bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Daniel 11
Daniel 11
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 12 →
1
Kanjako mna, ngowokuqala umnyaka ka‐Dariyusi um‐Medi, ndema ukuba ndibe ngumomelezi nenqaba kuye.
2
Nakaloku ndoyishumayela kuwe inyaniso. Bona ke, kusaza kusuka okumkani abatatu e‐Peresiya: kanjalo owesine wotyeba ngobutyebi obukulu pezu kwabo bonke; nasekwomeleleni kwake ngobutyebi bake uya kuvusa bonke ngakubo ubukumkani base‐Javane.
3
Kwoda kusuke ukumkani onamandla, oya kupata ngobukosi obukulu, enze ngeyake intando.
4
Nxa aya kuma, boti ubukumkani bake bapulwe, bahlulelwe emimoyeni yomine yezulu, kungabi kubo abenzalo yake, kungabi njengabo ubukosi bake wabepata ngabo kanjalo: ngokuba ubukumkani bake buya kudonyulwa, bube bobabanye ngapandle kwabo aba.
5
Waeya kwomelela ukumkani wasesuyide, n enye kwinkosana zake, eya kwomelela ngapezu kwake, ipate ubukosi; ubukosi bayo boba bubukosi obukulu.
6
Nasekupeleni kweminyaka etile botelelana; ngokuba intombi yokumkani wasesuyide iya kuza kukumkani wasenode ukwenza uxolo: kodwa ayiyi kuba esabamba amandla engalo; naye akayi kuma, neyake ingalo: koko iya kunikelwa, nabo bayizisayo, nowayizalayo, nowayomelezayo ngalomaxesha.
7
Kodwa esebeni lengcambo zayo kwosuka omnye esikundleni sake, oya kuza nempi, angene enqatyeni yokumkani wasenode, enze ngakubo, eyise nokweyisa.
8
Nakanjako otixo babo, kunye nenkosi zabo, nezinto zabo ezinqwenelekileyo ezesilivere nezegolide, wozitimba azise e‐Jipete; waeya kuma yena iminyaka engapezu kweyokumkani wasenode.
9
Woda eze ebukumkanini bake ukumkani wasesuyide, abuyele elizweni lake.
10
Kodwa onyana bake baya kwenza imfazwe, basihlanganise isihlwele sempi ezinkulu; waeya kunxama ukuza omnye, akukulise, adlule nokudlula; andul’ ukubuya, enze imfazwe kude kube senqatyeni yake.
11
Waye ukumkani wasesuyide eya kucunukiswa, apume alwe naye, kwa nokumkani wasenode: uya kuku̔pa isihlwele esikulu naye; kodwa isihlwele eso sonikelwa esandleni sake.
12
Nxa sisusiwe esosihlwele, iya kupakama intliziyo yake; waeya kuwisa amawakawaka; kodwa akayi kwomelezwa noko:
13
ngokuba eya kubuya ukumkani wasenode, oya kumisa isihlwele esikulu kwesapambili; nasekupeleni kweminyaka etile, uya kunxama ukuza enempi enkulu nempahla eninzi.
14
Kanjako ngamaxesha lawo abaninzi bosukela ngakuye ukumkani wasesuyide: aeya kuzipakamisa amanyangaza abantu bako, ukuba kuqiniswe umboniso; kodwa aya kuwa.
15
Waeya kuza ukumkani wasenode, aposele induli, abambe izixeko ezinqatyisiweyo: zaye ingalo zowasesuyide zingayi kuma, nabantu bake abanyuliweyo, kanjalo akuyi kubako amandla okuma.
16
Kodwa lowo ozayo ngakuye uya kwenza ngeyake intando, kungeko namnye oya kuma ebusweni bake; waeya kuma elizweni elihle, elikugqitywa kwoba sesandleni sake.
17
Kanjako uya kubeka ubuso bake ukuza namandla obukumkani bake bonke, nabalungileyo kunye naye, enze nokwenza; waeya kumnika intombi yabafazi, efuna ukuyonakalisa; kodwa ayi kuba nokuma, ayi kuba ngecala lake kanjalo.
18
Woda aguqule ubuso bake ukuya eziqitini, abambe ezininzi: kodwa inkosi etile iya kwenza ukuyihlazisa kwake kupele, ngapandle kwokuba ukuhlazisa kwake iya kukubuyisa pezu kwake.
19
Andule asonge ubuso bake ngasezinqatyeni zelake ilizwe: kodwa uya kuku̔beka, awe, angabi senokufunyanwa.
20
Kuya kwandula kusuke esikundleni sake odlulisayo umbizi weminikelo ebungcwaliseni bobukumkani; kodwa pakati kwentsuku ezitile uya kwapuka, kungengemisindo, kungengemfazwe kanjako.
21
Woda asuke esikundleni sake odelekileyo, ekungayi kunikwa kuye ubungangamsha bobukumkani; kodwa uya kuza eluxolweni, nobukumkani uya kububamba ngezibongo.
22
Nangengalo zomsinga baya kukukuliswa pambi kwake, bapulwe nokwapulwa, nenkosi yocebano nayo.
