bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Hosea 1
Hosea 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 2 →
1
ILIZWI likayehova elezayo ku‐Hosheha, unyana ka‐Beri, emihleni ka‐Huziya, u‐Yotame, u‐Ahazi, n o‐Hezekiya, okumkani bo‐Juda; nasemihleni ka‐Jerobome, unyana ka‐Yohashe, ukumkani wo‐Sirayeli.
2
Ukuqala kwelizwi likayehova ngaye u‐Hosheha. Wayesiti uyehova ku‐Hosheha: Yiya, uzizekele umfazi wemibulo, nabantwana bemibulo, ngokuba ilizwe liwenzile umbulo omkulu, lahlukene noyehova nje.
3
Waza waya wamzeka u‐Gomere, intombi ka‐Dibelayime: wakaula ke, wamzalela unyana.
4
Wayesiti uyehova kuye: Mbize ngegama elingu‐Yezerele; ngokuba kuya kuba mzuzwana kodwa, ndandiya kwandula ndilohlwayele igazi lase‐Yezerele pezu kwendlu ka‐Jehu, ndipelise nobukumkani bayo indlu ka‐Sirayeli.
5
Kwakuya kuti ngomhla lowo, ukuba ndiya kwapula isipeta so‐Sirayeli emhlanjeni wase‐Yezerele.
6
Wabuya wakaula, wazala intombi; wayesiti u‐Yehova kuye: Biza igama layo ngo‐Lo‐ruhama: ngokuba ndingasayi kwalekela ukuba nenceba ngakuyo indlu ka‐Sirayeli, koko ndiya kugqibela ukubasusa.
7
Kodwa indlu ka‐Juda udoba nenceba ngakuyo, ndibasindise ngaye uyehova, utixo wabo, ndingabasindisi ngesipeta, nangeṙele, nangokulwa, ngamahashe nangabakweli bamahashe.
8
Wada walumla u‐Lo‐ruhama, wakaula, wazala unyana.
9
Wayesiti u‐Yehova: Biza igama lake ngo‐Lo‐ami; ngokuba ningengabo abantu bam, kanjalo mna andiyi kuba nguye u‐Tixo wenu.
10
Noko, usapo luka‐Sirayeli lwoba njengentlabati yolwandle, engenako ukulinganiswa nokubalwa; kwakuya kuti, endaweni ebekutiwa kulo: Aningabo abantu bam, kwotiwa kulo: Nilusapo lwotixo ohleliyo.
11
Luya kwandula usapo luka‐Juda nosapo luka‐Sirayeli luhlanganiselwe ndawonye, luzimisele intloko inye, lunyuke elizweni: ngokuba uya kuba mkulu umhla wo‐Yezerele.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14