bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Hosea 4
Hosea 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 5 →
1
YIVANI ilizwi likayehova, lusapo luka‐Sirayeli! ngokuba uyehova enepike nabemi belizwe; ngenxa yokuba kungeko inyaniso, nobubele, nokwaziwa kukatixo elizweni.
2
Ngokuqalekisa, nangokuxoka, nangokubulala, nangokuba̔, nangokuṙexeza, batyobozile, negazi liyafikelana negazi.
3
Ngako oko ilizwe liya kulila, nabo bonke abemiyo kulo bocubuka kunye nezilo zasendle, nakunye nentaka zezulu; zaziya kususwa nentlanzi zolwandle.
4
Noko makangapiki namnye umntu, kanjako makangamohlwayi omnye; ngokuba abantu bako benjengabo bapikayo nomperisite.
5
Ngako uya kuwa emini, nomprofite uya kuwa kunye nawe ebusuku; ndandiya kutshabalalisa unyoko wako.
6
Abantu bam bayabujiswa ngokuswela ukwazi: ngokuba wena ulahlile ukwazi, nam ndiya kulahla wena, uze ungabi ngumperisite kum; ulibele umteto wotixo wako nje, nam ndolibala abantwana bako.
7
Njengokwandiswa kwabo, kwaba njalo ukundona kwabo: ubungcwalisa babo ndobuguqula bube lihlazo.
8
Isono sabantu bam bayasidla, nenkohlakalo yabo bayayilangazelela.
9
Kwoti ke, njengokuba benjalo abantu, woba njalo umperisite; ndiya kuyohlwayela pezu kwabo imikwa yabo, nezenzo zabo ndozipindezela kubo.
10
Ngokuba beya kutya, kanti abayi kuhlutiswa; bowenza umbulo, kanti abayi kwanda; ngenxa yokuba bayekile ukumbeka uyehova.
11
Umbulo, neveyine, neveyine entsha, ziyayisusa intliziyo.
12
Abantu bam bayabuza emtini wabo, nentonga yabo iyashumayela kubo; ngokuba umoya wemibulo ubalahlekisile; bemkile ngapantsi kwotixo wabo ngombulo.
13
Bayabingelela pezu kwentloko zentaba, napezu kwenduli bayaqu̔misa; ngapantsi kweyeke, nelibene, neterebinte, ngokuba umtunzi wazo umnandi: ngako oko intombi zenu ziyawenza umbulo, nomolokazana benu bayaṙexeza.
14
Andiyi kwohlwaya intombi zenu zakuwenza umbulo, nomolokazana benu bakuṙexeza; ngokuba kwa bona bepambukelana nabapinyiswa, bebingelelana nengnawokazi: kodwa abantu abangaqiqiyo baya kuwiswa pantsi.
15
Nangona wena, Sirayeli! wenza umbulo, makangabi natyala u‐Juda; zeningezi e‐Gilegale, kanjako ningenyukeli e‐Betavene, zeningafungi ngokuti: Uhleli uyehova.
16
Ngokuba u‐Sirayeli enenkani, njengalo itokazi elinenkani; kaloku uyehova wobadlisa, njengemvana endaweni ebanzi.
17
U‐Frayime utelelwe kwizitixo: myeke.
18
Bati, nxa kupelile ukusela kwabo, bahlale besenza umbulo; amakaka alo ayatanda ihlazo kakulu.
19
Umoya ulibopile emapikweni awo, ukuba badanele imibingo yabo.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14