bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Revelation 13
Revelation 13
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 14 →
1
Ndaza ndema phezu kwentlabathi yolwandle. Ndabona kunyuka, kuphuma elwandle, irhamncwa, lineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi, ezimpondweni zalo izizithsaba ezilishumi, kwiintloko zalo iligama lonyeliso.
2
Laye irhamncwa elo ndalibonayo lifana nengwe, iinyawo zalo zinjengezebhere, umlomo walo unjengomlomo wengonyama. Inamba yalinika amandla alo, netrone yalo, negunya elikhulu.
3
Ndabona enye yazo iintloko zalo, ingathi ixatyelwe yafa; lathi inxeba lalo elibanga ukufa laphila. Lamangaliswa ihlabathi liphela, lilandela irhamncwa.
4
Bayinqula inamba eyalinika igunya irhamncwa, balinqula irhamncwa, besithi, Ngubani na ofana nerhamncwa elo? ngubani na onako ukulwa nayo?
5
Sanikwa umlomo othetha izinto ezinkulu, nezinyeliso; lanikwa igunya lokuqhubeka iinyanga ezimashumi mane anesibini.
6
Lawuvulela umlomo walo ekumnyeliseni uThixo, ukuba lilinyelise igama lakhe, nomnquba wakhe, nabo bahleli emazulwini.
7
Lanikwa igunya lokulwa nabangcwele, libeyise; lanikwa igunya kuzo zonke izizwe, neelwimi, neentlanga.
8
Baya kulinqula bonke abo bemiyo phezu komhlaba, abamagama angabhalwanga encwadini yobomi yayo iMvana, exheliweyo kususela ekusekweni kwehlabathi.
9
Ukuba ubani unendlebe, makeve.
10
Ukuba ubani ukhokelela ekuthinjweni, uya kusiwa ekuthinjweni; lowo ubulala ngekrele, umelwe kukubulawa naye ngekrele. Nalu unyamezelo nokholo lwabangcwele.
11
Ndabona elinye irhamncwa linyuka liphuma emhlabeni; laye lineempondo ezimbini zifana nezemvana, laye lithetha njengenamba.
12
Lenza lonke igunya lelokuqala irhamncwa, elalingaphambi kwalo; lenza umhlaba nabo bawumiyo ukuba balinqule irhamncwa lokuqala, elaphiliswayo inxeba lalo elibanga ukufa.
13
Senza imiqondiso emikhulu, ngokokude senze umlilo uhle ezulwini, uze emhlabeni phambi kwabantu;
14
Lalahlekisa abo bemiyo phezu komhlaba, ngemiqondiso elayinikwayo ukuba liyenze emehlweni erhamncwa; lisithi kwabo bemiyo phezu komhlaba, ukuba balenze umfanekiselo irhamncwa, elibe linenxeba lalo ikrele, laphila.
15
Lanikwa igunya lokuwunika umfanekiselo werhamncwa umoya, ukuze umfanekiselo werhamncwa elo uthethe nokuthetha, wenze ukuba babulawe abasukuba bengaqubudi kuwo umfanekiselo werhamncwa.
16
Lenza ukuba bonke, abancinane nabakhulu, abazizityebi nabangamahlwempu, abakhululekileyo nabangamakhoboka, ukuba baphawulwe esandleni sabo sokunene, nokuba kusebunzi;
17
Kwaye ukuze kungabikho bani unako ukuthenga nokuthengisa, ingenguye lowo unophawu, nokuba ligama lerhamncwa, nokuba linani legama lalo.
18
Nabu ke ubulumko. Lowo unengqiqo makalibale inani lerhamncwa; kuba linani lomntu; inani lakhe ngamakhulu amathandathu anamanci mathandathu anesithandathu.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22