bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Daniel 4
Daniel 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 5 →
1
UNEBUKANETSARE ukumkani, kubo bonke abantu, izizwe, nenteto, abemiyo kuwo wonke umhlaba: Uxolo lwenu malwandiswe!
2
Imiqondiso nemimangaliso endenzelwe yona ngutixo opezu kwonke, kwakoleka kum ukuba ndiyishumayele.
3
Hai ukuba mikulu kwemiqondiso yake! hai ukuba namandla kwemimangaliso yake! ubukumkani bake bubukumkani obungunapakade, nobukosi bake bukwisizukulwana ngesizukulwana.
4
Mna Nebukanetsare bendonwabile endlwini yam, bendicu̔mile kwa seluxandeni lwam:
5
ndabona ipupa elandoyikisayo; kanjalo inkumbulo zam pezu kwomandlalo wam, nemiboniso yentloko yam zanditusa.
6
Ndaza ndawenza umteto wokuba kungeniswe onke amalumko ase‐Babilone pambi kwam, ukuze andazise ukutyilwa kwepupa elo.
7
Kwandula kwangena incibi, abanyangi, aba‐Kaledine, namatola; ndaza ndalixela ipupa ebusweni babo, kodwa abandazisa ukutyilwa kwalo.
8
Kwada ngokupela kwangena pambi kwam u‐Danyeli, ogama lingu‐Beleteshatsare, njengegama lotixo wam, okukuye umoya wotixo abangcwele; ndaza ndalixela ipupa pambi kwake, ndisiti:
9
Beleteshatsare, nkosi yencibi! ngokokuba ndisazi ukuba umoya wotixo abangcwele ukuwe, nokuba ayixaki wena nanye imfihlakalo, ndixelele imiboniso yepupa lam endilibonileyo, nokutyilwa kwalo.
10
Imiboniso yentloko yam ndipezu kwomandlalo wam, yilé: Ndakangela, kekaloku bona ke, bekuko umti pakati kwomhlaba, nobude bawo bebubukulu.
11
Wakula umti lowo, womelela ke; kanjalo ubude bawo bafikela ezulwini, nokubonwa kwawo ekupeleni kwomhlaba wonke.
12
Amagqabi awo ebemahle, neziqa̔mo zawo bezizininzi; kwabekuko kuwo ukutya okwan ele bonke: ngapantsi kwawo bezinomtunzi izilo zezindle, nasemasebeni awo zahlala intaka zezulu, lwadliswa nakuwo uluntu lwonke.
13
Ndakangela kanjako emibonisweni yentloko yam ndipezu kwomandlalo wam, kekaloku bona ke, umlindi, kwa oyingcwele, wehla ezulwini;
14
owadanduluka ngamandla, watsho ukuti: Gaulani umti lowo, niwanqumle amasebe awo; vutululani amagqabi awo, nizicite iziqa̔mo zawo; mazisuke izilo pantsi kwawo, nentaka emasebeni awo;
15
kodwa isipunzi sengcambo zawo sishiyeni emhlabeni, sinombambo wesincete nexina eluhlazini lwasendle: makanete ngombete wezulu, nesabiwo sake masibe ndawonye nezilo ebutyanini bomhlaba:
16
intliziyo yake mayiguqulwe ingabi yeyomntu, nentliziyo yesilo mayimkwe kuye; kanjalo makadlule pezu kwake amaxesha asixe̔nxe.
17
Londawo ingomgwebo wabalindi, nesisibizo singelizwi labazingcwele; ukuze abahleliyo babe nokwazi ukuba opezu kwonke uyapata ubukosi pezu kwobukumkani babantu, ebunika kulowo atandayo, ewe, emisa pezu kwabo abantu abamnyama.
18
Elipupa ndilibonile mna kumkani u‐Nebukanetsare. Ngako wena, Beleteshatsare! kuxele ukutyilwa kwalo; ngokokuba onke amalumko asebukumkanini bam akohliwe ukundazisa ukutyilwa: kodwa wena akukohliwe; ngokuba umoya wotixo abangcwele ukuwe.
19
Wandula u‐Danyeli, ogama lingu‐Beleteshatsare, wati nqa ngomzuzwana, nezicamango zake zamtusa. Wapendula ukumkani, wati: Beleteshatsare! ungetuswa lipupa nakukutyilwa kwalo. Wapendula u‐Beleteshatsare, wati: Nkosi yam! ipupa elo malibe kwabo bakutiyayo, nokutyilwa kwalo kwintshaba zako!
