bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Hosea 7
Hosea 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 8 →
1
EKUBUYISENI kwam ukutinjwa kwabantu bam, nxa bendipilisa u‐Sirayeli, kwandula kwatyilwa ukwona kuka‐Frayime, nezenzo ezikohlakeleyo ze‐Samariya; ngokuba benzile ngenkohliso; isela liyangena, iqela lamabada liyapanga ngapandle.
2
Abatsho entliziyweni yabo ukuti, konke ukukohlakala kwabo ndikukumbule; kaloku izenzo zabo ziyabaṙaula; ziko pambi kwobuso bam.
3
Bayavuyisa ukumkani ngenkohlakalo yabo, nenkosana ngelwimi zabo.
4
Bangabaṙexezi bonke; banjengeziko lifudunyezwe ngumoji; oyekayo ukukwezela, emva kwokuyibuca intlama, ide ifukukiswe.
5
Ngomhla wokumkani wetu, inkosana ziya m enzela isifo ngobushushu beveyine; uyazolula izandla zake kunye nabagxeki.
6
Ngokuba zisondeza intliziyo yazo, njengeziko, ekulaleleni kwazo; umoji wazo uyalala butongo ubusuku bonke; kwakusa iyatsha njengomlilo odangazelayo.
7
Bashushu bonke njengeziko, bayabadla abagwebi babo; okumkani babo bawile bonke: akuko namnye pakati kwabo obizayo kum.
8
U‐Frayime uyazidibanisa nezizwe; u‐Frayime usisonkana esingapetulwanga.
9
Abasemzini bayawadla amandla ake, kanti yena akazi; ewe, izimvi zite sa pezu kwake, kanti yena akazi.
10
Ir̔atshi lika‐Sirayeli liyanqi̔na ngasebusweni bake; kodwa abaguqukeli kuyehova utixo wabo, abamfuni kanjalo ngako oku konke.
11
U‐Frayime unjengehobe elinyabileyo, lingenangqondo; bayabizela e‐Jipete, bayaya e‐Asiriya.
12
Nxa bayayo, ndolwaneka pezu kwabo utambo lwam; ndobahlisa njengentaka zezulu; ndobabeta, njengokuba kuviwe entlanganisweni yabo.
13
Makube nzima kubo! ngokuba bendibalekile; imbujiswa maibe pezu kwabo! ngokuba beqipukelene nam; nangona ndim owabakululayo, bate bona noko baziteta ilwimi ngakum.
14
Abakalanga kum ngentliziyo yabo, nxa balilayo ezililini zabo: bayabutelana ngenxa yenqolowa neveyine entsha; bayahlukana nam.
15
Ndi ba lulekile; ndizomelezile ingalo zabo; bayandiqingela okubi noko.
16
Bayaguquka, kodwa aba guquk eli kopezu kwonke; banjengesipeta esikohlisayo; inkosi zabo zowa ngesiṙele, ngenxa yokuṙala kwolwimi lwazo: oku kwoba sisihlekiswa sabo elizweni le‐Jipete.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14