bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Revelation 3
Revelation 3
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 4 →
1
Isithunywa sebandla eliseSardesi, sibhalele uthi; Utsho lowo unabo ooMoya abasixhenxe bakaThixo, neenkwenkwezi ezisixhenxe; Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba unalo igama lokuba uphilile, ukanti ufile.
2
Phapha, uzizimase izinto eziseleyo eziza kufa; kuba andiyifumananga izalisekile imisebenzi yakho phambi koThixo.
3
Khumbula ngoko ukuba utheni na ukwamkela kwakho, nokuva, nokuba utheni na, uguquke. Ukuba ngoko akuthanga ulinde, ndokufikela njengesela, yaye akusayi kulazi ilixa endokufikela ngalo.
4
Unamagama ambalwa naseSardesi apho, angazidyobhanga wona iingubo zawo; baya kuhamba nam benezimhlophe; ngokuba befanelekile.
5
Lowo weyisayo uya kuthiwa wambu ngeengubo ezimhlophe; Andiyi kulicima igama lakhe encwadini yobomi; ndiya kulivuma igama lakhe phambi koBawo, naphambi kwezithunywa zakhe zasemazulwini.
6
Lowo unendlebe makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.
7
Isithunywa sebandla eliseFiladelfi, sibhalele uthi; Utsho lowo ungcwele, oyiNyaniso, lowo unaso isitshixo sikaDavide, lowo uvulayo kungavali namnye; avale kungabikho uvulayo;
8
Ndiyayazi imisebenzi yakho. Yabona, ndimise phambi kwakho ucango oluvulekileyo, akukho namnye unako ukuluvala; kuba uthe, unamandla amancinane, waligcina ilizwi lam, akwalikhanyela igama lam.
9
Yabona, ndibanika abendlu yesikhungu kaSathana, abathi bangamaYuda bona, bengengawo, bexoka; yabona, ndiya kubenza beze baqubude phambi kweenyawo zakho, bazi ukuba mna ndikuthandile.
10
Ngokuba uligcinile ilizwi lomonde wam, nam ndiya kukugcina, ndikusindise kwilixa lokulingwa, eliya kulifikela lonke elimiweyo, ukulinga abo bemiyo phezu kwehlabathi.
11
Yabona, ndiyeza kamsinya; kubambe nkqi oko unako, ukuze kungabikho namnye usithabathayo isithsaba sakho.
12
Lowo weyisayo ndiya kumenza intsika etempileni yoThixo wam, angabi saphuma ephuma, ndaye ndiya kulibhala phezu kwakhe igama loThixo wam, negama lomzi woThixo wam, eyiYerusalem entsha; lowo uhla ephuma emazulwini evela kuThixo wam, ndaye ndiya kulibhala kuye igama lam elitsha.
13
Lowo unendlebe makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.
14
Usibhalele isithunywa sebandla eliseLawodike; Utsho uAmen, ingqina elithembekileyo, eliyinyaniso, ingqalo yayo indalo kaThixo;
15
Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba akubandi, akushushu; akwaba uyabanda, ungeshushu.
16
Ngenxa enokuba ke udikidiki, ungabandi, ungeshushu, ndiza kukuhlanza uphume emlonyeni wam.
17
Ngenxa yokuba uthi, Ndisisityebi, ndizityebisile, andiswele nto; ube ungazi ukuba uludwayinge, ulusizana, ulihlwempu, uyimfama, uhamba ze;
18
Ndiyakucebisa, ukuba uthenge kum igolide evuthiswe emlilweni, ukuze ube nobutyebi; neengubo ezimhlophe, ukuze wambeswe, lingabonakali ihlazo lobuze bakho; nentambiso yamehlo, uthambise amehlo akho, ukuze ubone.
19
Mna, bonke endibathandayo ndiyabohlwaya, ndibaqeqeshe; zondelela ngoko uguquke.
20
Yabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza; ukuba uthe umntu waliva izwi lam, waluvula ucango, ndongena kuye, ndidle naye, naye adle nam.
21
Lowo weyisayo, ndiya kumvumela ukuba ahlale nam etroneni yam, njengokuba nam ndeyisayo, ndaza ndahlala phantsi noBawo etroneni yakhe.
22
Lowo unendlebe makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22