bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Hosea 13
Hosea 13
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 14 →
1
XESHEKWENI watetayo u‐Frayime, bekuko ukunkwantya, wapakanyiswa kwa‐Sirayeli; kodwa wazeka ityala ngo‐Bali, wabuba.
2
Nakaloku bamana besona ngakumbi, bezenzele imifanekiso etyityishiweyo ngesilivere yabo, njengokuqonda kwabo, izitixo, umsebenzi wencibi upela: bati bona ngazo: Abantu ababingayo mabawange amatole.
3
Ngako oko boba njengelifu lomso, nanjengombete omkayo kusasa, njengomququ opetshulwayo sisaqwiti esibayeni, nanjengomsi opumayo esitubeni.
4
Kanti mna ndi nguyehova, utixo wako, kuselokwa selizweni le‐Jipete; ngako akuyi kwazi namnye utixo kupela mna, ngokuba kungeko msindisi ngapandle kwam.
5
Bendikwazi entlango, elizweni elinxaniweyo.
6
Njengokudliswa kwabo, bekunjalo ukuhluta kwabo; bahluta ke, yati intliziyo yabo yapakama; ngako oko bandilibala.
7
Ndaza ndaba njengengonyama kubo, ndabagqala njengengwe endleleni.
8
Ndabakaulela njengebere ehlutiweyo amatole ayo, ndaṙazula isidla sentliziyo yabo; ndabadla kona njengengonyamakazi; iṙamncwa lasendle labaqwenga.
9
Uzitshabalalisile, Sirayeli! koko uncedo lwako lukum.
10
Upina ke ukumkani wako, ukuze akusindise kuzo zonke izixeko zako? nabagwebi bako bapina, benisiti ngabo: Ndipe ukumkani nenkosi?
11
Ndakunika ukumkani ngengqumbo yam, ndamsusa ngomsindo wam.
12
Inkohlakalo ka‐Frayime ibotshiwe; isono sake sibekelwe.
13
Inimba zomfazi ozalayo zoza pezu kwake; ungunyana ongenabulumko; okanye ebengayi kuhlala kade endaweni yokutyoboza kwabantwana.
14
Ndobahlangula emandleni encw̔aba; ndobakulula ekufeni: zipina imbubiso zako, kufa? sipina isitshabalaliso sako, ncw̔aba? ukuguquka kuya kufihlwa emehlweni am.
15
Nakuba acu̔mileyo pakati kwabazalwana bake, kwoza noko umoya wasempumalanga, umoya kayehova, unyuka elubala; wauya kwoma umtombo wake, netende lake liya kutsha: uya kupanga imbekelo yempahla zonke ezinqwenelekileyo.
16
Iya kuci̔takaliswa i‐Samariya, ngokuba ivukele ngakuye utixo wayo; baya kuwa ngesiṙele; intsana zabo zotyunyuzwa, nabafazi babo abamitileyo baya kuqangqululwa.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14