bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Revelation 8
Revelation 8
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 9 →
1
Xa yalivulayo elesixhenxe itywina, kwabakho ukuzola ezulwini, kwangathi sisiqingatha seyure.
2
Ndazibona izithunywa zezulu ezisixhenxe, ezimayo phambi koThixo; zaza zanikwa izigodlo ezisixhenxe.
3
Seza esinye isithunywa, sema ngasesibingelelweni, sinesiqhumiselo segolide; wanikwa iziqhumiso ezininzi, ukuze azinikele, kunye nemithandazo yabo bonke abangcwele, phezu kwesibingelelo segolide, esiphambi kwetrone.
4
Wenyuka ke umsi wesiqhumiso, kunye nemithandazo yabangcwele, uphuma esandleni sesithunywa eso phambi koThixo.
5
Sathi isithunywa sathabatha isiqhumiselo, sasizalisa ngomlilo wesibingelelo, sawuphosa emhlabeni; kwabakho izandi, neendudumo, nemibane, nenyikima.
6
Zaza izithunywa ezisixhenxe ezinamaxilongo osixhenxe zalungiselela ukuvuthela.
7
Esokuqala isithunywa savuthela ixilongo, kwabakho isichotho nomlilo, ziphithikezwe negazi, zaphoswa emhlabeni, saza isahlulo sesithathu semithi satsha, nayo yonke ingca eluhlaza yatsha yatsha.
8
Sathi esesibini isithunywa savuthela ixilongo, kwanga kuphoswa intaba enkulu, isitsha ngumlilo elwandle, saza isahlulo sesithathu solwandle saba ligazi;
9
Safa isahlulo sesithathu sezinto eziphilileyo eziselwandle; saza isahlulo sesithathu semikhombe satshatyalaliswa.
10
Sathi esesithathu isithunywa savuthela ixilongo, kwawa inkwenkwezi enkulu ezulwini, ivutha ngathi sisibane, yawa phezu kwesahlulo sesithathu semilambo naphezu kwemithombo yamanzi.
11
Igama lenkwenkwezi leyo kuthiwa nguMhlonyane; saza isahlulo sesithathu samanzi saba ngumhlonyane; into eninzi yabantu yafa ngawo amanzi, ngokuba aba krakra.
12
Sathi esesine isithunywa savuthela ixilongo, saza sabethwa isahlulo sesithathu selanga, nesahlulo sesithathu senyanga, nesahlulo sesithathu seenkwenkwezi; njengokuba isahlulo sesithathu sazo saba mnyama, yathi isahlulo sesithathu sayo imini ayikhanyi, kwangokunjalo nobusuku.
13
Ndabona, ndasiva isithunywa sezulu, siphaphazela esazulwini sezulu, sisithi ngezwi elikhulu, Yeha, yeha, yeha, abo bawumiyo umhlaba, ngenxa yezinye izandi zamaxilongo ezithunywa zezulu ezithathu, ezisahleliyo, ukuvakala!
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22