bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Hosea 2
Hosea 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 3 →
1
Yitini kubazalwana benu: Ami; nakubo odade benu: Ruhama.
2
PIKANI nonyoko, pikani; ngokuba engenguye umfazi wam, kanjako andiyiyo indoda yake; ukuba akwelelise imibulo yake ebusweni bake, nemiṙexezo yake kwa pakati kwamabele ake:
3
hleze ndimhlube abe zé, ndimmise njengasemhleni wazalwayo, ndimenze njengalo ubala, ndimbeke njengelizwe elomileyo, ndimfise ngenxanwa.
4
Nabantwana bake andiyi kuba nenceba ngakubo, ngokuba bengabantwana bemibulo bona.
5
Ngokuba unina wabo enzile umbulo, owabazalayo wenzile ngento ehlazekileyo, ngokuba ebesiti: Ndolandela abatandi bam, abapayo isonka sam namanzi am, uboya bam nefelase yam, ioli yam nento zokusela zam.
6
Ngako oko, bona ke, ndobiyela indlela yako ngameva, ndolwenza udonga, ukuba angafumani imizila yake.
7
Waeya kuputuma abatandi bake, kanti akayi kufikelana nabo; wobafuna ke, kanti akayi kubafumana: uya kwandula ati: Ndoya ndibuyele kweyokuqala indoda yam, ngokuba bekulungile kum oko ngapezu kwakaloku,
8
Ngokuba ebengazi ukuba ndim owampayo inqolowa, neveyine entsha, neoli; nokuba ndamandisela isilivere negolide, ekungazo benza o‐Bali.
9
Ngako oko ndobuya nditabate inqolowa yam ngexesha layo, neveyine entsha yam ngomzuzu wayo; ndandiya kususa uboya bam nefelase yam, ezipiweyo ukugubungela ubuzé bake.
10
Nakaloku ndiya kutyila ubuhlazo bake ebusweni babatandi bake: akuko namnye oya kumhlangula esandleni sam.
11
Ndandiya kupelisa wonke umgcobo wake, imitendeleko yake, inyanga ezitwasileyo zake, nesabata zake, nazo zonke intlanganiso zake ezimiselweyo.
12
Kanjalo ndiya kuci̔takalisa imiti yake yeveyine nemikiwane yake, owati ngayo: Le ingumvuzo wam, endipiwe wona ngabatandi bam; ndandiya kuyenza ibe lihlati, nezilo zasendle zoyidla.
13
Ndomohlwayela imihla yo‐Bali, leyo wabaqu̔misela ngayo, wazihomba ngemisesane yempumlo nangezambalo, wabalandela abatandi bake, wandilibala mna, utsho uyehova.
14
Ngako oko, bona ke, ndiya kumcenga, ndimkapele entlango, nditete kuyo intliziyo yake.
15
Ndandiya kumnika imiyezo yake kwa lapo, nomhlambo we‐Hakore ube lituba letemba: waeya kuvuma kona, njengasemihleni yobutsha bake, nanjengasemhleni wenyuka ngawo elizweni le‐Jipete.
16
Kwakuya kuti ngomhla lowo, utsho uyehova, uya kundibiza ngokuti: Ishi; akusayi kundibiza ngokuti: Bali.
17
Ngokuba ndiya kususa amagama o‐Bali emlonyeni wake, baye bona bengasayi kukunjulwa ngegama labo.
18
Ndandiya kuti ngomhla lowo ndibenzele ucebano kunye nezilo zasendle, nakunye nentaka zezulu nezinambuzane zomhlaba: nesipeta, nesiṙele, n ezixo̔bo zokulwa, ndozapula ndiziku̔pe elizweni, ndandiya kubenza bati tyambalala ngokunqaba.
19
Ndokuxamela kum kude kube ngunapakade; ndokuxamela kum kwa ngobulungisa, nangobugwebo, nangobubele, nangenceba.
20
Ewe, ndokuxamela kum ngenyaniso; wauya kumazi uyehova.
21
Kwakuya kuti ngomhla lowo, ndiya kupendula, utsho uyehova, ndiya kupendula amazulu, nawo wona opendula umhlaba,
22
nomhlaba wopendula inqolowa, neveyine entsha, neoli, nazo zona ziya kupendula i‐Yezerele.
23
Ndandiya kuyihlwayelela mna emhlabeni, ndoba nenceba ngakuye u‐Lo‐ruhama; ndandiya kuti ku‐Lo‐ami: Wena ungabantu bam; boti bona: Tixo wam!
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14