bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Daniel 1
Daniel 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 2 →
1
NGOWESITATU umnyaka wobukumkani buka‐Yoyakime ukumkani wo‐Juda, weza u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone e‐Yerusaleme, wayivingcela.
2
Yandula inkosi yanikela esandleni sake u‐Yoyakime ukumkani wo‐Juda, nenxenye yempahla zendlu katixo; waza wazizisa elizweni le‐Shinare, endlwini yotixo wake; nempahla wazingenisa endlwini yendyebo yotixo wake.
3
Wati ukumkani wateta ku‐Shapenaze inkosi yabatenwa bake, ukuba azise abatile kulo usapo luka‐Sirayeli, nakuyo inzalo yokumkani, nakuzo inkosana;
4
kwa amadodana okungekuwo nasinye isipako, amahle ukubonakala kwawo, anobuciko ebulumkweni bonke, azizazi, anokuqonda ukwazi, ekukuwo amandla okuba eme eluxandeni lwokumkani, nokuba afundiswe ukuba̔la nokuteta kwama‐Kaledine.
5
Kanjalo ukumkani wawabela into yemihla ngemihla kuko ukutya okumnandi kwokumkani, nakuyo iveyine yokusela kwake, ukuba ondliwe iminyaka mitatu, ati ekupeleni kwayo eme ebusweni bokumkani.
6
Kekaloku bekuko pakati kwawo, kulo usapo luka‐Juda, u‐Danyeli, u‐Hananiya, u‐Mishayeli, no‐Hazariya;
7
eyati inkosi yabatenwa yabatiya amagama: u‐Danyeli yambiza ngo‐Beleteshatsare, no‐Hananiya ngo‐Shadraki, no‐Mishayeli ngo‐Meshaki, no‐Hazariya ngo‐Habedi‐nego.
8
Kodwa u‐Danyeli wabeka entliziyweni yake ukuba angazinco̔lisi ngokutya okumnandi kwokumkani, nangeveyine yokusela kwake; ngako wacela enkosini yabatenwa ukuba angazinco̔lisi.
9
Waye utixo emnikile u‐Danyeli ufefe nobubele ebusweni benkosi yabatenwa.
10
Yaza inkosi yabatenwa yati ku‐Danyeli: Ndiyoyika inkosi yam ukumkani, okwabileyo ukutya kwenu nokusela kwenu; ngokuba kuyinina ukuba abubone ubuso benu busiti kunubembe ngapezu kwamadodana angawentanga yenu? niya kwandula niyenze intloko yam imelwe lityala pambi kwokumkani.
11
Waza wati u‐Danyeli kwigosa, elo inkosi yabatenwa ibilimisile pezu kwo‐Danyeli, n o‐Hananiya, n o‐Mishayeli, no‐Hazariya:
12
Zulinge izicaka zako imihla ibe lishumi; mabasinike imifuno ukuba sitye, namanzi ukuba sisele:
13
kwandule ukukangelwa pambi kwako ukubonakala kwetu, nokubonakala kwamadodana adlayo ukutya okumnandi kwokumkani: uze wenze kwizicaka zako njengokubona kwako.
14
Laza labapulapula ngalendawo, labalinga imihla yalishumi.
15
Kwati ke ekupeleni kwemihla ilishumi, kwabonwa ukuba ukubonakala kwabo bagqitisile onke amadodana awadlayo ukutya okumnandi kwokumkani ngobuhle nangokutyeba kwenyama.
16
Landula igosa lasusa ukutya okumnandi kwabo, neveyine yokusela kwabo, labanika imifuno.
17
Kekaloku lamadodana omane utixo wawanika ukwazi nokuqonda kulo lwonke ufundo nobulumko; no‐Danyeli wamqondisa yonke imiboniso namapupa.
18
Kwati ke ekupeleni kwemihla owabetshilo ukumkani ukuba iwazise, yandula inkosi yabatenwa yawazisa pambi kwo‐Nebukanetsare.
19
Waza ukumkani wateta nawo; kwaye kube kungafunyanwa pakati kwawo onke nanye ebinjengo‐Danyeli, n o‐Hananiya, n o‐Mishayeli, no‐Hazariya; ngako bema ebusweni bokumkani.
20
Nendawo zonke zobulumko n engqondo, owababuza ngazo ukumkani, wabafumana belumkile ngamanani alishumi pezu kwazo zonke incibi n abanyangi abasebukumkanini bake bonke.
21
Kekaloku u‐Danyeli wahlala kwada kwaba ngowokuqala umnyaka ka‐Koreshe ukumkani.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12