bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Daniel 5
Daniel 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 6 →
1
UBELESHATSARE ukumkani walenzela iwaka lemiduna yake umtendeleko omkulu, wasela iveyine pambi kwelowaka.
2
Wati u‐Beleshatsare akuba evile iveyine, watyela ukuba makuziswe impahla zegolide nezesilivere, ezo uyise u‐Nebukanetsare waziku̔pa etempileni ebise‐Yerusaleme; ukuba basele kuzo ukumkani nemiduna yake, abafazi bake namashweshwe ake.
3
Kwandula kwaziswa impahla zegolide ezibe ziku̔tshiwe etempileni yendlu katixo ebise‐Yerusaleme; baza basela kuzo ukumkani nemiduna yake, abafazi bake namashweshwe ake.
4
Basela iveyine, badumisa otixo begolide, nabesilivere, n abexina, n abesincete, n abemiti, nabamatye.
5
Kwa ngeloxanyana yavela iminwe yesandla somntu, yaba̔la malungana nekandelare, pezu kwekalike yodonga lwoxande lwokumkani; wati ukumkani wabona lonxenye yesandla yaba̔layo.
6
Kwandul’ ukuguqulwa ubuso bokumkani, nezicamango zake zamtusa; kanjalo amalungu esinqe sake axengaxenga, namadolo ake abetana elinye nelinye.
7
Waza ukumkani wadanduluka ngamandla ukuba kungeniswe abanyangi, n aba‐Kaledine, namatola. Wateta ukumkani, wati kuwo amalumko ase‐Babilone: Osukuba elesesha esisiba̔lo, nokutyilwa kwaso akuxele kum, wovatiswa ngesibomvu, nangomxokelelwane wegolide entanyeni yake, waeya kuba ngowesitatu umpati ebukumkanini.
8
Andula angena onke amalumko okumkani; koko ebekohlwa ukulesesha isiba̔lo, nokumazisa ukumkani ukutyilwa kwaso.
9
Waza ukumkani u‐Beleshatsare wetuswa kakulu, nobuso bake babumguqulelwa, nemiduna yake yabixakekile.
10
Ukumkanikazi, ngenxa yamazwi okumkani nemiduna yake, wangena endlwini yomtendeleko: wateta ukumkanikazi, wati: Kumkani, hlala uhleli kude kube ngunapakade! ungetuswa zizicamango zako, nobuso bako mabungaguqulwa.
11
Kuko indoda ebukumkanini bako okukuyo umoya wotixo abangcwele; ngokuba emihleni yoyihlo bekufunyanwa kuyo ukukanya, nokuqonda, nobulumko, njengobulumko babo otixo; ngako ukumkani u‐Nebukanetsare, uyihlo wako, wayimisa ibe yinkosi yencibi, n abanyangi, n aba‐Kaledine, n amatola; wenje njalo ke uyihlo wako, kumkani!
12
ngokokuba umoya ogqitisileyo, nokwazi, nokuqonda, ukutyila amapupa, nokuxela izintsonkotelo, nokubangulula indawo ezinqabileyo, bekufunyanwa kuyo, ku‐Danyeli, owati ukumkani wamtiya igama elingu‐Beleteshatsare: ngoko makabizwe u‐Danyeli, waeya kuxela ukutyilwa.
13
Kwaza kwangeniswa u‐Danyeli pambi kwokumkani. Wateta ukumkani wati ku‐Danyeli: Ungulo‐Danyeli na, ongowaselusatsheni lwokutinjwa kwo‐Juda, owabepunyiswa kwa‐Juda ngukumkani ubawo?
14
Sendivile ngawe, ukuba umoya wabo otixo ukuwe, nokuba ukukanya, nokuqonda, nobulumko obugqitisileyo bufunyenwe kuwe.
15
Kekaloku sekungenisiwe pambi kwam amalumko n abanyangi, ukuba baleseshe esisiba̔lo, bandazise ukutyilwa kwaso; koko bebekohlwa kukuxela ukutyilwa kwendawo.
16
Kodwa ndivile ngawe, ukuba unamandla ukutyila izityilo, nokubangulula indawo ezinqabileyo; kekaloku, ukuba unamandla ukulesesha isiba̔lo eso, nokundazisa ukutyilwa kwaso, wovatiswa ngesibomvu, nangomxokelelwane wegolide entanyeni yako, wauya kuba ngowesitatu umpati ebukumkanini.
17
Waza wapendula u‐Danyeli, wati pambi kwokumkani: Amabaso ako makabe kuwe, nemivuzo yako yinike kwomnye: noko, isiba̔lo ndosileseshela ukumkani, ndimazise nokutyilwa kwaso.
18
Wena, kumkani! utixo opezu kwonke wamnika u‐Nebukanetsare uyihlo wako ubukumkani, nobukulu, nodumo, nobungcwalisa:
19
nangenxa yobukulu abebunikile kuye, bonke abantu, n ezizwe, nenteto, bangcangcazela boyika pambi kwake: lowo watanda ukumbulala, wambulala; nalowo watanda ukumgcina ehleli, wamgcina ehleli; nalowo watanda ukumpakamisa, wampakamisa; nalowo watanda ukumtobisa, wamtobisa.
20
Kodwa xeshekweni intliziyo yake yapakama, nompefumlo wake waba lukuni er̔atshini, wahliswa eteroneni yobukumkani bake, nodumo lwake lwasuswa kuye.
21
Waza wagxotwa konyana babantu; intliziyo yake yenziwa njengeyezilo, nokuhlala kwake bekundawonye namaqwaṙa asendle; wadliswa utyani njengenkabi, nomzimba wake waneta ngombete wezulu; wada wakwazi ukuba utixo, opezu kwonke, uyapata ubukosi pezu kwobukumkani babantu, nokuba uyamisa pezu kwabo lowo atandayo.
22
Nawe, unyana wake, Beleshatsare! akuyitobanga intliziyo yako, nakuba ubukwazi oku konke;
23
koko uzipakamisile ngakuyo inkosi yezulu; kanjalo kuzisiwe pambi kwako impahla zendlu yayo, nanisele iveyine ngazo, wena nemiduna yako, abafazi bako namashweshwe ako; notixo besilivere, nabegolide, n abexina, n abesincete, n abemiti, nabamatye, abangaboniyo, abangevayo, abangenakwazi, ubadumisile; kodwa utixo, lowo umoya wako usesandleni sake, nendlela zako zonke zingaye, akumbekanga.
24
Oko lonxenye yesandla yasuswa kwa pambi kwake; saba̔lwa ke esisiba̔lo.
25
Nasi isiba̔lo esibe siba̔liwe: Mene, mene, tekeli, uparesine.
26
Koku ukutyilwa kwalendawo: Mene; utixo ubalile ubukumkani bako, ubupelisile.
27
Tekeli; ulinganisiwe ezilinganiselweni, wafunyanwa ulula.
28
Perese; ubukumkani bako bahlulwe, bunikiwe kuwo ama‐Medi nama‐Peresiya.
29
Wandula waxela u‐Beleshatsare, baza bamvatisa u‐Danyeli ngesibomvu, nangomxokelelwane wegolide entanyeni yake, bashumayela ngaye ukuba makabe ngowesitatu umpati ebukumkanini.
30
Kwa ngobo busuku kwabulawa u‐Beleshatsare ukumkani wama‐Kaledine.
31
Kekaloku u‐Dariyusi, um‐Medi, wamkela ubukumkani, eminyaka engati ngamashumi matandatu anamibini ubudala bake.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12