bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Hosea 9
Hosea 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 10 →
1
UNGAVUYI, Sirayeli! kude kuvuyelelwe, njengezizwe: ngokuba umkile kutixo wako ngombulo; uwutandile umvuzo ezibayeni zonke zenqolowa.
2
Isibaya nesincinezelo seveyine aziyi kubamkelisa ukutya, neveyine entsha yona yobatshitshela.
3
Abayi kuhlala elizweni likayehova; kodwa u‐Frayime wobuyela e‐Jipete, nase‐Asiriya baya kukudla okunco̔lileyo.
4
Abayi kutululela uyehova iveyine, kanjalo ayiyi kuba mnandi kuye imibingo yabo; yoba njengesonka sabalusizi kubo; bonke abadlayo kuso baya kunco̔liswa: ngokuba isonka sabo soba sesompefumlo wabo; asiyi kungena endlwini kayehova.
5
Seniya kwenza nto nina emhleni wentlanganisano, nasemhleni womtendeleko kayehova?
6
Ngokuba, bona ke, bemkile ngenxa yembubiso; i‐Jipete yobabuta, i‐Mofe yobancw̔aba; indawo ezinqwenelekileyo zesilivere yabo, amaṙau ozifuya; ameva oba sezintenteni zabo.
7
Imihla yokwohlwaya seifikile, imihla yokupindezela seifikile; u‐Sirayeli uya kuyazi: umprofite usisidenge, umntu womoya uyageza, ngenxa yobuninzi benkohlakalo yako, na ngenxa yenzondo enkulu.
8
Umlindi ka‐Frayime u notixo wam; kodwa umprofite usisigu somtiyeli wentaka ezindleleni zake zonke, uyinzondo endlwini yotixo wake.
9
Bandisile ukuzonakalisa, njengasemihleni ye‐Gibeha: woyikumbula inkohlakalo yabo, uya kwohlwayela izono zabo.
10
Ndamfumana u‐Sirayeli njengedreyive entlango; ndababona oyihlo benu njengolibo lwomkiwane ekuqaleni kwa lo; kodwa baya ku‐Bali‐pehori, bazahlulela kwelohlazo; baba buntshontsho, njengoko bakutandayo.
11
U‐Frayime, ubungcwalisa babo bobaleka njengentaka, kwa sekuzalweni, nasesizalweni, nasekukaulweni.
12
Nakuba bakulisa abantwana, sendiya kubahluta bona, bangabiko pakati kwabantu: koko kuya kuba nzima kubo, nxa ndimkayo kubo!
13
U‐Frayime, njengokuba ndabona i‐Tire, utyaliwe endaweni emnandi; kodwa u‐Frayime wopuma nabantwana bake ukuya kumbulali.
14
Banike, Yehova! uya kunika nto nina? banike isisu esipumayo, namabele omileyo.
15
Yonke inkohlakalo yabo ise‐Gilegale; ngokuba apo ndabatiya; ngenxa yenkohlakalo yezenzo zabo, ndobagxota endlwini yam; andisayi kubuya ndibatande; zonke inkosana zabo zingabanenkani.
16
U‐Frayime ubetiwe, ingcambo yabo yomile; abayi kuhlanza iziqa̔mo: ewe, nangona bazalayo, ndoti noko ndikufise okutandekileyo kwesizalo sabo.
17
Utixo wam wobalahla, ngokuba bengampulapulanga: boba ngamadungadunga pakati kwezizwe.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14