka nazidla, nesuka nenze isijwili, ukuze asuswe kuni lowo uyenzileyo le nto.
3
Kuba okunene mna, ndingekho nje okunene ngesiqu, ndikho ngomoya;
4
Egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, xa nithe nahlangana ndawonye nomoya wam, ngokwamandla eNkosi yethu uYesu Kristu,
5
ukunikelwa onjalo kuSathana, ukuba inyama itshatyalaliswe, ukuze umoya usindiswe ngemini yeNkosi uYesu.
6
Iqhayiya lenu alilungile. Anazi na, ukuba igwele elincinane liyayibilisa intlama iphela?
7
Likhupheni ngoko kuthi tu igwele elidala, ukuze nibe yintlama entsha, ekubeni ningabangenagwele. Kuba ipasika yethu ubingelelwe thina nguKristu;
8
Ngoko ke masiyenze umthendeleko, kungengagwele elidala, negwele lobubi, nelokungendawo; kodwa ngezonka ezingenagwele zokunyaniseka nenyaniso.
9
Ndanibhalela encwadini ukuba maningazidibanisi nabahenyuzi;
10
Kodwa ke kungabi ngoku kwanehlabathi elihenyuzayo, nokubawa, nabaphangi, nabakhonza izithixo; kuba oko nimelwe kukuthi nimke ehlabathini.
11
Kungoku ke ndinibhalela ukuba maningazidibanisi nosukuba enegama lokuba ngumzalwana, ukanti wenza umbulo, nokuba ulibawa, nokuba ungumkhonzi wezithixo, nokuba ungumtshabhisi, nokuba ulinxila, nokuba ungumphangi; Maningatyi nonjalo.
12
Ndinamsebenzi mni na ukuba ndigwebe nabangaphandle? Anigwebi abangaphakathi na?
13
Ke abangaphandle bagwetywa nguThixo. Ize nimnyothule kuni nina lowo ungendawo.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16