bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Daniel 10
Daniel 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 11 →
1
NGOMNYAKA wesitatu ka‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya, kwatyilwa into ku‐Danyeli, ogama lalibizwa ngo‐Beleteshatsare: lento ibiyinene, kodwa ukulwa bebukukulu: wayiqonda lento, wanokuqonda ngomboniso kanjalo.
2
Ngezontsuku mna Danyeli bendilila isitatu seveki zemihla.
3
Isonka esimnandi bendingasidli, akwangena emlonyeni wam nenyama neveyine, bendingake ndazitambisa kanjako, kwada kwazaliseka ezoveki zemihla zontatu.
4
Nangowamashumi mabini anesine umhla wenyanga yokuqala, nxa bendingasecaleni lomlambo omkulu, le‐Hidekele,
5
ndawapakamisa amehlo am, ndakangela; kekaloku nantsiya indoda yambete izivato zeqiya, nesinqe sayo sibinqiwe ngegolide yase‐Yufazi:
6
nomzimba wayo ubunjengelitye letareshishe, nobuso bayo njengokubonakala kwombane, namehlo ayo njengezibane zomlilo, nengalo zayo nenyawo zayo njengobubengebenge bexina egudisiweyo, nentlokoma yamazwi ayo njengentlokoma yesihlwele.
7
Lomboniso ndawubona mna Danyeli ndedwa; ngokuba amadoda abeko nam engabonanga umboniso lowo; koko ebewelwe kukunkwantya okukulu, aza abaleka ukuba azimele.
8
Ndaza ndashiywa ndedwa, ndawubona lomboniso umkulu, kodwa akwasala amandla kum; kwandiguqulelwa ukwomelela kwam kwaba kukwonakala, ndingasabambanga amandla.
9
Ndayiva noko intlokoma yamazwi ayo; naxeshekweni bendisiva intlokoma yamazwi ayo, ndawelwa bubutongo obukulu ndipezu kwobuso bam, ubuso bam bungasemhlabeni.
10
Kekaloku bona ke, kwandicu̔kumisa isandla, esandigexisa pezu kwamadolo am nentende zezandla zam.
11
Wayesiti kum: Danyeli, ndoda etandiweyo! gqala amazwi endiwatetayo kuwe, ume pezu kwendawo yokuma yako; ngokuba nditunyiwe kaloku nje ukuza kuwe. Ndati akuba etetile elolizwi kum, ndema ndingcangcazela.
12
Waza wati kum: Zungoyiki, Danyeli! ngokuba kowokuqala umhla ubuyibeka intliziyo yako ukuqonda, nokuzibandezela pambi kwotixo wako, ebeviwa amazwi ako; ndize nam ngenxa yamazwi ako.
13
Kodwa inkosi yobukumkani be‐Peresiya yandimela intsuku zamashumi mabini ananye: koko, bona ke, u‐Mikaheli, enye yenkosi zokuqala, weza kundinceda; ndaza ndasala kona ndawonye nabo okumkani be‐Peresiya.
14
Ndize ke ukuba ndikuqondise okuya kuhla ebantwini bako emihleni yokupela: ngokuba umboniso usengowemihla emininzi.
15
Ndati akuba etetile lamazwi kum, ndabeka ubuso bam ngasemhlabeni, ndaba sidenge.
16
Kekaloku bona ke, ofana nonyana boluntu wacu̔kumisa umlomo wam; ndandul’ ukuvula umlomo wam, ndateta, ndati kulowo owema ngapambi kwam: Nkosi! ngawo umboniso intsizi zam ziguqulwe pezu kwam, ndingasabambanga amandla.
17
Singati nina ke isicaka salenkosi yam ukuteta nalenkosi yam? ngokuba mna, kwa kaloku kungahleli amandla kum, kungasele umpefumlo kum kanjalo.
18
Waza wabuya wandicu̔kumisa onjengokubonakala kwomntu, wandomeleza,
19
wati: Zungoyiki, ndoda etandiweyo! uxolo malube kuwe, yomelela, ewe, yomelela. Nakeshekweni abeteta nam, ndomelezwa, ndati: Maitete inkosi yam; ngokuba undomelezile.
20
Waza wati: Uyazi na ndizele nina kuwe? Kodwa ngoku ndiya kubuya ukuba ndilwe nenkosi ye‐Peresiya; nxa ndipumileyo mna, bona ke; iya kuza inkosi ye‐Javane.
21
Noko ndiya kushumayela kuwe oko kuba̔liweyo esiba̔lweni senyaniso. Akuko ke namnye ozomelezelana nam ngakuzo ezi, kupela ngu‐Mikaheli inkosi yenu.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12