bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Hosea 12
Hosea 12
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 13 →
1
UEfrayim walusana nomoya; usukelana nolophu lwasempuma; imini yonke wandisa ubuxoki nobubhoja. Yena unqophisana neAsiriya; nango amafutha omnquma ewasa eJiputa.
2
*UNdikhoyo umangalela uJuda; uYakobi womohlwaya ngezono zakhe, ambuyekeze ngezinto azenzileyo.
3
Engekaveli wabamba umntakwabo, wamthi nqaku ngesithende. Ebudodeni wabambana noThixo,
4
wajijisana nesithunywa woyisa, wakhala ecela inceba. Wahlangana noThixo eBhetele, waza wathetha-thethana naye khona apho –
5
uNdikhoyo uThixo uSomandla. Gama lakhe ke nguNdikhoyo; uthuthwa ngalo xa enqulwa.
6
Ngoko ke buyela kuThixo wakho; gcina uthando nobulungisa, uhlale uthembele kuThixo wakho.
7
Isikali somrhwebi sesobuqhophololo; yena uthanda ukuxhaphaza.
8
Kodwa uEfrayim uthi: “Ndimi kakuhle, ndisisinhanha. Ekuzityebiseni kwam akukho bugwenxa nasono esinokufunyanwa.”
9
“NdinguNdikhoyo uThixo wakho owakukhuphulula kwelaseJiputa. Ndophinda ndinihlalise ezintenteni njengakwimihla yamatheko amisiweyo.
10
Ndim owathetha nabashumayeli, ndabathi jize ngemibono, ndathetha ngemizekeliso ngemilomo yabo.”
11
IGiliyadi ibimi kakuhle, kodwa ngoku ayisento yanto. Koba njalo naseGiligali – noxa kwakubingelelwa ngeenkunzi khona amaqonga ayo ofana neengqumba zamatye, nditsho ezo zikumasimi alinyiweyo.
12
UYakobi wabhacela kwa-Aram, uSirayeli wamsebenzela umfazi – ukuze amlobole walusa iigusha.
13
UNdikhoyo wasebenzisa *umshumayeli ukukhupha uSirayeli eJiputa; ewe, wabalondoloza ngomshumayeli.
14
Kodwa uEfrayim umcaphukise gqitha. Ngoko ke ityala legazi liza kumfumana, iNkosi yakhe imbuyekeze ngehlazo alenzileyo.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14