20
Umti ke obuwubona, owakulayo, owomelelayo, obude bawo bafikelayo ezulwini, nokubonwa kwawo emhlabeni wonke;
21
omagqabi awo abemahle, neziqa̔mo zawo bezizininzi; okwabekuko kuwo ukutya okwan ele bonke; ezazite izilo zezindle zahlala ngapantsi kwawo, nentaka zezulu zalalisa emasebeni awo;
22
unguwe, kumkani! okulileyo, owomeleleyo: ngokuba ubukulu bako bukulile, buyafikela kwa sezulwini, nobukosi bako ekupeleni kwomhlaba.
23
Kanjalo, ukuba ukumkani wabona umlindi, kwa oyingcwele, esihla ezulwini, owabesiti: Gaulani umti lowo, niwutshabalalise; kodwa isipunzi sengcambo zawo sishiyeni emhlabeni, sinombambo wesincete nexina eluhlazini lwasendle; makanete ngombete wezulu, nesabiwo sake masibe ndawonye nezilo ebutyanini bomhlaba, kude kudlule pezu kwake amaxesha asixe̔nxe;
24
kuko oku ukutyilwa, kumkani! nguwo ke umgwebo wopezu kwonke, oya kuza pezu kwenkosi yam ukumkani:
25
Uya kugxotwa ebantwini, kuti ukuhlala kwako kube ndawonye nezilo zezindle, wauya kudliswa utyani njengenkabi, wonetiswa ngumbete wezulu, kwakuya kudlula pezu kwako amaxesha asixe̔nxe, ude ukwazi ukuba opezu kwonke uyapata ubukosi pezu kwobukumkani babantu, ebunika kulowo atandayo.
26
Nokokuba kwaxelwa ukuba kushiywe isipunzi sengcambo zalomti, ubukumkani bako boba buqinile kuwe, emvenikweni uya kukwazi ukuba izulu liyapata ubukosi.
27
Ngako oko, kumkani! icebo lam malikoleke kuwe, uzikumle izono zako ngobulungisa, nenkohlakalo zako ngokupata amahlwempu ngofefe; kungati kuya kwolulwa ukwonwaba kwako.
28
Konke oku kweza pezu kwokumkani u‐Nebukanetsare.
29
Ekupeleni kwenyanga zilishumi elinambini wabehamba pezu kwoxande lwobukumkani be‐Babilone.
30
Wateta ukumkani, wati: Le asi yiyo na i‐Babilone enkulu, endiyakileyo ibe yindlu yobukumkani ngobukulu bamandla am, nangenxa yodumo lwobungcwalisa bam?
31
Nxa ilizwi elo lisesemlonyeni wokumkani, lawa ilizwi ezulwini, lisiti: Kutwa kuwe, kumkani Nebukanetsare: Ubukumkani bumkile kuwe;
32
wauya kugxotwa ebantwini, kuti ukuhlala kwako kube ndawonye nezilo zezindle; uya kudliswa utyani njengenkabi, kwakuya kudlula pezu kwako amaxesha asixe̔nxe, ude ukwazi ukuba opezu kwonke uyapata ubukosi pezu kwobukumkani babantu, ebunika kulowo atandayo.
33
Kwa ngeloxanyana yafezwa lento pezu kwo‐Nebukanetsare: wagxotwa ke ebantwini, wadla utyani njengenkabi, waneta umzimba wake ngombete wezulu, zada zakula inwele zake njeng entsiba z okozi, nenzipo zake njengezentaka.
34
Nasekupeleni kwalomihla, mna Nebukanetsare ndawapakamisa amehlo am ngasezulwini, kwati ukuqonda kwam kwabuyela kum; ndaza ndambonga opezu kwonke, ndamdumisa ndambeka lowo okuhlala kungunapakade, obukosi bubukosi obukwa ngunapakade, nobukumkani bake bukwisizukulwana ngesizukulwana:
35
bonke abemi bomhlaba bayabalwa ngokuba yinto engento; uyenza ngentando yake kwa semkosini wezulu, na pakati kwabemi bomhlaba; akuko ongabambayo isandla sake, nongati kuye: Wenza nto nina?
36
Kwa ngeloxanyana kwabuyela kum ukuqonda kwam; nangenxa yodumo lwobukumkani bam, kwabuyela kum ubungcwalisa bam nenkazimlo yam; andifuna ke amapakati am nemiduna yam; kanjako ndaqiniswa ebukumkanini bam, nobukulu obugqitisileyo bongezelelwa kum.
37
Kaloku mna Nebukanetsare ndiyamdumisa, ndiyampakamisa, ndiyambeka ukumkani wezulu, omisebenzi yake yonke iyinyaniso, nendlela zake zibubulungisa: nabo bahambayo nger̔atshi unamandla yena okubatobisa.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12