bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Hosea 8
Hosea 8
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 9 →
1
IXILONGO libeke emlonyeni wako: woza njengokozi ngakuyo indlu kayehova; ngokuba begqitile ucebano lwam, bevukele ngakuwo umteto wam.
2
Baya kukala kum, besiti: Tixo wam! siyakwazi tina Sirayeli.
3
U‐Sirayeli ulahlile okulungileyo; utshaba luya kumputuma.
4
Benza okumkani, kodwa bekungengam; bamisa inkosi, kodwa mna bendingazazi: bazenzele izitixo ngayo isilivere yabo negolide yabo, ukuze banqanyulwe.
5
Itole lako, Samariya! liyintshontsho; ingqumbo yam iyavuta ngakubo: baya kukohlwa kukuba ngcwele kude kube ninina?
6
Ngokuba bekuvela kwa‐Sirayeli kwa lona: incibi yalenza; alinguye utixo lona: ngenyaniso itole lase‐Samariya loba ngamaqekeza.
7
Ngokuba behlwayele umoya, kukona baya kuvuna isaqwiti: akuko izela kubo; okuhlumayo akuyi kuwenza umgubo: ukuba umhlaumbi kuyawenza, abasemzini bowuginya.
8
Baginyiwe o‐Sirayeli; bako kaloku pakati kwabaheyideni, njengesitya ekungeko inyamekelo kuso.
9
Ngokuba benyukele e‐Asiriya njeng eqwaṙa elilodwa: u‐Frayime ubaqeshile abatandi ngamabaso.
10
Kodwa nakuba baqeshileyo ngamabaso pakati kwabaheyideni, ndoti kaloku ndibabute; babeya kuva ubuhlungu umzuzwana, ngenxa yomtwalo wokumkani wenkosana.
11
Ngokuba u‐Frayime ezandisile izibingelo zokwona, kwobako kuye izibingelo zokwona.
12
Ndimba̔lele indawo ezinkulu zomteto wam, kodwa zibe zibalwa njengento yasemzini.
13
Imibingo yeminikelo yam, bayabinga inyama, bayidle; kodwa uyehova akayibuki: kwa kaloku uya kukumbula ukukohlakala kwabo, ohlwayele izono zabo: bobuyela e‐Jipete.
14
Ngokuba u‐Sirayeli emlibele umenzi wake, wazaka itempile; no‐Juda uzandisile izixeko ezinqatyisiweyo: kodwa ndiya kutuma umlilo pezu kwezixeko zake, oya kuzidla izindlukazi zazo.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14