bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Revelation 1
Revelation 1
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 2 →
1
Isityhilelo sikaYesu Kristu, awamnika sona uThixo, ukuba ababonise abakhonzi bakhe izinto ezimele ukubakho kamsinya; waqondisa wathumela ngaso isithunywa sakhe sasemazulwini kumkhonzi wakhe uYohane,
2
owalingqinelayo ilizwi likaThixo nobungqina bukaYesu Kristu, kwaneento zonke awazibonayo.
3
Unoyolo lowo uwalesayo, kwanabo bawevayo amazwi aso isiprofeto esi, bazigcine izinto ezibhaliweyo kuso; kuba ixesha likufuphi.
4
uYohane ubhalela amabandla asixhenxe akwelaseAsiya; uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kulowo ukhoyo, wayekho, uzayo; nakubo ooMoya abasixhenxe abaphambi kwetrone yakhe;
5
nakuYesu Kristu, olingqina elithembekileyo, Owamazibulo kubo abafileyo, uMphathi wookumkani bomhlaba. Kuye lowo wasithandayo, owasihlambayo ezonweni zethu ngegazi lakhe;
6
Wasenza ookumkani nababingeleli kuye uThixo uYise; kuye makubekho uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
7
Yabonani, esiza namafu; aye eya kumbona amehlo onke, kwanabo bamhlabayo; zaye ziya kummbambazelela zonke izizwe zomhlaba. Ewe kunjalo, Amen.
8
Mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo, itsho iNkosi, leyo ikhoyo, yayikho, izayo, uSomandla.
9
Mna Yohane, endikwangumzalwana wenu, nedlelane nani ngayo imbandezelo, nangabo ubukumkani, nangonyamezelo lukaYesu Kristu, ndaye ndisesiqithini ekuthiwa yiPatmos, ngenxa yelizwi likaThixo, nangenxa yobungqina bukaYesu Kristu.
10
Ndaye ndikuMoya ngemini eyeyeNkosi; ndeva emva kwam izwi elikhulu, ngathi lelexilongo,
11
esithi, Mna ndinguAlfa no-Omega, owokuqala nowokugqibela; nokuthi, Okubonileyo, kubhale encwadini, ukuthumele kuwo amabandla asixhenxe akwelaseAsiya; e-Efese, eSmirna, ePergamo, naseTiyatira, naseSardesi, eFiladelfi, naseLawodike.
12
Ndaza ndee guququ, ukuba ndilibone ilizwi elo belithetha nam. Ndithe guququ, ndabona iziphatho zezibane zegolide zisixhenxe;
13
Naphakathi kweziphatho zosixhenxe ezo, ofana noNyana woMntu, ambethe ingubo efike ezinyaweni, ebhinqe emabeleni umbhinqo wegolide.
14
Intloko yakhe ke neenwele zimhlophe, njengoboya bezimvu obumhlophe njengekhephu; amehlo akhe enjengelangatye lomlilo;
15
iinyawo zakhe zifana nobhedu olubengezelayo, zingathi zivuthiswe eziko; nelizwi lakhe ngathi sisandi samanzi amaninzi.
16
Waye eneenkwenkwezi ezisixhenxe esandleni sakhe sokunene, emlonyeni wakhe kuphuma ikrele elibukhali, elintlangothi mbini; ubuso bakhe bungathi lilanga, likhanya ngamandla alo.
17
Ndithe ndakumbona, ndasuka ndawa ezinyaweni zakhe, ndaba njengofileyo. Waza wabeka isandla sakhe sokunene phezu kwam, esithi kum, Musa ukoyika; ndingowokuqala nowokugqibela;
18
Ndingulowo udla ubomi, ndaza ndafa; yabona, ndingodla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni, Amen; Ndinezitshixo zelabafileyo nezokufa.
19
Zibhale izinto ozibonileyo, nezikhoyo, kwaneziya kubakho emva kwezo.
20
Imfihlakalo yeenkwenkwezi ezisixhenxe ozibonileyo esandleni sam sokunene, neziphatho zezibane zosixhenxe zegolide; Iinkwenkwezi ezo zisixhenxe zizithunywa zawo amabandla asixhenxe;
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22