bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
1 Corinthians 6
1 Corinthians 6
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 7 →
1
Nabani na kuni othi, xa athe wamangalela omnye, makaye kumangala phambi kwabangemalungisa, kungabi phambi kwabangcwele?
2
Anazi na, ukuba abangcwele aba baya kuligweba ihlabathi? Ukuba ke ihlabathi ligwetywa phambi kwenu, anikufanele na ukuwathetha awona mancinanana amatyala?
3
Anazi na, ukuba siya kugweba izithunywa zezulu? Kobeka phi na ke kwizinto zobu bomi?
4
Xa sukuba ke ngoko nisiya ematyaleni ngezinto zobu bomi, nimisa abo bangento kulo ibandla, ukuba kugwebe bona na?
5
Nditsho ukuba nidane. Akukho silumko na phakathi kwenu? Akukho namnye unako ukugweba phakathi kwabazalwana bakhe?
6
Kodwa umzalwana umangalela umzalwana, naphambi kwabangakholwayo.
7
Kaloku ngoku ke ninesono na phakathi kwenu, ukuba niyamangalelana. Yini na ukuba ningathi kanye nimeneze? Yini na ukuba ningavumi kanye?
8
Nisuka nina none abanye, nilumkise, nako oko nibe nikwenza kubazalwana.
9
Anazi na, ukuba abangemalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Musani ukulahlekiswa; abenza umbulo, nabakhonzi bezithixo, nabakrexezi, nabafeba, nabakrexezi
10
Kwanamasela, namabawa, namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi, abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.
11
Naye ninjalo ke inxenye yenu; kuloko nahlanjululwayo, kuloko nangcwaliswayo, kuloko nagwetyelwayo egameni leNkosi uYesu, nangoMoya kaThixo wethu.
12
Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke. Zonke izinto zivumelekile kum, noko asindim oya kubekwa phantsi kwagunya lelayiphi;
13
izidlo zezesisu, nesisu sesezidlo; kodwa uThixo uya kubhangisa kokubini, sona nazo. Ke wona umzimba asingowombulo, ngoweNkosi; nayo iNkosi yeyomzimba.
14
uThixo ke wayivusayo iNkosi, uya kusivusa nathi ngamandla akhe.
15
Anazi na ukuba imizimba yenu ngamalungu kaKristu? Ndiya kuthi na ke, ndiwathabathe amalungu kaKristu lowo, ndiwenze amalungu ehenyukazi? Makube lee oko.
16
Yintoni na? Anazi na, ukuba onamathele kulo ihenyukazi, umzimba mnye nalo? Kuba babini, utsho, baya kuba nyama-nye.
17
Ke onamathele eNkosini, umoya mnye nayo.
18
Wubalekeni umbulo. Zonke izono athe umntu wazenza, zingaphandle komzimba; ke yena owenza umbulo, wona owakhe umzimba.
19
Yintoni na? Anazi na, ukuba umzimba wenu uyitempile yoMoya oyiNgcwele ongaphakathi kwenu, eninaye evela kuThixo; nokuba ke aningabenu?
20
Kuba nathengwa ngexabiso. Mzukiseni ke uThixo ngomzimba wenu nangomoya wenu, izinto ezizezikaThixo ezo.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16