bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Hosea 6
Hosea 6
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 7 →
1
“Yizani kaloku, sibuyele *kuNdikhoyo. Ewe, yena usidlakazile, kodwa usenako ukubuya asinyange. Ngenene yena usenzakalisile, ukanti ke angabuya asibophe.
2
Emva kweentsuku ezimbini wosidlisa ubomi, ngolwesithathu ke asivuse, sitsho siphile phambi kwakhe.
3
Hayi ke, masimvume uNdikhoyo; ewe, masikuxunele ukumazi. Ukubonakala kwakhe kuqiniseke njengokuphuma kwelanga. Uya kusifikela njengemvula yasebusika – njengeemvula zentlakohlaza ezinyakamisa umhlaba.”
4
“Mandikuthini na kodwa, Efrayim? Mandenze ntoni na ngawe, Juda? Uthando lwenu lunjengenkungu yakusasa, nqwa nombethe othi shwaka kwangoko.
5
Ngoko ke ndaninqunqa ngabashumayeli bam; ewe, ndinixhelile ngamazwi am, isigwebo silenya njengombane phezu kwenu.
6
Kaloku ndithanda inceba, andithandi minikelo. Ndinonelele ukwazi uThixo ngaphezu kwamadini atshiswayo.
7
EAdam bawaphula umnqophiso; ewe, khona basuka baqhankqalaza.
8
IGiliyadi sisixeko sabenza ububi, umzila weenyawo zayo umtyibilizi ligazi.
9
Njengezihange ezilalel' umntu nababingeleli sisigqubu esikwanjalo, nasendleleni eya eShekem kulapho bagwinta khona. Ewe, benza izinto ezimanyumnyezi.
10
Kwindlu kaSirayeli ndibone into enkwantyisayo; kulapho ahenyuza khona uEfrayim. Awu, yeka ukuxabheleka kukaSirayeli!
11
Nakuwe kambe, ndlundini kaJuda, uyeza umhla wesivuno. “Ndakuba ndizimisele ukubabuyisela kundalashe abantu bam,
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14