bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Daniel 2
Daniel 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 3 →
1
NGOWESIBINI umnyaka wobukumkani buka‐Nebukanetsare, wapupa u‐Nebukanetsare amapupa, waza waxa̔liswa umoya wake, bemka kuye nobutongo bake.
2
Wasuka watyela ukumkani ukuba makubizwe incibi, nabanyangi, nezanuse, naba‐Kaledine, ukuze bambonise ukumkani amapupa ake. Beza ke bema ebusweni bokumkani.
3
Wayesiti kubo ukumkani: Ndilipupile ipupa; kanjalo umoya wam uxa̔lele ukulazi ipupa elo.
4
Bandula bateta aba‐Kaledine kukumkani ngesi‐Siriya, besiti: Kumkani, hlala uhleli kude kube ngunapakade! Tyelela izicaka zako ipupa, nokutyilwa kwalo sokuxela.
5
Wapendula ukumkani wati kuba‐Kaledine: Indawo imkile kum; ukuba anindazisi ipupa, nokutyilwa kwalo, niya kuhlahlwa, ziti izindlu zenu zenzwe imfumba yenkunkuma.
6
Kodwa ukuba niyaxela ipupa, nokutyilwa kwalo, niya kwamkela kum amabaso, nemivuzo, nodumo olukulu; ngako oko ndixeleleni ipupa, nokutyilwa kwalo.
7
Bapendula ngokwesibini bati: Makati ukumkani azityelele izicaka zake ipupa, nokutyilwa kwalo sokuxela.
8
Wapendula ukumkani wati: Ndiyazi ngokuqinileyo ukuba ninga ningazuza ixesha, nibona nje ukuba indawo imkile kum.
9
Kodwa ukuba anindazisi ipupa, ukwa mnye umteto ngani; ngokuba amazwi abuxoki nakohlakeleyo nivumelene ukuwateta pambi kwam, kude kuguqulwe ixesha: ngako oko ndityeleleni ipupa, ndandiya kwazi ukuba ukutyilwa kwalo ningakuxela.
10
Bapendula aba‐Kaledine pambi kwokumkani, bati: Akuko mntu pezu kwomhlaba ongayixelayo indawo yokumkani: ngoko akuko ukumkani, n enkosi, nompati, oke wabuza into enjalo kwenye incibi, nomnyangi, nom‐Kaledine.
11
Ngokuba indawo ebuzwayo ngukumkani inqabile; kananjalo akuko namnye ongayixelayo pambi kwokumkani, kupela ngotixo, abakuhlala kungenaluntu.
12
Ngako oko waqumba ukumkani, wababama kunene, watyela ukuba makubujiswe onke amalumko ase‐Babilone.
13
Waza wapuma umteto wokuba amalumko abulawe: kwafunwa no‐Danyeli, namakolwane ake, ukuba babulawe.
14
Wandula wapendula u‐Danyeli ngobutelekelelo nangobuqiqo ku‐Ariyoki, inkosi yomlisela wokumkani, obepumile ukuya kubulala amalumko ase‐Babilone:
15
wapendula wati ku‐Ariyoki, igosa lokumkani: Yinina ukuba umteto unxamile kangaka ukuvela kukumkani? Wandula u‐Ariyoki wamazisa u‐Danyeli indawo.
16
Waza wangena u‐Danyeli, wacela kukumkani ukuba ammisele ixesha, ukuze axele ukutyilwa kukumkani.
17
Wandula u‐Danyeli waya endlwini yake, washumayela indawo ku‐Hananiya, na ku‐Mishayeli, naku‐Hazariya, amakolwane ake;
18
ukuba bacele izibele kutixo wezulu ngalemfihlakalo, ukuze kungabubi u‐Danyeli namakolwane ake kunye namanye amalumko ase‐Babilone.
19
Yada imfihlakalo yatyilelwa u‐Danyeli ngomboniso wobusuku. Wandula u‐Danyeli wambonga utixo wezulu.
20
Wapendula u‐Danyeli, wati: Igama likatixo malibongwe kwa kunapakade kude kube ngunapakade; ngokuba bubobake ubulumko namandla.
21
Yena uyaguqula amaxesha nemizuzu; uyasusa okumkani, uyamisa okumkani kanjalo; uyanika ubulumko kwabalumkileyo, nokwazi kwabaziyo ukuqonda.
22
Izinto ezinzulu nezifihlakeleyo uyazityila: oko kusebumnyameni uyakwazi, nokukanya kuhleli naye.
23
Ndiyabulela kuwe, ndikudumise, Tixo wobawo bam! ondinikileyo ubulumko namandla, wandazisa kaloku nje oko sibe sikufuna kuwe; ngokuba nguwe osazisileyo indawo yokumkani.
24
Wati ngoko u‐Danyeli wangena ku‐Ariyoki, lowo abemmisele ukumkani ukuba abubise amalumko ase‐Babilone: waya watsho kuye ngokuti: Ungabubisi amalumko ase‐Babilone; ndingenise pambi kwokumkani, ndandiya kuxela ukutyilwa kukumkani.
25
Waza u‐Ariyoki wangenisa u‐Danyeli pambi kwokumkani ngobunxamo, watsho kuye ngokuti: Kendifumene indoda elusatsheni lwasekutinjweni kwo‐Juda, eya kumazisa ukumkani ukutyilwa.
26
Wapendula ukumkani wati ku‐Danyeli, ogama lingu‐Beleteshatsare: Unamandla na okuba undazise ipupa endilibonileyo, nokutyilwa kwalo?
