bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Revelation 21
Revelation 21
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 22 →
1
Ndabona izulu elitsha, nomhlaba omtsha; kuba elokuqala izulu nowokuqala umhlaba udlule, nolwandle alusekho, akwaba sabakho lwandle.
2
Ndaza mna, Yohane, ndawubona umzi ongcwele, iYerusalem entsha, usihla uphuma kuThixo, uphuma emazulwini, ulungisiwe njengomtshakazi ehonjiselwe indoda yakhe.
3
Ndeva izwi elikhulu liphuma emazulwini, lisithi, Yabona, umnquba lo kaThixo unabantu; uya kuhlala nabo emnqubeni, bona babe ngabantu bakhe, yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo.
4
Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo; kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile.
5
Waza lowo uhleli phezu kwetrone wathi, Uyabona, izinto zonke ndizenza ntsha. Wathi kum, Bhala; ngokuba la mazwi ayinyaniso, athembekileyo.
6
Wathi kum, Kwenzekile. Mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo; mna ndomnika lowo unxaniweyo emthonjeni wamanzi obomi, ngesisa.
7
Lowo weyisayo uya kuzidla ilifa izinto zonke; kwaye ndiya kuba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam.
8
Ke wona amagwala, nabangakholwayo, nabangamasikizi, nababulali, nabenzi bombulo, nabakhafuli, nabakhonzi bezithixo, nawo onke amaxoki, isabelo sawo siya kuba sedikeni elivutha umlilo nesulfure. Oko kukufa kwesibini.
9
Saza seza kum esinye sezithunywa zezulu ezisixhenxe, ezineengqayi ezisixhenxe, ezizele zizibetho zosixhenxe zokugqibela, sathetha nam sisithi, Yiza apha, ndikubonise umtshakazi, umfazi wayo iMvana.
10
Sandisa ndikuMoya entabeni enkulu, ephakamileyo, sandibonisa umzi omkhulu, iYerusalem engcwele, usihla uphuma emazulwini, uvela kuThixo;
11
Isikhanyiso sawo sifana nelitye elinqabileyo kakhulu, langa leyaspisi ebengezela njengekristale.
12
Unodonga olukhulu oluphakamileyo, unamasango alishumi elinamabini, phezu kwamasango unezithunywa zezulu ezilishumi elinazibini, kubhalwe kuwo amagama angawezizwe ezilishumi elinazibini zoonyana bakaSirayeli.
13
Ngasempumalanga kukho amasango amathathu; ngasentla ngamasango mathathu; ngasezantsi ngamasango mathathu; ngasentshonalanga ingamasango mathathu.
14
Udonga lomzi lunamatye eziseko alishumi elinamabini, kuwo ingamagama abapostile abalishumi elinababini bayo iMvana.
15
Lowo ubethetha nam wayenengcongolo yegolide, ukuba awulinganise umzi lowo, namasango awo, nodonga lwawo.
16
Isixeko eso sasinamacala amane ambombo-ne, ubude bungangobubanzi bawo. Wawulinganisa umzi lowo ngengcongolo, wazitadiya ezilishumi elinesibini lamawaka; ubude nobubanzi nokuphakama kwawo kuyalingana.
17
Walulinganisa nodonga lwaso, ikhulu elinamanci mane anesine leekubhite, ngokomlinganiso womntu, oko kukuthi, owengelosi.
18
Isakhiwo sodonga lwaso yiyaspisi; umzi ke yigolide engcwengekileyo, efana negilasi ebonakalelayo;
19
Namatye eziseko zodonga lomzi ayevathiswe ngamatye anqabileyo onke. Isiseko sokuqala yiyaspisi; eyesibini yisafire; eyesithathu yaba yikalkedoni; esesine yiemeraldi;
20
Eyesihlanu ibiyisardoniki; eyesithandathu ibiyisardiyo; eyesixhenxe yikrizolite; elesibhozo libe yikrizoli; elesithoba yitopazi; eleshumi yikrisopraso; eleshumi elinanye libe yihakinto; eleshumi elinesibini yiametiste.
21
Namasango lawo alishumi elinamabini aziiperile ezilishumi elinambini; isango ngalinye lenziwe ngaperile-nye; nesitrato somzi yigolide engcwengekileyo, njengegilasi ebonakalelayo.
22
Andibonanga tempile kuwo, kuba iNkosi uThixo uSomandla nayo iMvana yitempile yawo.
23
Ke umzi lowo awufuni langa, kwanayo inyanga, kuba ubuqaqawuli bukaThixo buwukhanyisela, nayo iMvana isisibane sawo.
24
Iintlanga zabo basindiswayo ziya kuhamba ekukhanyeni kwawo; ookumkani bomhlaba bazise kuwo uzuko nembeko yabo.
25
Amasango awo akasayi kuvalwa mini kwaphela, kuba ubusuku abuyi kubakho khona.
26
Baya kuzisa uzuko nembeko yeentlanga ezo kuwo.
27
Akuyi kungena kuwo nanye into eyenza inqambi, eyenza isikizi, nobuxoki; abaya kungena ngabo bodwa babhaliweyo encwadini yobomi yeMvana.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 22 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22