bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Daniel 7
Daniel 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 8 →
1
NGOMNYAKA wokuqala ka‐Beleshatsare ukumkani we‐Babilone, u‐Danyeli wabona ipupa, nemiboniso yentloko yake, epezu kwomandlalo wake; wandula waliba̔la ipupa elo, wayityela imfinyezwa yendawo.
2
Wateta u‐Danyeli wati: Ndabona embonisweni wam ngobusuku, nantsiya imimoya yomine yasezulwini igaleleka pezu kwolwandle olukulu.
3
Zaza zenyuka izilo ezikulu ezine elwandle, zahlukile esinye kwesinye.
4
Esokuqala besinjengengonyama, sinamapiko okozi; ndakangela ada axwitwa amapiko aso, saza safunqulwa emhlabeni, samiswa pezu kwenyawo njengomntu, nentliziyo yomntu yanikwa kuso.
5
Kekaloku bona ke, esinye isilo, esesibini, besinjengebere, sazipakamisa ngecala elinye, sinazo imbambo ezintatu emlonyeni waso pakati kwamazinyo aso; kwaza kwatshiwo kuso ukuti: Suka, yidle inyama eninzi.
6
Emveni kwoku ndakangela, nasiya esinye, sinjengengwe, sinamapiko amane entaka pezu kwomhlana waso; kanjalo isilo eso besinentloko ezine, nobukosi bebunikwa kuso.
7
Emveni kwoku ndabona emibonisweni yobusuku, nasiya isilo sesine, esoyikekayo, esomeleleyo, esigqitisileyo ngamandla; besinawo amazinyo amakulu esincete; sadla, satyumza, nesisalela sasinyatela ngenyawo zaso; besahlukile kuzo zonke izilo ezibe zipambili kuso; saye sinazo impondo ezilishumi.
8
Ndagqala impondo ezo, kekaloku bona ke, kwapuma pakati kwazo elunye upondo oluncinane, ebekudonyulwa pambi kwalo isitatu sempondo zokuqala; kanjalo bona ke, elupondweni olu bekuko amehlo njengamehlo omntu, nomlomo uteta izinto ezinkulu.
9
Ndakangela zada zabekwa iterone, waza wahlala omdala ngemihla, osivato besimhlope njengengqweqwe, nenwele zentloko yake njengoboya obumsulwa: iterone yake ibi njeng elangatye lomlilo, nengqengqeleko zayo njeng omlilo ovutayo.
10
Umlambo womlilo wela wapuma ebusweni bake; amawakawaka akonza kuye, namashumi amawakawaka ema pambi kwake; kwahlalwa ukugweba, nencwadi zavulwa.
11
Ndandula ndakangela ngenxa yelizwi lalomazwi makulu lwawatetayo upondo olo; ndakangela sada sabulawa esosilo, wabujiswa umzimba waso, sanikelwa ekuvuteni kwomlilo.
12
Kekaloku ezinye izilo, zazihlutwa zona ubukosi bazo; kodwa ukwolulwa kwobomi bekunikwa kuzo kude kube ngumzuzu nexesha.
13
Ndabona emibonisweni yobusuku, kekaloku bona ke, wafika namafu ezulu onjengonyana wesintu, weza kuye omdala ngemihla, wasondezwa pambi kwake.
14
Kwaza kwanikwa kuye ubukosi, nodumo, nobukumkani, ukuze bakonze kuye bonke abantu, izizwe, nenteto: ubukosi bake bubukosi obungunapakade, obungasayi kububa, nobukumkani bake bobungasayi kutshatyalaliswa.
15
Mna Danyeli umoya wam wabuhlungu pakati kwomzimba wam, nemiboniso yentloko yam yanditusa.
16
Ndasondela komnye wabo babemi kona, ndabuza kuye inyaniso yoku konke. Waza wandityela, wandazisa ukutyilwa kwezizinto.
17
Ezizilo zikulu, ezizine, zingokumkani abane, a baya kuvuka emhlabeni.
18
Kodwa abangcwele bopezu kwonke baya kwamkela ubukumkani, babambe ubukumkani kude kube ngunapakade, kwa kude kube ngunapakade kanapakade.
19
Ndandula ndanqwenela inyaniso ngaso isilo sesine, esibe sahlukile kwezinye zonke, sigqitisile ngokwoyikeka, esimazinyo sisincete, nenzipo zaso zilixina; eso sadlayo, satyumza, nesisalela sasinyatela ngenyawo zaso;
20
nangazo impondo zilishumi ezisentloko yaso, na ngalo olunye olwapumayo, esati isitatu sawa pambi kwalo; kwa olopondo olunamehlo, olunomlomo olwateta izinto ezinkulu, olube lukulu ngapezu kwabalingane balo ukubonakala kwalo.
21
Ndakangela, lwati upondo olu lwayenza imfazwe nabangcwele, lwaboyisa;
22
wada wafika omdala ngemihla, banikwa ubulungisa kwabangcwele bopezu kwonke, lafika ixesha abangcwele bazuza ubukumkani ngalo.
23
Watsho ukuti: Isilo sesine soba bobesine ubukumkani pezu kwomhlaba, obuya kwahluka kubo bonke ubukumkani; babuya kuwudla umhlaba wonke, buwunyatele, buwutyumze.
24
Nempondo ezilishumi, zona zingokumkani abalishumi, abaya kuvuka ebukumkanini obo; nasemva kwabo kwovuka omnye; waye yena eya kwahluka kubo abapambili, atobise okumkani abatatu.
25
Waeya kuteta amazwi ngakuye opezu kwonke, abasinyise abangcwele bopezu kwonke, acingele ukuguqula amaxesha nemiteto: babeya kunikwa esandleni sake kude kube lixesha, namaxesha, nesahlulo sexesha.
26
Koko kuya kuhlalwa ukugweba, babeya kususa ubukosi bake, ukubutshabalalisa nokubububisa kude kube sekupeleni.
27
Kanjalo ubukumkani, nobukosi, nobukulu bobukumkani ngapantsi kwezulu lonke, buya kunikwa ebantwini babangcwele bopezu kwonke, obukumkani bubukumkani obungunapakade, babuya kumkonza bonke ubukosi, bumpulapule.
28
Kwada kwakaloku kukupela kwalendawo. Kekaloku mna Danyeli izicamango zam zanditusa kakulu, nobuso bam bandiguqulelwa; noko ndayigcina into leyo entliziyweni yam.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12