bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Daniel 12
Daniel 12
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
1
Nangexesha elo kwosuka u‐Mikaheli, lonkosi inkulu esukayo ngenxa yosapo lwabantu bako: kwobako ixesha lobunzima, ebelingezanga libeko elinjalo kuseloko kube kuko isizwe kwada kwalixesha elo: nangeloxesha baya kusindiswa abantu bako, bonke abaya kufunyanwa beba̔liwe encwadini.
2
Baye abaninzi abaleleyo elutulini lwomhlaba beya kuvuka, abanye babe sebomini obungunapakade, nabanye babe sekuhlazekeni na sekudelweni okungunapakade.
3
Abo banokuqonda bokanya njengokukazimla kwesibakabaka, nabo bakokelayo abaninzi ebulungiseni njengenkwenkwezi, kude kube ngunapakade kanapakade.
4
Kodwa wena, Danyeli! valela lamazwi, uncamatisele lencwadi, kude kube lixesha lesipelo: bosukasuka abaninzi, kuya kwandiswa ukwazi ngako.
5
Ndaza ndakangela mna Danyeli, kekaloku bona ke, kwema abanye bebabini, omnye nganeno elugudwini lwomlambo, nomnye pesheya elugudwini lwomlambo.
6
Wayesiti omnye kwindoda eyambete izivato zeqiya, ebipezu kwamanzi omlambo: Kwoba kade kangakananina kude kube kukupela kwalemimangaliso?
7
Ndaza ndeva londoda eyambete izivato zeqiya, ebipezu kwamanzi omlambo, ukuba yapakamisa esokunene isandla sake nesokohlo sake ngasezulwini, yamfunga lowo okuhlala kungunapakade ukuti: Kwoba kokwalo ixesha, amaxesha, nesiqingata sexesha; naxeshekweni agqibileyo ukucita amandla abantu abangcwele, ziya kwandula ukugqitywa ezi zinto zonke.
8
Ndeva ke, koko ndingaqondanga: ndaza ndati: Nkosi yam! kwoba yinto nina ukupela kwezi zinto?
9
Wayesiti: Hamba, Danyeli! ngokuba evalelwe encanyatiselwe amazwi la kude kube lixesha lesipelo.
10
Abaninzi baya kuhlanjululwa, benzwe mhlope, balingwe nokulingwa; kodwa abakohlakeleyo baya kwenza ngokukohlakeleyo: baye bengayi kuqonda bonke abakohlakeleyo; kodwa abalumkileyo baya kuqonda.
11
Nasemva kwexesha lokususwa kw edini elifuti, nelokumiswa kwento ezondekileyo ecitakalisayo, kuya kubako imihla iliwaka linamakulu mabini anamashumi alitoba.
12
Unetamsanqa lowo ulindayo, ofikela kuyo imihla iliwaka linamakulu matatu anamashumi matatu anesihlanu.
13
Kodwa wena, hamba kude kubeko isipelo; ngokuba uya kupumla, ume elifeni lako, esipelweni semihla.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12