bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Daniel 6
Daniel 6
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 7 →
1
KWAKOLEKA ku‐Dariyusi ukuba amise pezu kwobukumkani inkosi ezilikulu linamashumi mabini, zize zibe pezu kwobukumkani bonke;
2
napezu kwazo ezi abongama abatatu, owaye u‐Danyeli wayengowokuqala kubo; ukuze inkosi ezo zenze ingxelo kubo, aze ukumkani angabi nokwonakala kwanto.
3
Wandula u‐Danyeli lo wadlula abongama abo nenkosi ezo ngokulunga, ngokokuba umoya ogqitisileyo ubukuye; wada ukumkani wacingela ukummisa pezu kwobukumkani bonke.
4
Bandula abongama nenkosi bafuna ukuba balifumane ituba ngakuye u‐Danyeli ngendawo yobukumkani; koko bebekohlwa kufumana nalinye ituba netyala; ngokokuba ebengowenyaniso, kungafunyanwanga nasinye isiposo netyala kuye.
5
Andula ati lamadoda: Asiyi kufumana nalinye ituba ngakuye u‐Danyeli lo, ukuba asifumani into ngakuye ngawo umteto wotixo wake.
6
Bandula ababongama nenkosi babutela ekumkanini ngempitimpiti, batsho kuye ukuti: Kumkani Dariyusi, hlala uhleli kude kube ngunapakade!
7
Bonke abongama bobukumkani, amagosa nenkosi, amapakati nenkosana, bacebene kunye ukumisa ummiso wobukumkani, nokwenza umteto oqinileyo, wokokuba osukuba eya kucela ingcelo nasetixweni nasemntwini ngezintsuku zimashumi matatu, kupela acele kuwe, kumkani! uya kujulelwa emnxunyeni wengonyama.
8
Kaloku, kumkani! qinisa umteto, upaule isiba̔lo, uze ungaguqulwa, njengesiko lama‐Medi nama‐Peresiya elingenakubujiswa.
9
Ngako oko ukumkani u‐Dariyusi wapaula esosiba̔lo nomteto.
10
Kekaloku u‐Danyeli, akwazi ukuba isiba̔lo sipauliwe, wangena endlwini yake; wati, ifenstile zake zivulekile nje enkambilini yapezulu yake ngecala elingase‐Yerusaleme, waguqa ngamadolo ake katatu ngemini, watandaza, wabulela pambi kwotixo wake, njengoko fudula ekwenza.
11
Andula lamadoda abuta ngempitimpiti, afumana u‐Danyeli etandaza ekunga nokukunga pambi kwotixo wake.
12
Andula asondela, ateta pambi kwokumkani ngawo umteto wokumkani, esiti: Akupaulanga na umteto, wokokuba umntu osukuba ecela ingcelo nasetixweni nasemntwini ngezintsuku zimashumi matatu, kupela acele kuwe, kumkani! uya kujulelwa emnxunyeni wengonyama? Wapendula ukumkani wati: Yindawo eqinileyo, njengesiko lama‐Medi nama‐Peresiya elingenakubujiswa.
13
Andula ukupendula ati pambi kwokumkani: u‐Danyeli, lowa ungowaselusatsheni lwokutinjwa kwo‐Juda, akakatali nguwe, kumkani! nangumteto owupaulileyo; uyacela ingcelo yake katatu ngemini.
14
Wandula ukumkani, akuva lamazwi, wanokuziqumbela kakulu, wabeka intliziyo yake ngaku‐Danyeli ukuba amkulule; ewe kwada kwatshona ilanga wazamela ukumsindisa.
15
Andula lamadoda abutela kukumkani ngempitimpiti, ati kukumkani: Yazi, kumkani! ukuba isiko lama‐Medi nama‐Peresiya lelokuba akungeguqulwe namnye umteto nommiso awumisileyo ukumkani.
16
Wandula waxela ukumkani, baza bamzisa u‐Danyeli, bamjulela emnxunyeni wengonyama. Wateta ukumkani wati ku‐Danyeli: Utixo wako, lowo uhlala umkonza futi, yena wokukulula.
17
Kwaye kuziswa ilitye, labekwa emlonyeni womnxuma; waza ukumkani walincamatisela ngesincamatiselo sake, nangesincamatiselo semiduna yake, ukuze imvume ngaye u‐Danyeli ingabi nakuguqulwa.
18
Wandula ukumkani waya eluxandeni lwake, wadlulisa ubusuku ezila ukutya; kanjalo iziculiso bezingaziswanga pambi kwake; bemka kuye nobutongo bake.
19
Wandula ukumkani wavuka kunye nesifingo sokusa, waya ngobunxamo emnxunyeni wengonyama.
20
Wati akuba esondele emnxunyeni, wamemeza ku‐Danyeli ngelizwi elibusizi; wateta ukumkani wati ku‐Danyeli: Danyeli, sicaka sikatixo opilileyo! utixo wako, lowo uhlala umkonza futi, unamandla okukukulula ezingonyameni na?
21
Wandula u‐Danyeli wati ekumkanini: Kumkani, hlala uhleli kude kube ngunapakade!
22
Utixo wam utumile ingelosi yake, wavingca imilomo yengonyama, zaza azandenzakalisa ke; ngokokuba pambi kwake kube kufunyenwe kum okungenatyala; napambi kwako kanjalo, kumkani! andenzanga sono.
23
Wandula ukumkani wavuya kakulu ngaye, waxela ukuba u‐Danyeli makenyuswe emnxunyeni. Waza u‐Danyeli wenyuswa emnxunyeni; akwafunyanwa ke kuye nasinye isenzakalo; ngokuba ebekolwa kuye utixo wake.
24
Waxela ukumkani, kwaza kwaziswa lomadoda abemnikile u‐Danyeli ityala, ajulelwa emnxunyeni wengonyama, wona, nabantwana bawo, nabafazi bawo; zaza ingonyama zabeyisa bengekafiki pantsi emnxunyeni, nawo onke amatambo abo zawatyumza.
25
Wandula ukumkani u‐Dariyusi waba̔la kubo bonke abantu, n ezizwe, nenteto, abahleli kuwo wonke umhlaba, esiti: Uxolo malwandiswe kuni!
26
Ndiyawenza umteto, ukuba makuti kubo bonke ubukosi bobukumkani bam kungcangcazelwe kwoyikwe pambi kwotixo ka‐Danyeli: ngokuba e ngutixo opilileyo, emi ngonapakade; ubukumkani bake bobungayi kutshatyalaliswa, nobukosi bake bobako kude kube sekupeleni.
27
Uyakulula, uyasindisa nokusindisa, uyenza imiqondiso nemimangaliso ezulwini nasemhlabeni, okululeyo u‐Danyeli emandleni engonyama.
28
Kwa njalo u‐Danyeli lowa waba mkulu ebukumkanini buka‐Dariyusi, nasebukumkanini buka‐Koreshe um‐Peresiya.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12