27
Wapendula u‐Danyeli ebusweni bokumkani, wati: Imfihlakalo ebuzwayo ngukumkani akangeyixele amalumko, n abanyangi, n encibi, n amatola, kukumkani;
28
kodwa kuko utixo ezulwini ozityilayo imfihlakalo, owazisile ukumkani u‐Nebukanetsare oko okuza kubako emihleni yokupela. Ipupa lako, nemiboniso yentloko yako upezu kwomandlalo wako, yiyo le:
29
Wena, kumkani! izicamango zako upezu kwomandlalo wako zenyuka, zicamanga oko okuya kubako emveni kwoku; nalowo ozityilayo imfihlakalo ukwazisile oko okuya kubako.
30
Mna ke, imfihlakalo le andityilelwe yona ngobulumko endinabo ngapezu kwabo bonke abahleliyo; koko kungenxa yokuba ukutyilwa kwaziswe kukumkani, nokuba uzazi izicamango zentliziyo yako.
31
Wena, kumkani! ubukangela; kekaloku nanguya umfanekiso omkulu. Lomfanekiso umkulu, onkazimlo ibiyegqitisileyo, ubumi pambi kwako; nokubonakala kwawo ubusoyikeka.
32
Umfanekiso lowo, intloko yawo ibiyeyegolide entle; isifuba sawo nengalo zawo zibe zizezesilivere; isisu sawo namatanga awo abengawexina;
33
imilenze yawo ibiyeyesincete; inyawo zawo, inxenye ibiyeyesincete, nenxenye ibiyeyodongwe.
34
Wabukangela kwada kwasikelwa ilitye kungeko izandla, elabeta umfanekiso lowo pezu kwenyawo zawo zesincete nodongwe, laziti viti.
35
Kwandula kwatiwa viti kwa kunye isincete, udongwe, ixina, isilivere, negolide, zaba njengomququ wasezibayeni zehlobo; waza umoya wazemkisa, kwada akwazifunyanelwa nanye indawo; kanti ilitye elabeta umfanekiso laba yintaba enkulu, lazalisa umhlaba wonke.
36
Leli ipupa; nokutyilwa kwalo siya kutyela kona pambi kwokumkani.
37
Wena, kumkani! ungukumkani kakumkani: ngokuba utixo wezulu ekunikile ubukumkani, n obukulu, namandla, nodumo.
38
Nalapo kusukuba kumiwa kona lusapo lwabantu, izilo zasendle nentaka zezulu uzinikile esandleni sako, wakwenza umpati pezu kwazo zonke. Wena ke uyintloko leyo yegolide.
39
Nasemveni kwako kwovuka obunye ubukumkani, bubuncinane kobako; nobunye, ubukumkani besitatu, obexina, obuya kupata ubukosi pezu kwomhlaba wonke.
40
Nobesine ubukumkani bona boba namandla njengesincete; ngokokuba isincete siziti viti sizikande zonke izinto: nanjengesincete, esiqekeza ezi zinto zonke, boti viti buqekeze nabo.
41
Nokokuba wabubona inyawo namazwane, inxenye iludongwe lwombumbi, nenxenye isisincete, ubukumkani obo boba bahlukile; kodwa kuya kubako okwokwomelela kwesincete kubo, ngokokuba ububona isincete sixutyiwe nodongwe olubudaka.
42
Kanjalo njengokuba amazwane enyawo ebesisincete inxenye, nodongwe inxenye, kwa njalo ubukumkani obo, ngenxenye boba namandla, nangenxenye boba buqoboqobo.
43
Nokokuba wabubona isincete sixutyiwe nodongwe olubudaka, baya kuzixubanisa nenzalo yabantu; kanti abayi kunamatela omnye kwomnye, kwa njengokuba isincete singaxubeki nodongwe.
44
Nasemihleni yokumkani aba, utixo wezulu uya kumisa ubukumkani, obungayi kuza butshatyalaliswe napakade: obubukumkani abuyi kushiyelwa kwabanye abantu; buya kubuti viti obobukumkani bonke bubugqibele, kanti buya kuma bona kude kube ngunapakade;
45
ngokokuba ububona ukuba ilitye belisikwa entabeni kungeko izandla, nokuba laziti viti isincete, ixina, udongwe, isilivere, negolide. Utixo omkulu umazisile ukumkani oko okuya kubako emveni kwoku: kanjalo ipupa liqinile, nokutyilwa kwalo kuyinyaniso.
46
Wandula ukumkani u‐Nebukanetsare wawa ngobuso bake, waziqubuda pambi kwo‐Danyeli, waxela ukuba makunikelwe kuye umnikelo wokudla namavumba amnandi.
47
Wapendula ukumkani ku‐Danyeli, wati: Kuyinene ukuba utixo wenu unguye utixo wotixo, nenkosi yokumkani, nomtyili wemfihlakalo, ukuba ubunamandla okuyityila imfihlakalo le.
48
Wandula ukumkani wamenza mkulu u‐Danyeli, wampa amabaso amakulu amaninzi, wamenza umpati pezu kwalo lonke ilizwana le‐Babilone, nenkosi enkulu pezu kwamalumko onke ase‐Babilone.
49
Waza u‐Danyeli wacela kukumkani, owamisa u‐Shadraki, n o‐Meshaki, no‐Habedi‐nego, pezu kwemicimbi yalo ilizwana le‐Babilone; kodwa u‐Danyeli wahlala esangweni lokumkani.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12