bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Hosea 9
Hosea 9
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 10 →
1
Musa ukonwaba, Sirayeli; ewe, sukuvuya njengezinye izizwe. Kaloku wena umphambile uThixo wakho; wena usuke wamfulathela. Uthe phithi yimali yokuzithengisa kuzo zonke izanda zokubhula.
2
Izanda nezixovulelo aziyi kuvelisa nto, newayini entsha yosuka inqongophale.
3
Awuzukuhlala kulo mhlaba *kaNdikhoyo. Ewe, úza kuphindela eJiputa uEfrayim; uya kutya ukutya okunomlaza eAsiriya.
4
Ewe, uNdikhoyo abayi kumenzela iminikelo yewayini; ayiyi kumanelisa iminikelo yabo. Kubo lo mnikelo wofana nesonka sabazili – abawutyileyo baya kuba nomlaza. Ukutya kwabo kolungela bona kuphela – akuyi kunikelwa kwindlu kaNdikhoyo.
5
Hee, niya kwenza ntoni ke ngemihla yemibhiyozo emisiweyo, ngomhla wetheko likaNdikhoyo?
6
Xa bangasindiyo ekutshatyalalisweni iJiputa yofika yona ibaqokelele, ke yena uMemfisi abangcwabe. Ubutyebi besiliva buya kukhulelwa lukhula, imizi yabo ibhijelwe yimithana enameva.
7
Iyeza imihla yesohlwayo – nditsho imihla yembuyekezo – noSirayeli ke uza kuqonda. Ngenxa yokwanda kobugwenxa benu, nobunzulu bentiyo yenu, *umshumayeli nithi sisityhakala, umntu onefuthe likaMoya uphambene.
8
Umshumayeli ngumlindi kaEfrayim, bantu abo bangaboThixo wam, kodwa ubekelwa izabatha, kuliwe naye endlwini yoThixo wakhe.
9
Ewe, bonakele ngokungathethekiyo; kunjengaloo mihla yaseGibheya. UThixo akabulibalanga ubugwenxa babo, yaye ke uza kubohlwaya ngenxa yezono zabo.
10
Ndathi mhla ndamfumana uSirayeli kwanga ndibhaqe iidiliya entlango; mhla ndabafumana ookhokho benu yaba ngathi ndibhaqe amakhiwane, makhiwane ke alulibo. Bathe bakufika eBhali-pehore suka bazinikela kuBhali, baza bagqwaliseka njengaye kum.
11
Udumo lukaEfrayim lothi shwaka, luntinge lumke njengentaka. Akukho mfazi uya kukhulelwa; ewe, akukho mfazi uya kubeleka.
12
Naxa benabo abantwana abakhulayo ndobatshayela kuthi tu. Mawo-o-o! Yeka mhla ndabafulathela!
13
Ndambona uEfrayim enjengeTire, emi kwisithabazi somhlaba. Kambe abantwana bakhe baya kuzingelwa, bona boba zizisulu zokubulawa.
14
Azi ndothini na *kuNdikhoyo? Mandithi banike ntoni na kodwa? Izizalo ezingaphathi nto; amabele awomileyo.
15
Ngenxa yezono abazenza eGiligali mna ndatsho ndabacaphukela. Ngenxa yezenzo zabo ezigwenxa ndiza kubagxotha endlwini yam. Ukubathanda kwam kwaphusile; kaloku iinkokheli zabo zindivukele.
16
Ngenene uEfrayim uphanzile, womile ukususela ezingcanjini; ewe, akathwali ziqhamo. Noba angade azale ndoyibhubhisa loo nzala ayithandayo.
17
UThixo wam wabalahla kwesinomhlwa; kaloku bona abamphulaphulanga. Ngoko ke boba ziimbacu ezizweni.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14