bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Hosea 14
Hosea 14
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
1
Khanibuye kaloku, maSirayeli; buyelani *kuNdikhoyo, kuThixo wenu. Kaloku niwile ngenxa yezono zenu.
2
Thathani la mazwi nibuyele kuNdikhoyo, nithethe naye nithi: “Sixolele bonke ubugwenxa bethu, uze wamkele okulungileyo; endaweni yeenkunzi zeenkomo sinikela kuwe ngamazwi emilebe yethu.
3
Akanakusisindisa uAsiriya; asiyi kukhwela mahashe emfazwe. Asiphindi sithi: ‘Thixo wethu,’ entweni esiyenze ngokwethu, kuba kukuwe apho inkedama ifumana inceba khona.”
4
“Ndiza kukunyanga ukunxaxha kwabo, ndibavave ngesisa sothando, kuba kaloku andisabaqumbelanga.
5
KuSirayeli ndoba njengombethe, atsho aqhakaze njengenyibiba, endele azike emhlabeni, afane nomsedare waseLebhanon.
6
Amasebe akhe aya kunaba, abe nomkhitha njengomnquma, aqhole njengomsedare waseLebhanon.
7
Abaphila phantsi kwephiko lakhe baya kuchuma njengengqolowa, badubule njengediliya, badume njengewayini yaseLebhanon.
8
Efrayim, andinanto yakwenza *nezithixo. Ndim osabelayo akukhathalele; ndifana nompayini ohlal' uluhlaza. Kungenxa yam uneziqhamo nje.”
9
Osisilumko uya kuziqonda ezi zinto; oqaphelayo uya kukwazi oku. Iindlela *zikaNdikhoyo zithe ngqo. Ke amalungisa ahamba ngazo; ke bona abakreqi ziyabakhubekisa.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14