23
Nasemva kwokuba kwenziwe ukutelelana nayo, uya kwenza ngenkohliso; waeya kunyuka azuze amandla ngento enciname yabantu.
24
Eluxolweni uya kuza nakwezityebileyo indawo zezwana; waeya kukwenza oko kungenziwanga ngoyise bake, nangoyise boyise bake; impango, namaxoba, nempahla, wozicita pakati kwabo; nangakuzo inqaba wowaqinga amaqinga ake, kwa kude kube lixesha elitile.
25
Waeya kuvusa amandla ake nentliziyo yake ngakuye ukumkani wasesuyide, enempi enkulu; naye ukumkani wasesuyide wovuselwa ukulwa, enempi enkulu, kwa into eninzi kunene: kodwa akayi kuba nokuma; ngokuba beya kuqinga ngakuye amaqinga.
26
Ewe, abo badlayo ukutya okumnandi kwake baya kumapula, nempi yake iya kukukulisa; babeya kuwa ababuleweyo abaninzi.
27
Okumkani aba bobabini intliziyo zabo zofuna ukwenza ububi, nasesitebeni sinye baya kuteta ulwimi; kodwa akuyi kuba nokuhambiseka, ngokuba kusaza kubako ukupela ngexesha elimiselweyo.
28
Uya kwandula abuyele elizweni lake enempahla into enkulu; yaiya kuti intliziyo yake ibe ngakulo ucebano olungcwele; uya kwenza nokwenza, abuyele kwelake ilizwe.
29
Ngexesha elimiselweyo uya kubuya, eze ngasesuyide; koko kungayi kuba njengokwapambili, nanjengokwasemva.
30
Ngokuba ziya kuza ngakuye inqanawa zama‐Kiti; woba nobuhlungu ngoko, abuye ke, aluqumbele ucebano olungcwele, enze nokwenza: ewe, uya kubuya, agqalele abalushiyayo ucebano olungcwele.
31
Zaziya kusuka ingalo ngenxa yake, eziya kunco̔lisa eyingcwele indawo, inqaba, zilisuse idini elifuti, ziyibeke into ezondekileyo eci̔takalisayo.
32
Nabo benzayo ngokukohlakeleyo ngakulo ucebano uya kubonakalisa ngezibongo; kodwa abantu abamaziyo utixo wabo baya kwomelela, benze nokwenza.
33
Kanjalo abo banokuqonda pakati kwabantu bobafundisa abaninzi: noko baya kuwa ngesiṙele nangelangatye, ngokutinjwa nangokupangwa, kube ntsuku.
34
Nasekuweni kwabo, baya kuncedwa ngoncedo oluncinane; baye abaninzi beya kunamatela kubo ngezibongo.
35
Nakubo abanokuqonda baya kuwa inxenye, ukubalinga, nokubahlambulula, nokubenza mhlope, kude kube lixesha lesipelo: ngokuba kusekokwexesha elimiselweyo.
36
Kanjalo uya kwenza ngentando yake ukumkani lowo; waeya kuzipakamisa, azenze mkulu ngapezu kwotixo bonke, atete izinto ezimangalisayo ngakuye utixo wotixo, ahambiseke kude kugqitywe ingqumbo: ngokuba kuya kwenziwa okumisiweyo.
37
Akayi kugqalela otixo boyise bake, nonqwenelo lwabafazi; akayi kugqalela kwa namnye utixo, kodwa wozenza mkulu pezu kwonke.
38
Notixo wenqaba uya kumenzela ubungcwalisa esikundleni sake; kwa utixo abangamazanga oyise bake uya kumenzela ubungcwalisa ngegolide, nangesilivere, nangamatye anqabileyo, nangezinto ezinqwenelekileyo.
39
Ewe, uya kwenzela inqaba ezinqatyisiweyo kunye notixo wasemzini; lowo oya kumvuma womandisela ubungcwalisa; waeya kubapatisa ubukosi pezu kwabaninzi, nelizwe wolaba ngenxa yomvuzo.
40
Nangexesha lesipelo ukumkani wasesuyide wosunduza ngakuye; waye ukumkani wasenode eya kugaleleka pezu kwake njengoqwitela, enenqwelo zokulwa, nabakweli bamahashe, nenqanawa ezininzi; waeya kungena emazweni, akukulise, adlule nokudlula,
41
wongena nasezweni elihle, n amazwe amaninzi aya kuwiswa; kodwa aya kusinda la esandleni sake, i‐Edome, ne‐Mowabi, nabazintloko zosapo luka‐Hamoni.
42
Uya kusolula isandla sake pezu kwamazwe; aliyi kusinda ilizwe le‐Jipete.
43
Waeya kuba namandla pezu kwendyebo zegolide nesilivere, napezu kwazo zonke izinto ezinqwenelekileyo zase‐Jipete: kananjalo ama‐Libiya nama‐Tiyopiya oba semikondweni yake.
44
Kodwa indaba zivela empumalanga nasenode ziya kumtusa; woti ngako apume ngomsindo omkulu ukubatshabalalisa nokubalahlela embujisweni abaninzi.
45
Nentente zekomkulu lake wozimisa pakati kwelwandle ngasentabeni entle engcwele; woda eze ekupeleni kwake, kungeko oya kumnceda.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12