bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Revelation 22
Revelation 22
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
1
za sandibonisa umlambo wamanzi obomi, uqaqambile, ngathi ngumkhenkce, uphuma etroneni kaThixo neyeMvana.
2
Phakathi kwesitrato sawo namacala omabini omlambo, kukho umthi wobomi, ovelisa iintlobo zeziqhamo ezilishumi elinambini, unika iinyanga ngeenyanga zonke isiqhamo sawo; abe amagqabi omthi lowo engawokuphilisa imimoya, izizwe.
3
Akusayi kuba sabakho nasinye isiqalekiso; kodwa itrone kaThixo neyeMvana iya kubakho kuwo; abakhonzi bakhe bamkhonze;
4
Aya kububona ubuso bakhe; negama lakhe liya kuba semabunzini abo.
5
Akuyi kubakho busuku khona; abafuni sibane, nakukhanya kwelanga; ngokuba iNkosi uThixo iya kuzikhanyisela, zilawule ngonaphakade kanaphakade.
6
Sathi kum, La mazwi athembekile, ayinyaniso; iNkosi, uThixo wabaprofeti abangcwele, yathuma isithunywa sayo sasemazulwini ukubabonisa abakhonzi bayo izinto ezimele ukubakho kamsinya.
7
Yabona, ndiyeza kamsinya; unoyolo lowo uwagcinayo amazwi esiprofeto sayo le ncwadi.
8
Mna, Yohane, ndingulowo ubezibona ezi zinto, eziva; Ndathi ndakuva, ndakubona, ndawa ndaqubuda phambi kweenyawo zesithunywa sezulu esandibonisa ezi zinto.
9
Sithi kum, Lumka, ungenjenjalo; ngokuba ndingumkhonzi kunye nawe, nabazalwana bakho abaprofeti, nabo bawagcinayo amazwi ale ncwadi; qubuda kuThixo.
10
Sathi kum, Musa ukuwatywina amazwi esiprofeto sale ncwadi; kuba ixesha likufuphi.
11
Lowo ungongendawo makahlale engongendawo; nalowo uyinyhukunyhuku, makaselehlala eyinyhukunyhuku; lowo ulilungisa makahlale elilungisa; nongcwele makahlale ngcwele.
12
Yabona, ndiyeza kamsinya; umvuzo wam unam, wokuba ndivuze elowo njengoko umsebenzi wakhe uya kuba njalo.
13
Mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo, owokuqala nowokugqibela.
14
Banoyolo abo bayenzayo imithetho yakhe, ukuze babe negunya kuwo umthi wobomi, bangene ngamasango kuwo umzi.
15
Ngaphandle ke zizinja, nabakhafuli, nabenzi bombulo, nababulali, nabakhonzi bezithixo, nabo bonke ababuthandayo, ababenzayo ubuxoki.
16
Mna, Yesu, ndasithuma isithunywa sam sasemazulwini, ukuba ndizingqine kuni ezi zinto ngawo amabandla. Mna ndiyingcambu nenzala kaDavide, ikhwezi eliqaqambileyo lokusa.
17
uMoya nomtshakazi bathi, Yiza. Lowo uvayo makathi, Yiza. Lowo unxaniweyo makeze; nosukuba ethanda, makawathabathe amanzi obomi ngesisa.
18
Kuba ndiyangqina kubo bonke abawevayo amazwi esiprofeto sale ncwadi, ukuba, Ukuba uthe umntu wongeza kwezo zinto, uThixo uya kongeza kuye izibetho ezibhaliweyo kule ncwadi;
19
Ukuba ke uthe umntu wasusa kuwo amazwi encwadi yesi siprofeto, uThixo uya kusisusa isabelo sakhe encwadini yobomi, nakuwo umzi ongcwele, nakuzo izinto ezibhaliweyo kule ncwadi.
20
Uthi lowo uzingqinayo ezi zinto, Ewe, ndiyeza kamsinya. Amen. Ewe, yiza, Nkosi Yesu.
21
Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen.
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22