bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Revelation 2
Revelation 2
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 3 →
1
Isithunywa sebandla elise-Efese, sibhalele uthi: Utsho lowo uzibambayo iinkwenkwezi ezisixhenxe ngesandla sokunene, lowo uhamba phakathi kweziphatho zezibane zosixhenxe zegolide;
2
Ndiyayazi imisebenzi yakho, nokubulaleka kwakho, nomonde wakho, nokuba ungenako ukubathwala abanobubi; nokuba wabalinga abathi bangabapostile, bengengabo, wabafumana bengamaxoki.
3
Wanyamezela, waba nomonde, ngenxa yegama lam wabulaleka, akwatyhafa.
4
Noko ke ndinale nto ngakuwe, yokuba uthando lwakho lokuqala walushiyayo.
5
Khumbula ngoko apho uwe usuka khona, uguquke, wenze imisebenzi yokuqala; okanye ndoza kuwe kamsinya, ndisishenxise isiphatho sesibane sakho endaweni yaso, ukuba akuthanga uguquke.
6
Kodwa unale ndawo, yokuba uyithiyile imisebenzi yamaNikolawo, endiyithiyileyo nam.
7
Lowo unendlebe makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuba adle kuwo umthi wobomi, ophakathi kweParadisi kaThixo.
8
Isithunywa sebandla eliseSmirna, sibhalele uthi: Utsho owokuqala nowokugqibela, owayefile, wabuya wadla ubomi;
9
Ndiyayazi imisebenzi yakho, nembandezelo, nobuhlwempu, (noko usisityebi), nonyeliso lwabo bathi bangamaYuda bona, bengengawo, besisikhungu sikaSathana.
10
Musa ukuzoyika izinto oza kubandezeleka ngazo. Yabona, uMtyholi uza kuyiphosa inxenye yenu entolongweni, ukuze nilingwe; Ke niya kuba nembandezelo imihla elishumi; thembekile kude kuse ekufeni, ndokunika isithsaba sobomi.
11
Lowo unendlebe makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo akayi kwenziwa kukufa kwesibini.
12
Isithunywa sebandla elisePergamo, sibhalele uthi: Utsho lowo unekrele elibukhali, elintlangothi mbini;
13
Ndiyayazi imisebenzi yakho, nalapho uhleli khona, apho sikhona isihlalo sikaSathana; nokuba ulibambe waliqinisa igama lam, akwakukhanyela ukukholwa kwam, nasemihleni uAntipas, owabulawelwa kuni, apho ahleli khona uSathana, wayelingqina lam elithembekileyo.
14
Noko ke ndineendawana ngakuwe: ezi zokuba unabo apho abayibambe bayibambe imfundiso kaBhileham, owamfundisayo uBhalaki ukuphosa isikhubekiso phambi koonyana bakaSirayeli, ukuba badle izinto ezibingelelwe izithixo, benze nombulo.
15
Ngokunjalo nawe unabayibambe bayiqinisa imfundiso yamaNikolawo, into leyo endiyithiyileyo.
16
Guquka; okanye ndoza kuwe kamsinya, ndenze imfazwe nabo ngalo ikrele lomlomo wam.
17
Lowo unendlebe makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuba adle kuyo imana efihlakeleyo, ndimnike ilitye elimhlophe;
18
Isithunywa sebandla eliseTiyatira, sibhalele uthi; Utsho uNyana kaThixo, omehlo akhe anjengelangatye lomlilo, neenyawo zakhe zifana nobhedu olubengezelayo;
19
Ndiyayazi imisebenzi yakho, nothando, nolungiselelo, nokholo, nomonde wakho, nemisebenzi yakho; aze abokugqibela abe ngaphezu kwabokuqala.
20
Kambe ke ndineendawana ngakuwe: ezi zokuba umvumela laa mfazi uIzebhele, othi yena ungumprofetikazi, ukuba abafundise abalahlekise abakhonzi bam, ukuba benze umbulo, badle izinto ezibingelelwe izithixo.
21
Ndamnika ixesha lokuba aguquke kuwo umbulo wakhe; akaguquka.
22
Yabona, mna ndiya kumphosa elukhukweni, nabo bakrexeza kunye naye, embandezelweni enkulu, ukuba abathanga baguquke emisebenzini yabo;
23
nabantwana bakhe ndiya kubabulala ngokufa; azi onke amabandla ukuba mna ndingulowo uphengulula izintso neentliziyo, ndinike elowo ngokwemisebenzi yenu.
24
Ndithi ke kuni, nakwabanye abaseTiyatira, abo bonke bangenayo loo mfundiso, nabo abo bangazazanga iinzulu zikaSathana, njengoko batshoyo; andiyi kubeka phezu kwenu mthwalo wumbi.
25
Kodwa oko ninako kubambeni nikuqinise ndide ndifike.
26
Lowo weyisayo, lowo uyigcinayo imisebenzi yam, ade ase ekupheleni, ndomnika igunya phezu kweentlanga;
27
Uya kuzalusa ngentonga yentsimbi; njengokuba izitya zomdongwe zityunyuzwa, njengokuba nam ndamkele kuye uBawo;
28
ndiya kumnika ikhwezi lokusa.
29
Lowo unendlebe makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22