bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Hosea 1
Hosea 1
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 2 →
1
Nali ilizwi *likaNdikhoyo elafikela uHosiya unyana kaBheri ngexesha looUziya, uYotam, uAhazi, noHezekiya, ookumkani bakwaJuda, kunye noJerobhowam unyana kaYowashe ukumkani wakwaSirayeli.
2
Ekusunguleni kokuthetha *kukaNdikhoyo ngomlomo kaHosiya uNdikhoyo wathi kuye: “Hamba utshate umfazi wobuhenyu oya kukuzalela abantwana bobuhenyu, kuba abantu beli lizwe nabo bahenyuzile ngokugqithisileyo bakreqa kuNdikhoyo.”
3
Ngoko ke uHosiya wathatha uGomere intombi kaDibhelayim, yaza ke yamitha, yamzalela unyana.
4
UNdikhoyo ke wathi kuHosiya: “Mthiye igama elinguYizereli. Kaloku sekumbovu ukuba ndiyohlwaye indlu kaYehu ngenxa yobutyadidi begazi elaphalazwa eYizereli. Ewe, ndiza kubuphelisa ubukumkani endlwini kaSirayeli.
5
Ngaloo mini ke kwintili eyiYizereli ndiya kuwaphul' iimpondo umkhosi kaSirayeli.”
6
UGomere waphinda wamitha, waza wazala intombi. UNdikhoyo wathi kuHosiya: “Mthiye igama elinguAkenzelwanga-nceba, kuba kaloku andiyi kuba saphinda ndiyenzele inceba indlu kaSirayeli, ndingaphindi ndiyixolele nokuyixolela.
7
Kambe ke inceba yam iya kuthi rhoqo kwindlu kaJuda, ndiyihlangule ngoNdikhoyo uThixo wayo, kungengasaphetha nakrele, kungengamfazwe, kungengamahashe nabakhweli bawo.”
8
Akumlumla ke uGomere uAkenzelwanga-nceba, wamitha kwakhona, wazala unyana.
9
UNdikhoyo wathi: “Mthiye igama elinguAsibantubam, kuba aningabo abantu bam, ibe nam ndingenguye owenu.”
10
“Kambe ke amaSirayeli oba yinyambalala efana nentlabathi elunxwemeni lolwandle engenakulinganiswa nakubalwa ngenxa yobuninzi. Kuloo ndawo ebekufudula kusithiwa kuwo: ‘Aningobantu bam,’ kothiwa: ‘Ningoonyana bakaThixo ophilayo.’
11
Abantu bendlu kaJuda nâbo bendlu kaSirayeli baya kumanywa. Baya kuzimisela inkokheli ibe nye, babe ngabemi belizwe lakowabo. Ewe kaloku, yoba nkulu imini yeYizereli!
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14