bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Daniel 8
Daniel 8
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 9 →
1
NGOWESITATU umnyaka wobukumkani buka‐Beleshatsare, umboniso wabonakala kum mna Danyeli, emveni kwalowo wabonakalayo kum ekuqaleni.
2
Ndabona ke embonisweni; kwaye kute ndakubona, bendise‐Shushane komkulu, eselizwaneni le‐Helami; ndabona embonisweni ukuba ndingasemlanjeni we‐Wulai.
3
Ndaza ndawapakamisa amehlo am, ndakangela, kekaloku bona ke, kwema pambi kwomlambo inkunzi yegusha inempondo mbini: ezo impondo mbini zazinde; kodwa olunye belulude kolunye, kanjalo olude lwagqibela ukupuma.
4
Ndabona inkunzi yegusha inquba ngasentshonalanga, nangasenode, nangasesuyide, kwaza akwabiko nasinye isilo esinokuma ebusweni bayo, kanjako bekungeko ohlangulayo esandleni sayo; kodwa yenza ngentando yayo, yaba nkulu.
5
Kekaloku ndisagqala nje, bona ke, inkunzi yebokwe yavela entshonalanga pezu kwobuso bomhlaba wonke, ingapati umhlaba kodwa: ibokwe leyo ibinopondo olubonakalayo pakati kwamehlo ayo.
6
Yayisiza kuyo inkunzi yegusha enempondo mbini, leyo ndabendiyibonile imi pambi kwomlambo, yabalekela kuyo ngobuṙalaṙume bamandla ayo.
7
Ndayibona isondela kufupi nenkunzi yegusha, yaza yacunukiswa ngakuyo, yayibeta inkunzi yegusha, yazapula impondo zayo zombini; kwada akwabi sabiko amandla kuyo inkunzi yegusha okuba ime pambi kwayo, koko yayiwisa pantsi emhlabeni, yayinyatela; kanjako bekungeko owahlangulayo inkunzi yegusha esandleni sayo.
8
Yada yaba nkulu kunene inkunzi yebokwe: kodwa yakuba inamandla, lwapuka olopondo lukulu, zaza zenyuka ezine ezibonakalayo endaweni yalo, ngasemimoyeni yomine yezulu.
9
Nakolunye lwazo lwapuma upondo oluncinane, olwaba lukulu ngento egqitisileyo, ngasesuyide, nangasempumalanga, nangas ezweni elihle.
10
Lwaba lukulu ngasemkosini wezulu; lwaza lwawisa ngasemhlabeni inxenye kumkosi lowo nakwinkwenkwezi, lwazinyatela.
11
Lwaluzenza lukulu nangakuyo inkosi yomkosi, kwaza kwasuswa kuyo idini elifuti, nentlalo yendawo eyingcwele yayo yawiswa pantsi.
12
Wonikelwa nomkosi, ngapezu kw edini elifuti, ngenxa yesigqito; lwaluya kuwisa pantsi inyaniso emhlabeni, lwenze nokwenza, luhambiseke kanjako.
13
Ndaza ndeva oyingcwele eteta; wati omnye oyingcwele kulowo okwa nguye owatetayo: Woba kade kangakananina umboniso ngalo idini elifuti nesigqito esicitakalisayo, ukuba kunikelwe n endawo eyingcwele nomkosi ukunyatelwa pantsi?
14
Wayesiti kum: Kwa kude kube yimihla engamawaka mabini anamakulu matatu; yandul’ ukulungiswa indawo eyingcwele.
15
Kwaza kwati, xeshekweni bendibonile umboniso, mna Danyeli, ndafuna uku wu qonda, kekaloku bona ke, kwema ngapambi kwam njengokubonakala kwendoda.
16
Ndeva nelizwi lomntu pakati kwomlambo we‐Wulai, owabizayo, wati: Gabriyeli! mqondise lo umboniso.
17
Wasuka weza kufupi apo ndema kona; ndati ke akuza, ndoyika, ndawa ebusweni bam: waza wati kum: Qonda, wena nyana woluntu! ngokuba umboniso lo ungowexesha lesipelo.
18
Kekaloku nxa asateta nam, ndawelwa butongo obukulu ndisebusweni bam ngasemhlabeni; wandula wandicu̔kumisa, wandimisa pezu kwendawo yokuma yam.
19
Wayesiti: Bona ke, ndiya kukwazisa oko okuya kubako ekugqityelweni kwengqumbo; ngokuba ixesha elimiselweyo sinesipelo.
20
Inkunzi yegusha owayibonayo inempondo mbini, bangokumkani bama‐Medi nama‐Peresiya.
21
Nebokwe elixonti, ngukumkani we‐Javane; nopondo olukulu, olo lupakati kwamehlo ayo, ngukumkani wokuqala.
22
Kekaloku ukuba lwapuka lona, nokuba kwema ezine endaweni yalo, kuya kusuka ubukumkani obune esizweni eso, kodwa akuyi kuba semandleni alo.
23
Nasekupeleni kwobukumkani bazo, bakuba abagqiti befezile ukugqita, kwosuka ukumkani, elukuni ngobuso, eqonda amaqinga.
24
Amandla ake aya kwomelela, kodwa akuyi kuba ngawake amandla: uya kutshabalalisa ngokungummangaliso, ahambiseke, enze nokwenza; waeya kutshabalalisa abanamandla nabantu abangcwele.
25
Kanjako ngobuqinga bake uya kuhambisa inkohliso esandleni sake: waeya kuzenza mkulu entliziyweni yake, atshabalalise abaninzi eluxolweni: kanjalo uya kumela inkosi kankosi; kodwa uya kwapulwa singeko isandla.
26
Kekaloku umboniso wokuhlwa nokusa, oxeliweyo, uyinene; kodwa wena, wuvalele lomboniso, ngokuba ungowemihla emininzi.
27
Ndaza mna Danyeli ndawa, ndandintsuku ndisifa; ndada ndesuka, ndawenza umsebenzi wokumkani; ndabenditelwa nqa lomboniso, kodwa akwabiko owuqondayo.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12