bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Hosea 5
Hosea 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 6 →
1
YIVANI oku, baperisite! nipulapule, ndlu ka‐Sirayeli! bekani indlebe nani, ndlu yokumkani! ngokuba umgwebo ungakuni, ngenxa yokuba beningumgibe e‐Mitsipa, notambo olwanekiweyo pezu kwe‐Tabore.
2
Abapambuki bandisile ukubinga, kodwa ndoba ngumohlwayi kubo bona bonke.
3
U‐Frayime ndiyamazi, no‐Sirayeli akandifihlelwanga; ngokuba kaloku, Frayime! uwenza umbulo, u‐Sirayeli unco̔lisekile.
4
Ababekisi izenzo zabo ukuba babuyele kutixo wabo; ngokuba umoya wemibulo upakati kwabo, noyehova abamazanga.
5
Ir̔atshi lika‐Sirayeli liyanqi̔na ngasebusweni bake; ngako u‐Sirayeli no‐Frayime bowa ngenkohlakalo yabo; no‐Juda uya kuwa kunye nabo.
6
Kunye nezimvu zabo, nakunye nenkomo zabo, boya ukumfuna uyehova: kodwa abayi kumfumana: usukile kubo.
7
Benzile ngobuxoki ngakuye uyehova; ngokuba bezele abantwana basemzini: kaloku inyanga nye yodla bona nezabiwo zabo.
8
Vutelani ngopondo e‐Gibeha na ngexilongo e‐Rama; memezani e‐Betavene: emva kwako, Benjamine!
9
I‐Frayime yoba yingci̔takalo emhleni wokwohlwaywa; pakati kwezizwe zo‐Sirayeli ndikwazisile oko kuqinileyo.
10
Inkosi zakwa‐Juda ziyafana nabo abashenxisa umda; ndogalela pezu kwazo umsindo wam njengamanzi.
11
U‐Frayime ubandezelwe, uncinezelwe ekugwetyweni; ngokuba wavumayo, walandela ingxelo.
12
Ngako mna ndoba njengenundu ku‐Frayime, nanjengokubola kwindlu ka‐Juda.
13
Wada u‐Frayime wabona isifo sake, no‐Juda inxeba lake; wandula waya u‐Frayime e‐Asiriya; watuma kuye ukumkani opikayo; kodwa yena wakohlwa ukunipilisa, akanipolisela inxeba lenu.
14
Ngokuba ndiya kuba njengengonyama ku‐Frayime, nanjengengonyama entsha kwindlu ka‐Juda; mna, mna ndiya kuqwenga, ndimke ke; ndosusa, kungeko oya kuhlangula.
15
Ndiya kumka, ndiya kubuyela endaweni yam, bade balivume ityala labo, bafune ubuso bam: nxa basebunzimeni, bondifuna ngokuku̔teleyo.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14